IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 7/1 iphe. 3
  • Ngaba Unokumazi Ngegama UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Unokumazi Ngegama UThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Igama LikaThixo
    Vukani!—2017
  • Indlela Onokulazi Ngayo Igama LikaThixo
    Vukani!—2004
  • Isizathu Sokuba Simele Silazi IGama LikaThixo
    Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Ngonaphakade
  • Kutheni Sifanele Silisebenzise Igama LikaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 7/1 iphe. 3

Ngaba Unokumazi Ngegama UThixo?

Liwonga elikhulu ukuvunyelwa ngumntu obalulekileyo ukuba umbize ngegama lakhe xa umbulisa. Izihandiba zidla ngokubizwa ngamagama afana nelithi “Mongameli,” “Mntwan’ Omhle,” okanye kuthiwe “Mhlekazi Obekekileyo.” Ngoko ke, ubuya kuziva uwongiwe ukuba umntu okwisikhundla esiphezulu ebenokuthi “Ungandibiza nje ngegama lam.”

KWILIZWI lakhe iBhayibhile, uThixo oyinyaniso uthi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Uye wabaphatha ngesidima abakhonzi bakhe ngokubavumela ukuba bambize ngegama nangona enezibizo ezininzi ezifana nesithi “uMdali,” “uSomandla,” nesithi “Nkosi enguMongami.”

Ngokomzekelo, umprofeti uMoses wakhe wabongoza uThixo esithi: “Ndiyangxengxeza, Yehova.” (Eksodus 4:10) Xa kwakunikezelwa itempile yaseYerusalem, uKumkani uSolomon wawuqala kanje umthandazo wakhe: “Owu Yehova.” (1 Kumkani 8:22, 23) Xa umprofeti uIsaya wayethetha noThixo egameni lamaSirayeli, wathi: “Wena, Yehova, unguBawo.” (Isaya 63:16) Kuyacaca ukuba uBawo wethu wasezulwini ufuna simbize ngegama.

Ngoxa ukubiza uYehova ngegama lakhe kubalulekile, ukumazi ngegama kuthetha okungakumbi. Kwabo bamthandayo nabamthembayo uYehova uthembisa oku: “Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.” (INdumiso 91:14) Kucacile ukuba ukwazi igama likaThixo kuthetha lukhulu, kuba kubalulekile ukuze ukhuselwe nguye. Yintoni ke ngoko efunekayo ukuze umazi ngegama uYehova?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share