Ngaba Ubusazi?
Bubuphi obunye ubungqina bokuba uYesu wayengumntu wokwenene ngaphandle kobo buseBhayibhileni?
▪ Kukho ababhali ababephila malunga nexesha likaYesu abathethayo ngaye. Omnye wabo nguCornelius Tacitus, owabhala imbali yamaRoma yexesha labalawuli. UTacitus uthi kwakukho amarhe okuba nguMlawuli uNero owabangela umlilo owatshisa iRoma ngowama-64 C.E. UTacitus uthi uNero watyhola iqela elalibizwa ngokuba ngamaKristu. Uphinda athi: “UChristus, elivela kuye eli gama elithi amaKristu, wabulawa nguPontiyo Pilato ngexesha lokulawula kukaTibheriyo Kesare.”—Annals, XV, 44.
Umbhali-mbali ongumYuda uFlavius Josephus naye uyathetha ngoYesu. Xa wayethetha ngeziganeko ezenzeka phakathi kokufa kukaFesto, umlawuli waseRoma owayelawula iphondo lakwaYuda malunga nowama-62 C.E., nokufika kuka-Albinus owayeza kungena ezihlangwini zakhe, uJosephus uthi uMbingeleli oMkhulu uAnas “wabiza intlanganiso yabagwebi beSanhedrin waza wamisa phambi kwabo indoda ekuthiwa nguYakobi umntakwaboYesu ekuthiwa nguKristu, nabanye abathile.”—Jewish Antiquities, XX, 200 (ix, 1).
Kwakutheni ukuze uYesu kuthiwe nguKristu?
▪ Iincwadi zeVangeli zithi xa ingelosi uGabriyeli yafika kuMariya ize kumchazela ukuba wayeza kukhulelwa, yamyalela ukuba loo mntwana amthiye igama elinguYesu. (Luka 1:31) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile eli yayiligama eliqhelekileyo kumaYuda. Umbhali-mbali ongumYuda uJosephus, wabhala nangabanye abantu abali-12 ababenelo gama, nangona kungathethwa ngabo eBhayibhileni. Unyana kaMariya kwakusithiwa “ngumNazarete” nto leyo ebonisa ukuba wayenguYesu waseNazarete. (Marko 10:47) Waphinda wabizwa ngokuba “nguKristu” okanye uYesu Kristu. (Mateyu 16:16) Lithetha ukuthini igama elithi Kristu?
Igama lesiXhosa elithi Kristu livela kwelesiGrike elithetha into enye nelesiHebhere elithi Ma·shiʹach (Mesiya). Omabini la magama athetha “uMthanjiswa.” Bakho nabanye abantu ababebizwa ngeli gama ngaphambi kwexesha likaYesu. Ngokomzekelo, uMoses, uAron noKumkani uDavide bonke kwakusithiwa ngabathanjiswa, nto leyo ethetha ukuba babemiselwe nguThixo kwizikhundla zabo. (Levitikus 4:3; 8:12; 2 Samuweli 22:51; Hebhere 11:24-26) UYesu, uMesiya ekwakuprofetwe ngaye, wayengoyena mmeli uphambili kaYehova. Kungenxa yoko uYesu wayebizwa ngokuba “nguKristu, uNyana woThixo ophilayo.”—Mateyu 16:16; Daniyeli 9:25.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umfanekiso kaFlavius Josephus