Sondela KuThixo
“Phakamisa Unyana Wakho.”
UKUFELWA ngumntwana kuyenye yezona zinto zibuhlungu ebomini. UYehova uThixo unamandla okuyilungisa loo nto. Sitsho ngoba ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile wanika amadoda ambalwa amandla okuvusa abafileyo. Ngesinye sezo zihlandlo, njengoko kubhalwe kweyesi-2 yooKumkani 4:8-37 umprofeti uElisha wavusa enye inkwenkwana.
Esi siganeko senzeka kwisixeko saseShunem. Umfazi ongafumani bantwana kunye nomyeni wakhe benzela uElisha ububele ngokusoloko bempha ukutya nendawo yokuhlala. Ngenye imini lo mprofeti ubuxabisayo obu bubele uthi kulo mfazi: “Ngeli xesha limisiweyo kunyaka ozayo uya kube uwola unyana.” Ekugqibeleni imini awayecinga ukuba ayisokuze ifike iyafika yaye ufumana umntwana, njengoko wayetshilo noElisha. Kodwa ke okubuhlungu kukuba uvuyo lwakhe lukhawuleza luphele. Kwiminyaka embalwa kamva le nkwenkwe iphathwa yintloko ebuhlungu ngoxa isemasimini ize igoduswe, yaye xa ifika ekhaya ifela “emadolweni [kanina].” (ivesi 16, 19, 20) Lo mama osentlungwini uthatha isidumbu sayo aze asibeke kwisingqengqelo adla ngokulala kuso umprofeti uElisha.
Esakube ethethe nomyeni wakhe, uhamba umgama ongangeekhilomitha ezingama-30 esiya kubona uElisha kwiNtaba yeKarmele. Xa efika kuye akenzi sijwili okanye agxwale. Ngaba bethu akakhali ngenxa yokuba evile ukuba uEliya angene ezihlangwini zakhe uElisha, wavusa unyana womhlolokazi? (1 Kumkani 17:17-23) Ngaba lo mShunemekazi unokholo lokuba uElisha uza kumvusa nowakhe unyana? Enoba sasiyintoni isizathu, akazange avume ukugoduka de uElisha wavuma ukuba uza kuhamba naye.
Xa befika eShunem, uElisha ungena endlwini aze abone umzimba wale nkwenkwe ulaliswe “esingqengqelweni sakhe.” (ivesi 32) Umprofeti uthandaza ngokunyanisekileyo kuYehova. Emva koko ‘inyama yomntwana ifudumala ngokuthe ngcembe’ njengoko uElisha embambile. Intliziyo yakhe ebikade imile iphinda ibethe kwakhona. UElisha ubiza unina aze athi kuye: “Phakamisa unyana wakho.”—iVesi 34, 36.
Ibali elingokuvuswa konyana womfazi waseShunem liyathuthuzela yaye linika ithemba. UYehova uyayiqonda intlungu abakuyo abazali abafelwe ngabantwana. Ngaphezu koko, ufuna ukuyiphelisa loo ntlungu. (Yobhi 14:14, 15) Ukuvuswa kwabantu nguElisha nangabanye abantu ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile kungumzekelo wento eza kwenziwa nguYehova ngomkhamo ongaphezulu kakhulu, kwihlabathi lakhe elitsha elinobulungisa nelisemnyango sithetha nje.a
Isithembiso sovuko esiseBhayibhileni asiyiphelisi intlungu yokufelwa. Enye indoda yomKristu eyafelwa ngumntwana okuphela kwakhe yathi: “Intlungu yam ayinakuphela ngokupheleleyo de ndiphinde ndimbambe ngezandla zam unyana wam.” Cinga nje ngethuba esinalo lokuphinda sibonane nezalamane zethu ezifileyo. Ukucinga ngokuphinda ubabone kukodwa nje kungakwenza ukwazi ukunyamezela. Ngaba awufuni ukufunda okungakumbi ngoThixo osenza sibe nelo themba?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngesithembiso seBhayibhile sovuko funda isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.