Qhubekani Nifuna Kuqala ‘Ubulungisa Bakhe’
“Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.”—MAT. 6:33.
1, 2. Buyintoni ubulungisa bukaThixo yaye busekelwe entwenini?
“QHUBEKANI, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani.” (Mat. 6:33) Esi sibongozo sanikelwa nguYesu Kristu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni siyaziwa ngamaNgqina kaYehova namhlanje. Kuzo zonke iinkalo zobomi bethu, sizama ukubonisa ukuba siyabuthanda obo Bukumkani yaye sifuna ukunyaniseka kubo. Kodwa sifanele sikhumbule nenxalenye yesi sibongozo, ethi “nobulungisa bakhe.” Buyintoni ubulungisa bukaThixo, yaye kuthetha ntoni ukubufuna kuqala?
2 Ngokolwimi lwamandulo, igama elithi ‘ubulungisa’ lisenokuguqulelwa ngokuthi “okusesikweni” okanye “okuthe tye.” Ngenxa yoko, ubulungisa bukaThixo kukuthi tye ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. NjengoMdali, uYehova unelungelo lokumisela imilinganiselo ngokuphathelele okulungileyo nokubi, okufanelekileyo nokuphosakeleyo. (ISityhi. 4:11) Noko ke, ubulungisa bukaThixo abuyomithetho engqongqo okanye uludwe lwemiyalelo nemimiselo engaphele ndawo. Kunoko, busekelwe kuhlobo lomntu uYehova anguye nakuphawu lwakhe olubalaseleyo lokusesikweni alusebenzisa ngokuvumelana nothando, ubulumko namandla akhe. Ngoko ke, ubulungisa bukaThixo bunxulumene nokuthanda kwakhe nenjongo yakhe. Buquka noko afuna kwenziwe ngabo bafuna ukumkhonza.
3. (a) Kuthetha ukuthini ukufuna kuqala ubulungisa bukaThixo? (b) Kutheni sibambelela kwimilinganiselo kaYehova yobulungisa?
3 Kuthetha ukuthini ukufuna kuqala ubulungisa bukaThixo? Ngamazwi alula, kuthetha ukwenza ukuthanda kukaThixo ukuze simkholise. Ukufuna ubulungisa bakhe kuquka ukuzama ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe egqibeleleyo kungekhona eyethu. (Funda eyabaseRoma 12:2.) Ukuphila ngale ndlela kuchaphazela ulwalamano lwethu noYehova. Akuthethi nje ukuthobela imiyalelo yakhe kuba sisoyika ukohlwaywa. Kunoko, ngenxa yokuba simthanda uThixo sifuna ukumkholisa ngokubambelela kwimilinganiselo yakhe, singazibekeli eyethu. Siyaqonda ukuba le yinto esifanele siyenze. NjengoYesu Kristu uKumkani woBukumkani bukaThixo, sifanele sithande ubulungisa.—Heb. 1:8, 9.
4. Kutheni kubalulekile ukufuna ubulungisa bukaThixo?
4 Kubaluleke kangakanani ukufuna ubulungisa bukaYehova? Cinga ngoku: Abantu bokuqala abalingwayo kwintsimi yase-Eden, uAdam noEva, kwakufuneka bazibonakalise enoba bayalihlonela kusini na ilungelo likaYehova lokumisela imilinganiselo yokuphila okanye akunjalo. (Gen. 2:17; 3:5) Ngenxa yokuba bengazange bakwenze oko, basizisela ukubandezeleka nokufa thina njengenzala yabo. (Roma 5:12) Kwelinye icala, iLizwi likaThixo lithi: “Osukela ubulungisa nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.” (IMize. 21:21) Ukufuna kuqala ubulungisa bukaThixo kwenza sibe nolwalamano oluhle noYehova nto leyo eya kusenza sisindiswe.—Roma 3:23, 24.
Ingozi Yokuzenza Ilungisa
5. Yiyiphi ingozi esifanele siyiphephe?
5 Xa wayebhalela amaKristu aseRoma, umpostile uPawulos wabalaselisa ingozi esifanele siyiphephe ukuze sikwazi ukufuna kuqala ubulungisa bukaThixo. Ebhekisela kwamanye amaYuda, uPawulos wathi: “Ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo; kuba, ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo kodwa befuna ukuzimisela obabo, abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo.” (Roma 10:2, 3) Ngokutsho kukaPawulos, ayengabuqondi ubulungisa bukaThixo kuba ayexakeke kukuzimisela obawo ubulungisa.a
6. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sisiphephe yaye ngoba?
