IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 11/1 iphe. 9-11
  • Thuthuzela Abantu Abasentlungwini, NjengoYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Thuthuzela Abantu Abasentlungwini, NjengoYesu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubukho Bakho Bubonisa Ukuba Uyakhathala
  • Phulaphula Ngovelwano
  • Amazwi Aphilisayo
  • Bancede Ngezinto Abazifunayo
  • “Ndikholiwe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • “Ndikholiwe”
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Banokunceda Njani Abanye?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 11/1 iphe. 9-11

Thuthuzela Abantu Abasentlungwini, NjengoYesu

ULAZARO owayehlala eBhethani wagulel’ ukufa. Oodade wabo uMarta noMariya bathumela abantu ukuba baye kuxelela umhlobo wabo uYesu. Kodwa uLazaro wasutywa kukufa. Emva komngcwabo, abahlobo nabamelwane batyelela uMarta noMariya ‘ukuze babathuthuzele.’ (Yohane 11:19) Ekugqibeleni, uYesu wafika eBhethani waza waya kubona abo bahlobo bakhe. Sinokufunda nto ngendlela yokuthuthuzela abantu abasentlungwini xa sihlola oko kwathethwa nokwenziwa nguYesu.

Ubukho Bakho Bubonisa Ukuba Uyakhathala

Ukuze aye kufika eBhethani, uYesu kwakufuneka ahambe umgama weentsuku ezimbini, awele uMlambo iYordan aze enyuke ngendlela yaseYeriko enamagophe. UMarta waya kumhlangabeza ngaphandle kwedolophu. Kamva noMariya wabaleka waya kuye esakuva ukuba ufikile. (Yohane 10:40-42; 11:6, 17-20, 28, 29) Ubukho bukaYesu bufanele ukuba kwawathuthuzela la makhosikazi.

Nanamhlanje ubukho bethu bunokubathuthuzela abantu abasentlungwini. UScott noLydia abafelwa nguTheo, unyana wabo owayeneminyaka emithandathu ubudala kwingozi yemoto, bathi: “Sasifuna intsapho nezihlobo ukuze zisixhase. Beza esibhedlele nangona kwakusezinzulwini zobusuku.” Bathini kubo aba bahlobo? “Ngelo xesha sasingafuni kuthuthuzelwa ngamazwi. Ubukho babo babubonisa ukuba bayakhathala.”

IBhayibhile ithi uYesu “wakhathazeka” waza ‘walila’ xa wabona abantu ababelilela uLazaro. (Yohane 11:33-35, 38) UYesu akazange athi indoda ayikhali. Naye wayebuhlungu njengabo. Sifunda ntoni thina apha? Xa sityelele abantu abafelweyo, asifanele sibe neentloni xa kufuneka sikhale nabo. (Roma 12:15) Noko ke, asifanele sibenze bazive benyanzelekile ukuba bakhale. Abanye basenokukhetha ukukhala ngasese.

Phulaphula Ngovelwano

Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayefuna ukukhuthaza uMarta noMariya kodwa wabavumela bathetha kuqala. (Yohane 11:20, 21, 32) Naxa sele ethetha wabuza nje uMarta umbuzo waza wamphulaphula.—Yohane 11:25-27.

Ukuphulaphula ngenyameko kubonisa ukuba uyakhathala. Ukuze sithuthuzele umntu ofelweyo kufuneka siphulaphule ngenyameko. Sinokubonisa ukuba siyakwazi ukuphulaphula ngokubuza imibuzo enokwenza lowo ufelweyo athethe nangakumbi. Noko ke, ulumke ungabanyanzeli ukuba bathethe xa bengafuni. Kusenokwenzeka ukuba badiniwe yaye bafuna ukuphumla.

Umntu osentlungwini usenokudandatheka aze asoloko ethetha into enye. Abanye basenokuthetha bengacinganga. UMariya noMarta bathi kuYesu: “Nkosi, ukuba ubulapha, umntakwethu ngengafanga.” (Yohane 11:21, 32) Wenza ntoni uYesu? Waphulaphula ngenyameko nangovelwano. Akazange abaxelele indlela ababefanele bazive ngayo. Wayeqonda ukuba abantu abafelweyo baba buhlungu kakhulu.

Ukuba awuyazi into omawuyithethe xa utyelele umntu ofelweyo, unokuqalisa incoko ngokuthi, “Ungathanda ukundixelela ngale nto yenzekileyo?” Emva koko phulaphula kakuhle. Mjonge njengoko ethetha uze uzame ukuyiqonda indlela avakalelwa ngayo.

