Inqaku Labaselula
Isifundo Ngenceba KaThixo
UYONA—ICANDELO 2
Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zingezantsi kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengokuba uzifunda, zibone nawe ulapho. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve bethetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu ekuthethwa ngabo.
1 HLALUTYA ESI SIGANEKO—FUNDA UYONA 3:1–4:11.
Ucinga ukuba wayevakalelwa njani uYona njengoko wayengena kwisixeko saseNinive?
․․․․․
Ucinga ukuba lalivakala njani ilizwi likaYona njengoko wayechaza umgwebo kaYehova?
․․․․․
Inokuba wayephazanyiswa yintoni uYona njengoko wayehleli ngaphandle kwesixeko? (Funda uYona 4:5-8.)
․․․․․
2 CINGISISA.
Inokuba yintoni eyenza uYona wafuna uYehova ayitshabalalise iNinive?
․․․․․
Phanda ezi zinto zilandelayo kwiincwadi onazo (1) unjani umhlavuthwa, nokuthi (2) kwakuthetha ntoni ukuzigquma kukakumkani waseNinive ngerhonya kunye nokuhlala phantsi eluthuthwini.
․․․․․
Kutheni kunokuthiwa uYona wayengumprofeti onyanisekileyo nokhaliphileyo nangona wayemdolw’ anzima ukuya eNinive ekuqaleni? (Mateyu 21:28-31)
․․․․․
3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .
Ngokuba abantu bayakwazi ukuyeka ukwenza izinto ezimbi.
․․․․․
Ngenceba kaYehova.
․․․․․
Ngokuba kufuneka sibe nenceba.
․․․․․
4 YINTONI OYITHANDILEYO KWELI BALI YAYE KUTHENI UYITHANDA NJE?
․․․․․
Ukuba ufuna ulwazi olungakumbi funda iMboniselo ka-Aprili 1, 2009, kwiphepha 14-18.
FUNDA EZINYE IIMPAPASHO ZEBHAYIBHILE KWI-INTERNET www.watchtower.org