6 Enye into enokubangela senze le mpazamo, kukujonga inkonzo yethu kuThixo njengokhuphiswano, sizithelekise nabanye. Esi simo sengqondo sinokusenza sizithembe ngokugqithiseleyo. Kodwa, eneneni, xa sinokwenza loo nto, siya kubulibala ubulungisa bukaYehova. (Gal. 6:3, 4) Eyona njongo ifanelekileyo yokwenza okulungileyo ifanele ibe kukuthanda uYehova. Ukuba injongo yethu kukuzama ukuzibonakalisa singamalungisa oko kunokuthetha ukuba asimthandi.—Funda uLuka 16:15.
7. UYesu wayilungisa njani ingxaki yabantu ababezenza amalungisa?
7 UYesu wayexhalatyiswe ngabo ‘babezithemba ukuba bangamalungisa nababebagqala abanye njengabangento.’ Walungisa le ngxaki yabantu ababezenza amalungisa ngokwenza lo mzekeliso: “Abantu ababini benyuka baya etempileni ukuya kuthandaza, omnye ingumFarisi, omnye ingumqokeleli werhafu. UmFarisi wema waza waqalisa ukuthandaza ezi zinto kuye ngokwakhe esithi, ‘Owu Thixo, ndiyabulela kuwe kuba ndingekho njengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi, okanye kwanalo mqokeleli werhafu. Ndizila ukutya kabini ngeveki, ndinikela isishumi kuzo zonke izinto endizizuzayo.’ Ke yena umqokeleli werhafu wayemi mgama engathandi kwanokuphakamisela amehlo akhe ngasezulwini, ezibetha isifuba, esithi, ‘Owu Thixo, yiba nobabalo kum mna moni.’” UYesu waqukumbela ngala mazwi: “Ndithi kuni, Lo mntu wehla ukuya ekhayeni lakhe engqineke elilungisa ngakumbi kunalowa umntu; kuba wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa, kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”—Luka 18:9-14.
Ingozi Yokuba “Lilungisa Kakhulu”
8, 9. Kuthetha ukuthini ukuba “lilungisa kakhulu,” yaye kungasikhokelela entwenini?
8 Enye ingozi esifanele siyiphephe ichazwe kwiNtshumayeli 7:16: “Musa ukuba lilungisa kakhulu, yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo. Yini na ukuba uziphanzise?” Lo mbhali weBhayibhile uphefumlelweyo uhlabela mgama esinika esinye isizathu sokuphepha esi simo sengqondo, kwindinyana yama-20: “Kuba akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” Umntu ‘olilungisa kakhulu’ uye azibekele eyakhe imilinganiselo aze agwebe abanye ngokusekelwe kuyo. Kodwa ke, akayiqondi into yokuba xa esenjenjalo uphakamisa imilinganiselo yakhe ngaphezu kwekaThixo yaye uThixo umjonga njengongelolungisa.
9 Ukuba “lilungisa kakhulu,” kunokude kusenze siyithandabuze indlela uYehova enza ngayo izinto. Noko ke, sifanele sikhumbule ukuba xa sithandabuza izigqibo zikaYehova, oko kuthetha ukuba siphakamisa eyethu imilinganiselo ngaphezu kwekaYehova. Kufana nokuba sigweba uYehova ngokwemilinganiselo yethu yokulungileyo nokuphosakeleyo. Kodwa nguYehova onelungelo lokumisela imilinganiselo yobulungisa, kungekhona thina!—Roma 14:10.
10. NjengoYobhi, yintoni enokusenza sigwebe uThixo?
10 Ngenxa yokungafezeki sisenokumgweba uThixo singazimiselanga. Sinokwenza oku xa sicinga ukuba siphethwe ngokungekho sikweni okanye xa sibandezelekile. KwanoYobhi owayethembekile wayenza le mpazamo. Ekuqaleni, uYobhi wachazwa njengendoda ‘engenakusoleka, ethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini.’ (Yobhi 1:1) Kodwa uYobhi wehlelwa ziintlekele ezininzi yaye wavakalelwa ngathi uphethwe ngokungekho sikweni. Oku kwabangela uYobhi ukuba avakalise “umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo.” (Yobhi 32:1, 2) Kwafuneka indlela yokucinga kaYobhi ilungiswe. Ngoko nathi asifanele simangaliswe xa maxa wambi sivakalelwa ngendlela efanayo. Xa sivakalelwa ngaloo ndlela, yintoni eya kusinceda silungise indlela esicinga ngayo?
Asisoloko Sizazi Zonke Izibakala
11, 12. (a) Xa sivakalelwa kukuba umntu othile uyaqhathwa yintoni esifanele siyikhumbule? (b) Kutheni abanye besenokuvakalelwa kukuba abantu abakumzekeliso kaYesu wesidiliya bayaqhathwa?
