Oko Sikufunda KuYesu
Indlela Ezisichaphazela Ngayo Izidalwa Zomoya
UYesu wayehlala noYise kummandla womoya ‘ngaphambi kokubakho kwehlabathi.’ (Yohane 17:5) Loo nto imenza akufanelekele ukuphendula le mibuzo ilandelayo.
Ngaba iingelosi zinomdla kuthi?
▪ KuYesu sifunda ukuba iingelosi zinomdla kakhulu ebantwini. Wathi: “Kubakho uvuyo phakathi kweengelosi zikaThixo ngenxa yomoni omnye oguqukayo.”—Luka 15:10.
UYesu wathi iingelosi zinceda abakhonzi bakaThixo ukuze bahlale benokholo olomeleleyo. Ngenxa yoko, xa uYesu wayelumkisa abafundi bakhe nxamnye nokukhubekisana, wathi: “Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.” (Mateyu 18:10) Noko ke, uYesu wayengathi mlandeli ngamnye wakhe unengelosi yakhe. Kodwa wayesithi iingelosi ezisebenza noThixo zinomdla kumalungu ebandla lamaKristu.
Unokusenzakalisa njani uMtyholi?
▪ UYesu walumkisa abalandeli bakhe wathi uSathana uzama ukuthintela abantu ukuba bangayazi inyaniso ngoThixo. Wathi: “Ukuba ngoko ubani uyaliva ilizwi lobukumkani kodwa angaliqondi, uyeza ongendawo akuxhwile oko bekuhlwayelwe entliziyweni yakhe.”—Mateyu 13:19.
UYesu wachaza enye indlela uSathana abakhohlisa ngayo abantu xa wenza umzekeliso wendoda eyatyala ingqolowa entsimini yayo. Loo ndoda imela uYesu yaye ingqolowa yona imela amaKristu athanjisiweyo aza kulawula noYesu ezulwini. Noko ke, uYesu wathi kwafika utshaba lwaloo ndoda lwaza “lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa.” Ukhula lufanekisela amaKristu obuxoki. “Utshaba olwalutyalayo nguMtyholi.” (Mateyu 13:25, 39) Kanye njengokuba ukhula lunokufana nengqolowa, abantu abathi bangamaKristu basenokubonakala ngathi bangawo ngokwenene. Iinkonzo ezifundisa ubuxoki zikhohlisa abantu ukuze bangamthobeli uThixo. USathana usebenzisa unqulo lobuxoki ukuze ahlukanise abantu noYehova.
Sinokuzikhusela njani kuSathana?
▪ UYesu wathi uSathana ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30) Xa wayethandaza kuThixo, uYesu wachaza indlela esinokuzikhusela ngayo kuSathana. Wathandazela abafundi bakhe kuYise esithi: “Balinde ngenxa yalowo ungendawo. Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi. Bangcwalise ngayo inyaniso; ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:15-17) Ukwazi iLizwi likaThixo kunokusikhusela ukuze singaphenjelelwa lihlabathi elilawulwa nguSathana.
Zisichaphazela njani iingelosi namhlanje?
▪ UYesu wathi: “Ekuphelisweni kwenkqubo yezinto: ziya kuphuma iingelosi zize zahlule abangendawo kwabangamalungisa.” (Mateyu 13:49) Ngoku siphila ‘esiphelweni senkqubo yezinto’ yaye izigidi zabantu ziyaziphulaphula iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—Mateyu 24:3, 14.
Kodwa ke uThixo akamkeli bonke abantu abafunda iLizwi lakhe. Iingelosi zalathisa umsebenzi wabakhonzi bakaYehova yaye abantu abamthanda ngokwenene uThixo bayohlukaniswa kwabo bangafuniyo ukwenza izinto abazifundayo. Xa wayechaza abantu akholiswa ngabo uThixo, uYesu wathi: “Ngabo bathi, emva kokuliva ilizwi ngentliziyo entle nelungileyo, baligcine baze bathwale isiqhamo ngonyamezelo.”—Luka 8:15.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 10 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Iingelosi ziyancedisa ukuze kungeniswe abantu kwibandla lamaKristu