Kwakutheni Ukuze Bamgatye UMesiya?
XA UYESU wayesemhlabeni, izihlwele zazichukunyiswa zizinto awayezithetha zikhwankqiswa yimimangaliso awayeyenza. Ngenxa yoko abantu abaninzi “bakholwa kuye” baza bamamkela njengoMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu. Babebuza besithi: “Xa uKristu efika, akayi kwenza miqondiso ingakumbi kunaleyo lo mntu ayenzileyo, akunjalo?”—Yohane 7:31.
Nangona kwakukho ubungqina obuyintabalala obabubonisa ukuba uYesu unguMesiya, inkoliso yabantu abambonayo nabamvayo abazange bakholwe kuye. Okubuhlungu kukuba nabanye ababekade bekholelwa kuye bamnikel’ umva. Kwakutheni ukuze abantu abaninzi bamgatye uYesu njengoMesiya nangona kwakukho ubungqina obungaka? Makhe sishukuxe izizathu yaye njengoko sisihl’ amahlongwane, zibuze oku, ‘Ngaba kunokwenzeka ukuba ndenze kwaloo mpazamo?’
Ulindelo Olungazange Luzaliseke
Ngexesha lokuzalwa kukaYesu Kristu, amaYuda amaninzi ayekulindele ukufika kukaMesiya. Ukuziswa kukaYesu Kristu etempileni xa wayeselusana, wamkelwa ngabo “babelindele intlangulo yeYerusalem.” (Luka 2:38) Kamva abantu abaninzi ababebona imisebenzi kaYohane umBhaptizi, babuza: “Makube mhlawumbi unguKristu na?” (Luka 3:15) AmaYuda enkulungwane yokuqala ayelindele ntoni kuMesiya?
AmaYuda amaninzi ayekholelwa ukuba uMesiya wayeza kuwakhulula kulawulo lwamaRoma aze abuyisele ubukumkani bamaSirayeli. Ngaphambi kokuba uYesu Kristu aqalise ubulungiseleli bakhe, kwavela iinkokeli ezinempembelelo zaza zakhuthaza ukuba kuliwe namaRoma. Into eyenziwa ngala madoda yaba negalelo kulindelo lwabantu ngoMesiya.
UYesu wayahluke gqitha kwabo babo Mesiya bobuxoki. Akazange akhuthaze ukulwa kodwa wafundisa abaphulaphuli bakhe ukuba bathande iintshaba zabo baze bathobele nabasemagunyeni. (Mateyu 5:41-44) Akazange avume xa abantu befuna ukumenza ukumkani. Kunoko, wabafundisa ukuba ubukumkani bakhe “abuyonxalenye yeli hlabathi.” (Yohane 6:15; 18:36) Sekunjalo abantu abazange balutshintshe ulindelo lwabo ngoMesiya.
UYohane umBhaptizi wayiva waza wazibonela imimangaliso eyayingqina ukuba uYesu unguNyana kaThixo. Nakuba kunjalo, xa wayevalelwe entolongweni wathumela abafundi bakhe ukuba baye kubuza uYesu ukuba: “UnguLowo Uzayo na, okanye ngaba simele silindele omnye owahlukileyo na?” (Mateyu 11:3) Mhlawumbi uYohane wayezibuza enokuba uYesu wayengulaa Mhlanguli wayethenjisiwe owayeza kufeza izithembiso ezazilindelwe ngamaYuda kusini na.
Kwaba nzima ngabapostile bakaYesu ukuqonda into yokuba wayeza kubulawa aze avuswe. Ngesinye isihlandlo xa uYesu wathi uMesiya uza kubandezeleka aze afe, uPetros “wamthabathela bucala waza wamkhalimela.” (Marko 8:31, 32) UPetros wayengakudibanisi ukufa kukaYesu nokuba nguMesiya kwakhe.
Ekungeneni kwakhe eYerusalem ngaphambi nje kwePasika yowama-33 C.E., uYesu wamkelwa njengoKumkani zizihlwele zinemihlali. (Yohane 12:12, 13) Le meko yatshintsha ngesiquphe! Kwixesha elingangeveki, uYesu wabanjwa waza wabulawa. Emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe ababini bakhalaza besithi: “Besithembe ukuba lo mntu nguye owayemiselwe ukuhlangula uSirayeli.” (Luka 24:21) Kwanasemva kokuvuswa kukaYesu waza wabonakala kubafundi bakhe, babesalindele ukuba uMesiya amisele ubukumkani emhlabeni. Babuza: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” Izicacele into yokuba izinto abantu ababezilindele kuMesiya zazendele ezingqondweni nasezintliziyweni zabaphulaphuli bakaYesu.—IZenzo 1:6.
