Inqaku Labaselula
UThixo akanalucalucalulo
Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zeBhayibhile kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengoko ufunda, zibone nawe ulapho. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve ngathi bayathetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo.
Abalinganiswa abaphambili: UKorneli noPetros
Into eyenzeka kweli bali: UPetros uxelisa ukungabi namkhethe kukaThixo ngokushumayela kuKorneli ongumntu weeNtlanga.
1 HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA IZENZO 10:1-35, 44-48.
Chaza indlela ocinga ukuba wayekhangeleka ngayo uKorneli.
․․․․․
Ucinga ukuba wayevakalelwa njani uKorneli xa wayethetha nengelosi njengoko kubhalwe kwivesi 3 ukusa kweyesi 6?
․․․․․
Ucinga ukuba wayencokola ngantoni uKorneli nezicaka zakhe njengoko kuchazwe kwivesi 7 neye 8?
․․․․․
2 CINGISISA.
Yintoni eyawenza wasebenza umbono owaboniswa uPetros kwivesi 10 ukuya kweye-16? (Ukhumbule ukuba uPetros wayengumYuda njengoko kuboniswe kwivesi 14.)
․․․․․
Luluphi uphawu lukaKorneli olubonayo njengoko luchazwe kwivesi 25? Kutheni lunqabile nje olu phawu kubantu abanegunya njengaye? (Funda kwivesi 1.)
․․․․․
Phanda kwiincwadi onazo ukuba ayeba mangaphi amadoda kumkhosi waseItali owawuphethwe nguKorneli.
․․․․․
Yintoni eyakwenza kwabalasela ukuguquka kukaKorneli?
․․․․․
3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .
Ngokusebenzisa kakuhle imizekeliso.
․․․․․
Ngokungabi nalucalucalulo kukaThixo.
․․․․․
Ngendlela nawe onokubonisa ngayo ukuba awunalucalucalulo.
․․․․․
4 YINTONI OYITHANDILEYO KWELI BALI YAYE KUTHENI UYITHANDA NJE?
․․․․․
UKUBA AWUNAYO IBHAYIBHILE CELA AMANGQINA KAYEHOVA AKUPHATHELE OKANYE UYIFUNDE KWI-INTERNET www.watchtower.org