Akukho lula ukuqonda iimvakalelo zomntu osentlungwini. ULydia uthi: “Ziyatshintshatshintsha izinto esizifunayo. Ngamanye amaxesha sasisuka sikhale ngoxa kukho abantu abasityeleleyo. Sasifuna abanye basikhuthaze. Abahlobo bethu benza konke okusemandleni ukuze baqonde indlela esasivakalelwa ngayo.”

UYesu wayenza kakuhle le nto. Wayesazi ukuba umntu ‘ngamnye unesibetho nentlungu yakhe.’ (2 Kronike 6:29) UYesu wawaphatha ngeendlela ezahlukeneyo la makhosikazi. UMarta waqhubeka ethetha ibe uYesu wamphendula. Ekubeni uMariya wayekhala, uYesu akazange athethe kakhulu naye. (Yohane 11:20-28, 32-35) Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe? Kunokuba kuhle ukuvumela umntu ofelweyo ukuba ayiqhube ngokwakhe incoko. Ukumphulaphula njengoko ephalaz’ imbilini yakhe kunokumthuthuzela.

Amazwi Aphilisayo

Xa uMariya noMarta bathi kuYesu: “Ukuba ubulapha,” akazange atyhole abanye abantu okanye akhutyekiswe zizinto abazithethayo. Wamphendula uMarta esithi: “Umntakwenu uza kuvuka.” (Yohane 11:23) Ngaloo mazwi uYesu wamnceda wakhangela phambili waza wamkhumbuza ukuba likho ithemba.

Xa uthetha nomntu ofelweyo, khumbula ukuba amazwi anyanisekileyo anokuba negalelo elikhulu nokuba ambalwa kangakanani. Xa umthuthuzela umntu usenokuthetha ngomlomo okanye umbhalele. Ekubeni iileta namakhadi zinokuphinda zifundwe, zinokumthuthuzela ixesha elide umntu ofelweyo. Emva kweenyanga ezilithoba eswelekile umyeni wakhe uBob, uKath waphinda wawafunda onke amakhadi awayewafumene. Uthi: “Ndafumanisa ukuba andinceda nangakumbi ngoko. Ndatsho ndathuthuzeleka.”

Yintoni onokuyibhala kwileta yokumthuthuzela? Usenokubhala ngomfi, izinto enakha nazenza nobabini okanye izinto ezintle obuzithanda ngaye. UKath uthi: “Izinto ezintle ezazithethwa ngoBob zazindenza ndincume okanye ndilile. Amabali ahlekisayo awayebaliswa ngaye ayendihlekisa aze andikhumbuze iintsuku zethu. Amakhadi amaninzi ayeneevesi zeBhayibhile ezindithuthuzelayo nanamhla oku.”

Bancede Ngezinto Abazifunayo

UYesu wayenzela into esingenakukwazi ukuyenza thina intsapho kaLazaro. Wavusa uLazaro. (Yohane 11:43, 44) Kodwa zikho izinto ekusemandleni ethu ukuzenza, njengokupheka, ukunika abantu abeze emngcwabeni indawo yokuhlala, ukuhlamba iimpahla, ukugcina abantwana, ukubenzela eminye imisebenzi nokubolekisa ngesithuthi sakho, xa unaso. Abantu abafelweyo bayakuxabisa ukuncediswa, nangezinto ezincinci.

Ngamanye amaxesha basenokufuna ukuba bodwa yaye siyaqondakala isizathu saloo nto. Kodwa ke unokuqhubeka unxibelelana nabo. Omnye umama owayefelwe wathi: “alikho ixesha elimiselweyo ofanele uchache ngalo xa ufelwe.” Abanye baye bazame ukukhumbula umfi ngeziganeko ezibalulekileyo, njengosuku awayetshate ngalo okanye lokufa kwakhe. Unokuthuthuzela lowo ufelweyo ngokumtyelela ngamaxesha anjalo.—IMizekeliso 17:17.

Intuthuzelo kaYesu yayiquka nethemba ababenalo yena nabafundi bakhe: “ULazaro umhlobo wethu uye kuphumla, kodwa ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse ebuthongweni.” (Yohane 11:11) UYesu waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba abantu abafileyo baza kuvuswa. Wabuza uMarta esithi: “Uyakukholelwa na oku?” UMarta waphendula wathi: “Ewe, Nkosi.”—Yohane 11:24-27.

Uyakholwa na ukuba uYesu uza kubavusa abafi? Ukuba uyakholwa, xelela abantu abafelweyo ngeli themba. Bancedise ngezinto abazifunayo. Amazwi nezenzo zakho zinokubathuthuzela.—1 Yohane 3:18.

[Imaphu ekwiphepha 9]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IPEREYA

UMlambo WeYordan

IYeriko

IBhethani

Ulwandle Lwetyuwa

IYerusalem

ISAMARIYA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share