IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 8/1 iphe. 14-15
  • Isizathu Sokuba UYesu Angakhawulezi Aye KuLazaro

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba UYesu Angakhawulezi Aye KuLazaro
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Uvusa ULazaro Ekufeni
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Kuya Kwenzeka Ntoni Xa Sisifa?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Izigidi Ezifileyo Ngoku Ziya Kubuya Ziphile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 8/1 iphe. 14-15

Fundisa Abantwana Bakho

Isizathu Sokuba UYesu Angakhawulezi Aye KuLazaro

UYESU uva ukuba umhlobo wakhe uLazaro ugulel’ ukufa. Ezo ndaba uziva ngomntu othunywe nguMariya noMartha oodade boLazaro. Lo mthunywa uvela eBhethani apho uLazaro ahlala khona noodade wabo ababini. Ezi ntombi ziyakholwa ukuba uYesu unokumphilisa umntakwazo, nangona zihlala kwelinye icala elikude loMlambo iYordan. Ziyazi ukuba uYesu ukhe waphilisa abantu nangona babekude kwindawo awayekuyo.—Mateyu 8:5-13; Yohane 11:1-3.

UYesu akenzi nto ngoko nangoko xa umthunywa efika kuye aze amxelele olu daba lubuhlungu. IBhayibhile ithi: “Wahlala iintsuku ezimbini kwindawo awayekuyo.” (Yohane 11:6) Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu engahambi ngokukhawuleza ukuze aye kunceda uLazaro?—a Makhe sithethe ngesi siganeko.

Akuva ukuba uLazaro ufile uYesu uthi kubapostile bakhe: “Masiye kwelakwaYuda kwakhona.” Balikhaba ngawo omane icebiso lakhe, besithi: “Mva nje abelakwaYuda bebefuna ukukuxuluba, uya apho kwakhona na?” UYesu uthi kubo: “ULazaro umhlobo wethu uye kuphumla, kodwa ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse ebuthongweni.”

Abapostile baphendula bathi: “Nkosi, ukuba uye kuphumla, uya kuphila.” UYesu ubaxelela phandle ukuba: “ULazaro ufile.” Emva koko uthetha into emele ukuba yabothusa esithi: “Ndinemihlali ngenxa yenu kuba bendingekho apho . . . Kodwa masiye kuye.”

UTomas ngenkalipho uthi: ‘Nathi masiye, ukuze sife kunye noYesu.’ UTomas uyazi ukuba iintshaba ziza kuphinda zizame ukumbulala uYesu kwaye nabapostile basenokubulawa. Kodwa bayahamba nakuba kunjalo. Kwidolophu yakuloLazaro iBhethani bafika emva kweentsuku ezimbini. Imalunga neekhilomitha ezintathu ukusuka eYerusalem.—Yohane 11:7-18.

Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu avuye kuba efike emva kwexesha?— Kaloku, uYesu wayekhe wavusa abanye abantu ngaphambili, kodwa ke abo bantu babesandul’ ukufa. (Luka 7:11-17, 22; 8:49-56) Sele kudlule iintsuku eziliqela engcwatyiwe uLazaro. Akakho umntu onokuthandabuza ukuba ufe ngokwenene.

Xa uMarta udade boLazaro esiva ukuba uYesu ukufutshane naseBethani, uphuma ebaleka esiya kumkhawulela. Uthi kuye: “Nkosi, ukuba ubulapha umntakwethu ngengafanga.” UYesu uthi kuye: “Umntakwenu uza kuvuka.” UMarta uyagoduka aze athi kudadewabo uMariya: “UMfundisi ukho yaye uyakubiza.”

UMariya uya kuYesu ngoko nangoko. Isihlwele sabantu siyamlandela kuba sicinga ukuba uya engcwabeni. UYesu ‘uyalila’ naye esakubona uMariya neso sihlwele belila. Kungekudala bonke bafika engcwabeni, elivalwe ngelitye elikhulu. UYesu uthi kubo: “Lisuseni ilitye.” Kodwa uMarta uyala esithi: “Nkosi, kungoku nje umele ukuba uyanuka, kuba ziintsuku ezine.”

Abantu bayamthobela uYesu baze balisuse ilitye. Emva koko, uyathandaza ebulela uThixo ngamandla aza kumnika wona ukuze avuse uLazaro. UYesu ‘udanduluka ngelizwi elikhulu esithi: “Lazaro phuma!”’ ULazaro uyaphuma, ‘ebotshwe ngezithandelo.’ UYesu uthi kubo: “Mkhululeni nize nimyeke ahambe.”—Yohane 11:19-44.

Ngaba ngoku uyasiqonda isizathu sokuba uYesu angakhawulezi aye eBhethani?— Wayesazi ukuba ukulibazisa kwakuza kumenza anikele ubungqina obungakumbi ngoYise uYehova. Ukukhetha kwakhe elona xesha lifanelekileyo kwenza ukuba abaninzi bakholwe kuThixo. (Yohane 11:45) Ngaba uyayibona into esinokuyifunda kumzekelo kaYesu?—

Nawe unokukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha ngezinto ezintle eziye zenziwa nguThixo nangezo aseza kuzenza. Mhlawumbi ungathetha ngazo nabanye abafundi okanye ootitshala bakho. Abanye abafundi baye bathetha ngeentsikelelo ezizukileyo eziza kuziswa buBukumkani bukaThixo kuluntu. Ewe kona, awunakuze ubavuse abantu abafileyo, kodwa unokubanceda abanye bamazi uThixo onako noza kuzivusa izihlobo zethu ezifileyo.

a Ukuba ufundisa umntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.

IMIBUZO:

  • Kutheni uYesu engakhawulezi aye kunceda uLazaro?

  • Kutheni uTomas esithi: ‘Masihambe ukuze sife noYesu’?

  • UYesu wakwazi njani ukuvusa uLazaro?

  • Yintoni onokuyenza ukuze ubonise ukuba ufundile kumzekelo kaYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share