IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 12/1 iphe. 30-31
  • Imfihlelo Onokuyixelela Abanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfihlelo Onokuyixelela Abanye
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2018
  • Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi
    Fundisa Abantwana Bakho
  • Imfihlelo AmaKristu Angenabuganga Bakuyigcina!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ukutyhilwa Kwemfihlelo Engcwele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 12/1 iphe. 30-31

Fundisa Abantwana Bakho

Imfihlelo Onokuyixelela Abanye

NGABA wakha waxelelwa imfihlelo?—a Ikhona endifuna ukukuxelela yona. EBhayibhileni ibizwa ngokuba ‘yimfihlelo engcwele ebekungathethwa ngayo kangangamaxesha ahlala ehleli.’ (Roma 16:25) Ekuqaleni yayinguThixo kuphela owayeyazi ‘imfihlelo engcwele.’ Makhe sibone ukuba wayityhila njani uThixo imfihlelo engcwele ukuze yaziwe ngabantu abaninzi.

Okokuqala ngaba uyazi ukuba lithetha ntoni igama elithi “ngcwele”?— Lithetha ukucoceka okanye into ekhetheke kakhulu. Le mfihlelo kuthiwa yimfihlelo engcwele kuba ivela kuThixo, ongcwele. Ucinga ukuba ngoobani ababefuna ukwazi le mfihlelo?— Iingelosi zazikufuna ukuyazi. IBhayibhile ithi: “Kwaneengelosi zinqwenela ukuqondela kwezi zinto.” Zazifuna ukuyazi le mfihlelo ingcwele.—1 Petros 1:12.

Xa uYesu weza emhlabeni, wathetha ngemfihlelo engcwele waze wayicacisa. Waxelela abafundi bakhe ukuba: “Nina niyinikiwe imfihlelo engcwele yobukumkani bukaThixo.” (Marko 4:11) Ngaba uyazi ukuba ithetha ngantoni imfihlelo engcwele?— Ithetha ngoBukumkani bukaThixo, obo uYesu awathi masibuthandazele.—Mateyu 6:9, 10.

Makhe sibone ukuba uBukumkani bukaThixo babuyimfihlelo engcwele njani “kangangamaxesha ahlala ehleli” wada weza emhlabeni uYesu ukuze ayicacise. Emva kokuba uAdam noEva bophule umthetho kaThixo baza bagxothwa kumyezo wase-Eden, abakhonzi bakaThixo baye bazi ukuba uThixo wayeseza kuwenza wonke umhlaba ube yiparadesi. (Genesis 1:26-28; 2:8, 9; Isaya 45:18) Babhala ngolonwabo oluza kunanditshwa ngabantu ngaphantsi koBukumkani bukaThixo.—INdumiso 37:11, 29; Isaya 11:6-9; 25:8; 33:24; 65:21-24.

Ngoku, khawucinge ngoMlawuli woBukumkani bukaThixo. Ngaba uyazi ukuba wakhetha bani uThixo ukuba abe nguMlawuli?— wakhetha uNyana wakhe, uYesu Kristu, “iNkosana Yoxolo.” IBhayibhile ithi: “Ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe.” (Isaya 9:6, 7) Mna nawe kufuneka singenise “ulwazi oluchanileyo lwemfihlelo engcwele kaThixo, oko kukuthi, uKristu.” (Kolose 2:2) Kufuneka sazi ukuba uThixo wathabatha ubomi bengelosi yokuqala (uNyana ongumoya) awayemdalile waza wafaka ubomi bakhe esibelekweni sikaMariya. Loo nyana, owayeyingelosi enamandla, nguye owathunyelwa emhlabeni nguThixo ukuba abe lidini ukuze sifumane ubomi obungunaphakade.—Mateyu 20:28; Yohane 3:16; 17:3.

Noko ke, sifanele sazi okungakumbi ngale mfihlelo kunokwazi nje kuphela ukuba uThixo ukhethe uYesu ukuba abe nguMlawuli woBukumkani Bakhe. Enye into ngale mfihlelo kukuba kukho amadoda nabafazi abaya kuba kunye noYesu ovusiweyo ezulwini. Baza kulawula noYesu ezulwini.—Efese 1:8-12.

Makhe sifunde amagama abo baza kulawula noYesu ezulwini. UYesu waxelela abapostile bakhe abathembekileyo ukuba uya ezulwini ukuze aye kubalungiselela indawo. (Yohane 14:2, 3) Xa ufunda le mibhalo ilandelayo, uza kubona amagama amadoda nabafazi abambalwa abaza kulawula noYesu kuBukumkani bukaYise.—Mateyu 10:2-4; Marko 15:39-41; Yohane 19:25.

Kwadlula ixesha elide, abantu abaninzi bengazi ukuba baza kuba bangaphi abantu abaza kulawula noYesu ezulwini. Kodwa ngoku siyalazi elo nani. Ngaba wena uyalazi?— IBhayibhile ithi li-144 000. Nalo olu lwazi luyinxalenye yemfihlelo engcwele.—ISityhilelo 14:1, 4.

Ngaba uyavuma ukuba “imfihlelo engcwele yobukumkani bukaThixo” yeyona mfihlelo ingcwele inokwaziwa nguye nabani na?— Ukuba uyavuma, sifanele sifunde yonke into ngayo ukuze sikwazi ukucacisela abanye.

a Ukuba ufunda nomntwana isikhewu senzelwe ukuba unqumame ukuze umntwana aphendule.

IMIBUZO:

  • Ibizwa ngokuba yintoni imfihlelo esithethe ngayo yaye kutheni ibizwa ngolu hlobo?

  • Iyintoni le mfihlelo, kwaye ngubani owaqalisa ukufundisa abantu ngayo?

  • Zintoni ezinye izinto oye wazifunda ngale mfihlelo?

  • Unokumchazela njani umhlobo wakho imfihlelo engcwele?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share