Fundisa Abantwana Bakho
UBukumkani Obuza Kutshintsha Wonke Umhlaba
NGABA uyabazi obu Bukumkani sithetha ngabo?—a Bobu uYesu asifundisa ukuba sibuthandazele. Wasifundisa ukuba sithandaze kuThixo sithi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:9, 10) Abalandeli bakaYesu bebethandaza kuThixo becela ukuba uBukumkani bakhe bufike kangangeminyaka engama-2 000. Ngaba nawe ukhe wabuthandazela?—
Ukuze ubazi ukuba buyintoni uBukumkani kufuneka wazi ukuba ngumntu onjani ukumkani. Ukumkani ngumntu olawulayo. Umhlaba alawula kuwo ubizwa ngokuba bubukumkani bakhe. UBukumkani bukaThixo buza kulawula umhlaba wonke. Xa uBukumkani bukaThixo bufika wonke umntu osemhlabeni uza kuxhamla iintsikelelo eziza kuziswa lolo lawulo.
UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. KuIsaya 9:6, iBhayibhile ithetha ngoMlawuli walo rhulumente. Khawuve ukuba ithini ngaye: ‘Sizalelwe umntwana, . . . yaye ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe. Igama lakhe liya kubizwa ngokuba . . . yiNkosana yoXolo.’
Ngaba uyayazi ukuba yintoni inkosana?— Kaloku ngunyana wokumkani. Ngubani uKumkani wasezulwini?— Unyanisile xa usithi nguYehova. IBhayibhile imbiza ngokuba ‘ngOyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.’ (INdumiso 83:18) EBhayibhileni uYesu udla ngokubizwa ngokuba “nguNyana kaThixo.” Esinye isizathu kukuba nguYehova owadala uYesu. UYehova ngoyena Tata kaYesu.—Luka 1:34, 35; Yohane 1:34, 49; 3:17; 11:27; 20:31; IZenzo 9:20.
UBukumkani bukaThixo uYesu asifundisa ukuba sibuthandazele ngurhulumente okhethekileyo. Kuza “kulawula inkosana” kuba uYehova umisele uNyana wakhe uYesu ukuba abe nguKumkani wobo Bukumkani. Kodwa ngaba ubusazi ukuba kuza kukhethwa nabanye ukuze balawule njengookumkani noYesu kuBukumkani bukaYise?— Makhe sithethe ngabo.
Ngaphambi kokuba afe, uYesu waxelela abapostile bakhe abathembekileyo ukuba wayesiya ‘kwindlu’ kaYise ezulwini. Wathi: “Ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo . . . ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani.” (Yohane 14:1-3) Ngaba uyayazi into eza kwenziwa ezulwini ngabapostile nabanye abakhethiweyo ukuba babe noYesu?— Baza “kulawula njengookumkani kunye naye.” IBhayibhile ide isixelele nenani labantu abaza kulawula noYesu. Baza kuba li-144 000.—ISityhilelo 14:1, 3; 20:6.
Ucinga ukuba kuza kuba njani emhlabeni xa kulawula inkosana yoxolo naba bantu bali-144 000?— Kuza kuba mnandi ngokwenene. Akuzukubakho mfazwe. Izilwanyana ziya kuhlalisana ngoxolo yaye aziyi kubahlasela abantu. Akukho mntu uza kugula okanye afe. Iimfama ziza kubona, izithulu ziza kuva yaye isiqhwala siza kubaleka size sixhumaxhume njengexhama. Umhlaba uza kuvelisa ukutya okuya kwanela bonke abantu. Bonke abantu baza kuthandana njengokuba uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba benjenjalo. (Yohane 13:34, 35) Makhe sifunde ezi vesi zencwadi kaIsaya ukuze sive ngezinto ezintle eziza kwenzeka.—Isaya 2:4; 11:6-11; 25:8; 33:24; 35:5, 6; 65:21-24.
Ukususela oko uYesu afundisa abantu ukuba bathandaze bathi, “mabufike ubukumkani bakho,” izigidi ziye zafunda ngobo Bukumkani. Olu lwazi luye lwabutshintsha ubomi bazo. Kungekudala, xa uBukumkani bufika buze bushenxise bonke oorhulumente bomhlaba, wonke umntu okhonza uYehova uThixo noMlawuli amkhethileyo uYesu Kristu, uza kunandipha uxolo, impilo nolonwabo.—Yohane 17:3.
a Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.