Emva kokunyukela kukaYesu ezulwini nokuthululwa komoya oyingcwele, abafundi bakhe baqonda ukuba uMesiya wayeza kulawula ezulwini njengoKumkani. (IZenzo 2:1-4, 32-36) Umpostile uPetros noYohane bashumayela ngenkalipho ngokuvuswa kukaYesu baza benza imimangaliso bebonisa ukuba baxhaswa nguThixo. (IZenzo 3:1-9, 13-15) Amawaka abantu awayeseYerusalem aba ngamakholwa. Noko ke, iziphatha mandla zamaYuda azizange ziyithande le nto. Kanye njengokuba zachasa uYesu, ngoku zazichasa abapostile nabafundi bakhe. Kwakutheni ukuze zimchase kangaka uYesu iinkokeli zamaYuda?
Ukugatywa Ziinkokeli Zonqulo
Ngexesha lokufika kukaYesu emhlabeni, iinkokeli zamaYuda zazitenxe kakhulu kwizinto ezazifundiswa ziZibhalo eziphefumlelweyo. Iinkokeli zonqulo zelo xesha—abaSadusi, abaFarisi nababhali—zazibambelele kwizithethe kunakwiLizwi likaThixo. Zazisoloko zityhola uYesu ngokophula uMthetho kuba wayesenza imimangaliso ngomhla weSabatha. Ebhenca iimfundiso zabo ezingasekelwanga zibhalweni, uYesu walisingela phantsi igunya lazo nokuzigwagwisa kwazo zisithi zikholekile kuThixo. Ngokwahlukileyo koko, uYesu wayesuka kwikhaya eliphantsi yaye wayengafundanga kwizikolo ezidumileyo zonqulo. Akumangalisi ukuba kwakunzima ngaloo madoda ukwamkela uYesu njengoMesiya! Oku kusoloko engqubana noYesu kwawacaphukisa kangangokuba ‘aphuma aza aceba ukumtshabalalisa.’—Mateyu 12:1-8, 14; 15:1-9.
Ezi nkokeli zonqulo zazicinga ukuba wayewathatha phi uYesu amandla okwenza imimangaliso? Zazingakhanyeli ukuba imimangaliso wayeyenza. Kunoko zazama ukumnyelisa uYesu zisithi wayesenza imimangaliso ngamandla awayewafumana kuSathana, zathi: “Lo mfo akazikhuphi iidemon ngaphandle kwangoBhelezebhubhe, umlawuli weedemon.”—Mateyu 12:24.
Kwakukho esinye isizathu esasibenza bangamamkeli uYesu njengoMesiya. Emva kokuba uYesu evuse uLazaro ekufeni, iinkokeli zamahlelo ahlukahlukeneyo zambhunga zisithi: “Yintoni na emasiyenze, ngenxa yokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi? Ukuba siyamyeka ngale ndlela, bonke baya kukholwa kuye, aze amaRoma eze ayithabathe indawo yethu nohlanga lwethu.” Ekubeni zazisoyika ukuba ziza kuphulukana negunya nesikhundla sazo, iinkokeli zonqulo zenza iyelenqe lokubulala uYesu noLazaro.—Yohane 11:45-53; 12:9-11.
Ukucalulwa Nokutshutshiswa Kwabafundi
Iinkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala zenza kwaba nzima ngabantu ukwamkela uYesu njengoMesiya. Ekubeni zazithe phithi ngamawonga, zazimjongela phantsi nabani na okholelwa kuYesu zisithi: “Akukho namnye kubalawuli okanye kubaFarisi okholiweyo kuye, akunjalo?” (Yohane 7:13, 48) Ezinye iinkokelo zamaYuda, njengoNikodemo noYosefu waseArimathiya, zaba ngabafundi bakaYesu bangasese kuba zazisoyika abantu. (Yohane 3:1, 2; 12:42; 19:38, 39) Iinkokeli zamaYuda zakhupha umyalelo othi ukuba kukho ‘nabani na ovumayo ukuba uYesu unguKristu, ufanele agxothwe kwindlu yesikhungu.’ (Yohane 9:22) Loo mntu wayeya kusikwa phakathi kwabantu.