11 Into yokuqala esifanele siyikhumbule kukuba asisoloko sizazi zonke izibakala. Kwakunjalo nangoYobhi. Wayengazi ngeentlanganiso ezazisenziwa ngoonyana bakaThixo ezulwini apho watyholwa khona nguSathana. (Yobhi 1:7-12; 2:1-6) UYobhi wayengaqondi ukuba iingxaki zakhe zazibangelwa nguSathana. Eneneni, kusenokwenzeka ukuba uYobhi wayengamazi kakuhle uSathana! Ngenxa yoko wenza impazamo yokucinga ukuba iingxaki zakhe zibangelwa nguThixo. Xa singazazi zonke izibakala sinokwenza izigqibo eziphosakeleyo.
12 Cinga ngomzekeliso owenziwa nguYesu wabantu ababesebenza esidiliyeni. (Funda uMateyu 20:8-16.) Apha uYesu uthetha ngomntu owahlawula bonke abasebenzi bakhe imali elinganayo, enoba babesebenze usuku lonke okanye iyure nje enye. Uvakalelwa njani ngoku? Ngaba oku kufanelekile? Mhlawumbi ekuqaleni unovelwano ngabasebenzi abasebenza imini yonke kwingqatsini yelanga. Usenokuvakalelwa kukuba bafanele bafumane umvuzo othe chatha. Xa sicinga ngolo hlobo, lo mqeshi unokugqalwa njengomntu ongenathando noqhatha abasebenzi. Kwanendlela abaphendula ngayo abo basebenzi bakhalazayo isenokumenza abonakale ngathi ulisebenzisa kakubi igunya lakhe. Kodwa ngaba sizazi zonke izibakala?
13. Yiyiphi enye indlela esinokuwujonga ngayo umzekeliso kaYesu wabantu abasebenza esidiliyeni?
13 Makhe sihlole lo mzekeliso. Akuthandabuzeki ukuba umqeshi okulo mzekeliso wayeyiqonda into yokuba onke la madoda afanele ondle iintsapho zawo. Ngexesha likaYesu, abantu abasebenza emasimini babehlawulwa ekupheleni kosuku. Iintsapho zabo zazixhomekeke kumvuzo abawufumana suku ngalunye. Cinga ngabo baqeshwa emva kwemini baza basebenza iyure enye kuphela. Mhlawumbi babengenakukwazi ukondla iintsapho zabo ngomvuzo weyure nje enye; kodwa babezimisele ukusebenza imini yonke kuba balinda imini yonke ngaphambi kokuba baqeshwe. (Mat. 20:1-7) Yayingelotyala labo ukuba bangaqeshwa kwangoko. Akukho nto ibonisa ukuba babengafuni kusebenza. Cinga xa kunokufuneka ulinde imini yonke, usazi ukuba kukho abantu abaxhomekeke kumvuzo oza kuwufumana ngaloo mini. Xa unokufumana umsebenzi unokuvuya yaye unokuvuya ngakumbi xa ufumana umvuzo oncumisayo oza kukwenza ukwazi ukondla intsapho yakho!
14. Sisiphi isifundo esibalulekileyo esisifumana kumzekeliso wesidiliya?
14 Ngoko makhe siphinde sihlole into eyenziwa ngumqeshi. Akakho umntu awamhlawula umvuzo ophantsi. Kunoko wayesazi ukuba bonke abo basebenzi bafanele bahlawulwe imali eyaneleyo ukuze bakwazi ukunyamekela iintsapho zabo. Nakuba kubonakala ukuba babebaninzi abantu abafuna ukuqeshwa, akazange abaxhaphaze, ngokuqesha abantu abaninzi ukuze abahlawule imali encinane. Bonke abo basebenzi bagoduka nomvuzo owaneleyo wokondla iintsapho zabo. Ukuqonda ezi nkcukacha zongezelelekileyo kunokutshintsha indlela esivakalelwa ngayo ngalo mqeshi. Wayengabaxhaphazi kunoko wayebonakalisa uthando. Yintoni esinokuyifunda koku? Sifunda ukuba, xa singazazi zonke izibakala sinokufikelela kwizigqibo ezingachananga. Eneneni, lo mzekeliso ubalaselisa ubulungisa bukaThixo obungasekelwanga kwimilinganiselo yabantu.
