IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 11/1 iphe. 22-23
  • Umntu Oneqhenqa Uyaphiliswa!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umntu Oneqhenqa Uyaphiliswa!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukutshatyalaliswa KweSodom NeGomora
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYesu Uxhathisa Izilingo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • UYesu Uphilisa Abantu Ngokungummangaliso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYesu Wayebamangalisa Abaphulaphuli Bakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 11/1 iphe. 22-23

Inqaku Labaselula

Umntu Oneqhenqa Uyaphiliswa!

Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zeBhayibhile kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengoko ufunda, yiba ngathi ulapho nawe. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve ngathi bayathetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu abalapho.

Abalinganiswa abaphambili: NguNahaman, uElisha kunye nentombazana yomSirayeli engachazwanga ngagama

Into eyenzeka kweli bali: Umphathi mkhosi waseSiriya uNahaman uphiliswa kwisifo esenyanyekayo emva kokuba intombazana yomSirayeli icebise ukuba aye kubona uElisha.

1 HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA EYESI-2 YOOKUMKANI 5:1-19.

Yintoni ekumele ukuba kwafuneka iyinyamezele le ntombazana yomSirayeli ekubeni yayahlukaniswe nentsapho yayo eyayikhonza uThixo?

․․․․․

Ucinga ukuba yamkhathaza kangakanani uNahaman into yokuba nesifo esenyanyekayo ekubeni wayeyindoda ebalulekileyo?

․․․․․

Ucinga ukuba wayencokola kanjani uNahaman nezicaka zakhe njengoko kubhalwe kwivesi 11 ukuya kweye-13?

․․․․․

Ngaba uyayibona indlela esatshintsha ngayo isimo sengqondo sikaNahaman ukususela kwivesi 15?

․․․․․

2 PHANDA.

Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yabangela ukuba uNahaman abe nekratshi? (Phinda ufunde ivesi 1.)

․․․․․

Phanda ngeqhenqa lamaxesha eBhayibhile kwiincwadi onazo.a (Ngokomzekelo, sasiyingozi kangakanani esi sifo? Ngaba sasisosulela? Sasinyangwa njani?)

․․․․․

Ucinga ukuba yavakalelwa njani intombazana yomSirayeli esakuphiliswa uNahaman?

․․․․․

Indlela asabela ngayo uElisha ifanele ukuba yamvavanya njani uNahaman?(Funda ivesi 10.)

․․․․․

3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .

Ngendlela eliyingozi ngayo ikratshi.

․․․․․

Ngokuthetha phandle ngeenkolelo zakho.

․․․․․

Ngamandla kaYehova okuphilisa izifo.

․․․․․

4 YINTONI OYITHANDILEYO NGELI BALI YAYE NGOBA?

․․․․․

UKUBA AWUNAYO IBHAYIBHILE CELA AMANGQINA KAYEHOVA AKUPHATHELE OKANYE UYIFUNDE KWI-INTERNET www.watchtower.org

[Umbhalo osemazantsi]

a Isifo solusu ekwakuthiwa liqhenqa ngamaxesha eBhayibhile siquka isifo esibizwa ngokuba sisifo sikaHansen namhlanje.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share