Ekugqibeleni ukuchaswa kwabapostile bakaYesu nabafundi bakhe kwaphumela kugonyamelo. Ngenxa yokushumayela kwabo ngenkalipho, abapostile batshutshiswa yiSanhedrin, inkundla ephakamileyo yamaYuda. (IZenzo 5:40) Abachasi bamangalela uStefano ngokunyelisa. Wagwetyelwa ukufa yiSanhedrin waza waxulutywa ngamatye. Emva koko, “kwavela intshutshiso enkulu nxamnye nebandla elaliseYerusalem; bonke ngaphandle kwabapostile bachithachitheka kuyo yonke imimandla yelakwaYuda neSamariya.” (IZenzo 6:8-14; 7:54–8:1) USawule owaba ngumpostile uPawulos kamva, waba nenxaxheba kwiphulo lokutshutshiswa kwabafundi elalixhaswa ngumbingeleli omkhulu “nayo yonke indibano yamadoda amakhulu.”—IZenzo 9:1, 2; 22:4, 5.
Naphantsi kweemeko ezimaxongo, amaKristu anda kakhulu kwiminyaka emva kokufa kukaYesu. Nangona amawaka aba ngamakholwa, amaKristu aqhubeka eligcuntswana kubantu basePalestina benkulungwane yokuqala. Umntu oziveza esidlangalaleni ukuba ungumlandeli kaKristu wayezibeka esichengeni sokusikwa nokubulawa.
Funda Kwabo Bagatya UYesu
Njengokuba sele sibonile, inkcazelo engachananga, ingcinezelo yasekuhlaleni nentshutshiso yathintela abaninzi benkulungwane yokuqala ababi nalukholo kuYesu. Nanamhlanje, iingcamango eziphosakeleyo ngoYesu neemfundiso zakhe zinokusichaphazela ngendlela efanayo. Ngokomzekelo abaninzi baye bafundiswa ukuba uBukumkani bukaThixo busentliziyweni yabo okanye buza kuziswa ngabantu. Abanye bakhuthazwa ukuba xa befuna isicombululo kwiingxaki zoluntu bakhangele kwinzululwazi nakwezobugcisa nto leyo ibenza bangakholelwa kuMesiya. Abahlalutyi abaninzi bale mihla bathi izinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ngoYesu azichananga ngokwembali nto leyo ewenza la madoda angakholelwa ukuba uYesu nguMesiya.
Ezi ngcamango ziye zabangela ukuba abantu bangayiqondi indima kaMesiya okanye bangayiboni imfuneko yokwazi ngaye. Noko ke, kwabo banomdla wokuhlolisisa ubungqina, kukho ubungqina obuninzi namhlanje kunangenkulungwane yokuqala obubonisa ukuba uYesu unguMesiya. Sinentaphane yeZibhalo zesiHebhere ezineziprofeto ezichaza oko kwakuya kwenziwa nguMesiya neencwadi ezine zeVangeli ezichaza indlela awazizalisekisa ngayo uYesu ezo ziprofeto.a
Sinobungqina obaneleyo bokukwazi ukwenza izigqibo ezichanileyo kulo mbandela. Eso sigqibo singxamisekile. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba iBhayibhile ibonisa ukuba uYesu onguMesiya nokwanguKumkani woBukumkani bukaThixo, kungekudala uza kubatshabalalisa bonke abo bonakalisa umhlaba aze azise ulawulo oluya kuvulela bonke abantu abathobekileyo baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 11:15, 18; 21:3-5) Nawe unokuxhamla kwelo kamva ukuba ufunda ngoYesu uze ukholelwe kuye. Khumbula la mazwi kaYesu athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda isicangca esithi “Iziprofeto Eziphathelele UMesiya” kwiphepha 200 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina KaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
Ngaba wawuza kumazi uMesiya ukuba wawuphila ngexesha likaYesu?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Musa ukuzivumela iingcamango ezixhaphakileyo zikuphembelele ungakholelwa kuYesu