Sisenokuba Nembono Egqwethekileyo Okanye Elinganiselweyo
15. Yintoni enokubangela sibe nembono egqwethekileyo okanye elinganiselweyo xa sivakalelwa kukuba sidlelw’ indlala?
15 Into yesibini esifanele siyikhumbule xa sicinga ukuba sidlelw’ indlala kukuqonda ukuba imbono yethu isenokuba igqwethekile okanye ilinganiselwe. Sisenokuba nembono egqwethekileyo ngenxa yokungafezeki, umkhethe, okanye indlela esikhuliswe ngayo. Imbono esinayo inokulinganiselwa nangenxa yokuba singakwazi ukuzibona iintshukumisa zabanye noko kusezintliziyweni zabo. UYehova noYesu abafani nathi kule nkalo.—IMize. 24:12; Mat. 9:4; Luka 5:22.
16, 17. Kwakutheni ukuze uYehova angagunyazisi umthetho wakhe ophathelele ukrexezo kuDavide noBhatshebha?
16 Makhe sihlole ingxelo yokukrexeza kukaDavide noBhatshebha. (2 Sam. 11:2-5) NgokoMthetho kaMoses, babefanele babulawe. (Lev. 20:10; Dut. 22:22) Nangona uYehova wabohlwayayo akazange agunyazise ukuba kwenziwe ngokomthetho wakhe. Ngaba uYehova wayebonisa okungekho sikweni? Ngaba wayesenziwa kukuthanda uDavide ngaloo ndlela esaphula imilinganiselo yakhe yobulungisa? Abanye abantu abafunda iBhayibhile bavakalelwa ngaloo ndlela.
17 Noko ke, uYehova wayenike abagwebi abangafezekanga, ababengakuboni oko kusezintliziyweni zabantu, lo mthetho uphathelele ukukrexeza. Lo mthetho wawubanceda bakwazi ukugweba abantu ngendlela efanayo. Kwelinye icala, uYehova uyakwazi oko kusezintliziyweni zabantu. (Gen. 18:25; 1 Kron. 29:17) Ngoko asinakulindela ukuba uYehova alawulwe ngumthetho awayewulungiselele abagwebi abangafezekanga. Ngaba oku bekungayi kufana nokunyanzela umntu obonayo ukuba anxibe iiglasi zamehlo ezenzelwe abantu abangaboni kakuhle? UYehova wakubona oko kwakusentliziyweni kaDavide nekaBhatshebha yaye wababona ukuba baguquke ngokwenene. Ngenxa yoko, wabonakalisa inceba nothando kubo.
Qhubeka Ufuna Ubulungisa BukaYehova
18, 19. Yintoni eya kusinceda singagwebi uYehova ngokwemilinganiselo yethu?
18 Ukuba maxa wambi xa sifunda ingxelo yeBhayibhile okanye sehlelwe yinto ethile, sivakalelwa kukuba uYehova wenza izinto ngokungekho sikweni, asifanele sigwebe uThixo ngokwemilinganiselo yethu. Masikhumbule ukuba asisoloko sizazi zonke izibakala yaye imbono yethu isenokuba igqwethekile okanye ilinganiselwe. Khumbula ukuba “ingqumbo yomntu ayisebenzi bulungisa bukaThixo.” (Yak. 1:19, 20) Ngoko, iintliziyo zethu aziyi kuba “nomsindo nxamnye noYehova.”—IMize. 19:3.
19 NjengoYesu masihlale sikhumbula ukuba nguYehova kuphela onelungelo lokusimisela imilinganiselo yobulungisa nelungileyo. (Marko 10:17, 18) Masizame ukufumana ‘ulwazi oluchanileyo’ okanye “ulwazi olululo” ngokuphathelele imilinganiselo yakhe. (Roma 10:2; 2 Tim. 3:7, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Xa siphila ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, sibonisa ukuba sifuna kuqala ‘ubulungisa bakhe.’—Mat. 6:33.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokutsho komnye umphengululi, igama lolwimi lwamandulo eliguqulelwe ngokuthi “ukuzimisela” linokuthetha ‘ukumisela ilitye lesikhumbuzo.’ Ngoko loo maYuda kufana nokuba ayezimisela ilitye lawo lesikhumbuzo lokomfuziselo ukuze kuzukiswe wona kungekhona uThixo.
Ngaba Uyakhumbula?
• Kutheni kubalulekile ukufuna ubulungisa bukaYehova?
• Ziziphi izinto ezimbini eziyingozi esifanele siziphephe?
• Sinokubufuna njani ubulungisa bukaThixo kuqala?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Yintoni esiyifunda kumzekeliso kaYesu wamadoda amabini awayethandaza etempileni?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba abasebenzi ababesebenze imini yonke babexhatshazwa xa behlawulwa umvuzo olinganayo nowabo babefike ngelixa le-11?