Culela UYehova!
“Ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam lo gama ndisekho.”—INDU. 146:2.
1. Yintoni eyabangela ukuba uDavide oselula aqambe ezinye zeendumiso zakhe?
XA UDAVIDE wayeselula, wachitha ixesha elininzi ekumathafa akufutshane neBhetelehem esalusa umhlambi kayise. Ngoxa wayesalusa izimvu, wayebona indalo kaYehova emangalisayo: isibhakabhaka esineenkwenkwezi, ‘amarhamncwa asendle,’ kunye ‘neentaka zezulu.’ Kwamchukumisa gqitha oko wayekubona—kangangokuba waqamba iingoma ezihlab’ umxhelo zokudumisa uMenzi wezi zinto zimangalisayo. Iingoma ezininzi ezaqanjwa nguDavide zifumaneka kwincwadi yeeNdumiso.a—Funda iNdumiso 8:3, 4, 7-9.
2. (a) Umculo unokwenza umntu avakalelwe njani? Yenza umzekelo. (b) Yintoni esinokuyifunda kwiNdumiso 34:7, 8 nakwiNdumiso 139:2-8 ngolwalamano olwaluphakathi kukaDavide noYehova?
2 Kusenokwenzeka ukuba kwakuleli xesha awathi uDavide waphucula ubuchule bakhe njengemvumi. Waba yingcungela kangokuba wacelwa ukuba aye kudlalela uKumkani uSawule uhadi. (IMize. 22:29) Umculo kaDavide wawuwenza ukhululeke umoya walo Kumkani xa ekhathazekile, kanye njengokuba umculo omnandi uba njalo ebantwini nanamhlanje. Nanini na uDavide edlala isixhobo sakhe somculo, ‘uSawule wayekhululeka kuze kube kuhle kuye.’ (1 Sam. 16:23) Iingoma ezaqanjwa yile mvumi nombhali weengoma ohlonel’ uThixo aziphelelwa xesha. Khawucinge nje ngale nto! Namhlanje, nangona sekudlule iminyaka engaphezu kwama-3 000 ukususela ekuzalweni kukaDavide, abantu abazizigidi abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo nabaphila kuzo zonke iinxalenye zomhlaba bafunda iindumiso zikaDavide ukuze bafumane intuthuzelo nethemba.—2 Kron. 7:6; funda iNdumiso 34:7, 8; 139:2-8; Amosi 6:5.
Indima Ebekekileyo Yomculo Kunqulo Lokwenene
3, 4. Ngemihla kaDavide, ngawaphi amalungiselelo awayesenziwa ngokuphathelele umculo ongcwele?
3 UDavide wayenesiphiwo, ibe wasisebenzisa ngeyona ndlela ifanelekileyo—ukuzukisa uYehova. Emva kokuba ngukumkani kwaSirayeli, uDavide walungiselela ukuba kunqulo olwalusenziwa emnqubeni kubekho nomculo omyoli. Isinye eshumini sabo bonke abaLevi ababesebenza etempileni—ababemalunga nama-4 000—sasabelwe ‘ukudumisa,’ yaye abangama-288 ‘babeqeqeshelwe ukuvuma iingoma kuYehova, beziingcali bonke.’—1 Kron. 23:3, 5; 25:7.
4 UDavide wayeluqamba ngokwakhe uninzi lweengoma ezaziculwa ngabaLevi. Nawaphi na amaSirayeli awayekho xa kwakuculwa iindumiso zikaDavide amele ukuba achukunyiswa zezo ngoma. Kamva, xa ityeya yomnqophiso yeziswa eYerusalem, “uDavide wathi kwiintloko zabaLevi mazimise abazalwana bazo abaziimvumi nezixhobo zeengoma, imirhubhe neehadi namacangci, bazidlale ngokuvakalayo ukuze zenze isandi semihlali.”—1 Kron. 15:16.
5, 6. (a) Yintoni eyayibangela ukuba ngexesha lokulawula kukaDavide umculo ube yeyona nto ibalulekileyo? (b) Sazi njani ukuba umculo wawunendima ebalulekileyo kunqulo lukaSirayeli wamandulo?
5 Yintoni eyayibangela ukuba ngemihla kaDavide umculo ube yeyona nto ibalulekileyo? Ngaba kungenxa yokuba ukumkani wayeyimvumi? Akunjalo, sikho nesinye isizathu esatyhilwa emva kweenkulungwane xa uKumkani uHezekiya wavuselela unqulo lwasetempileni. Kweyesi-2 yeziKronike 29:25, siyafunda: “[UHezekiya] wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, namacangci, nemirhubhe neehadi, ngokomyalelo kaDavide noGadi iimboni noNatan umprofeti, kuba kwakungesandla sikaYehova ukuba umyalelo unikezelwe ngabaprofeti.”
6 UYehova wasebenzisa abaprofeti bakhe ukuba balathise abakhonzi bakhe ukuba bamdumise ngengoma. Iimvumi eziphuma kwisizwe sababingeleli zazide zikhululwe kweminye imisebenzi eyayisenziwa ngabanye abaLevi ukuze zibe nexesha elaneleyo lokuqamba iingoma yaye mhlawumbi nelokuziqhelisela.—1 Kron. 9:33.
7, 8. Yintoni ebaluleke ngaphezu kobuchule xa kufikwa ekuculeni iingoma zethu zoBukumkani?
7 Mhlawumbi uthi, “Ndiqinisekile ukuba mna ndandingayi kuba phakathi kweengcali ezazikhethelwe ukucula emnqubeni!” Kodwa ayizizo zonke iimvumi zabaLevi ezaziziingcali. Ngokutsho kweyoku-1 yeziKronike 25:8, kwakukho ‘nabafundi.’ Kusenokwenzeka ukuba nakwezinye izizwe zakwaSirayeli kwakukho imilonji nemilonjikazi, kodwa uYehova wakhetha ukuba ibe ngabaLevi abaculayo. Sinokuqiniseka ukuba bonke aba baLevi bathembekileyo babewenza ngokuzimisela lo msebenzi, kungakhathaliseki ukuba ‘babeziingcali’ okanye ‘bengabafundi.’
8 UDavide wayelinxila lengoma kwaye eyingcali yomculo. Kodwa ngaba sisiphiwo sodwa esibalulekileyo kuThixo? KwiNdumiso 33:3, uDavide wathi: “Yenzani okusemandleni enu ngokudlala imirhubhe nenze nemikhwazo yovuyo.” Impendulo izicacele: Eyona nto ibalulekileyo ‘kukwenza okusemandleni ethu’ xa sidumisa uYehova.
Indima Yomculo Emva Kwemihla KaDavide
9. Chaza izinto owawuza kuzibona uze uzive ukuba wawukho xa kwakunikezelwa itempile ebudeni bolawulo lukaSolomon.
9 Ebudeni bolawulo lukaSolomon, umculo wawunendima ebalulekileyo kunqulo olunyulu. Xa kwakunikezelwa itempile, kwakukho iokhestra epheleleyo, kuquka nabakhalisi bamaxilongo abali-120. (Funda eyesi-2 yeziKronike 5:12.) IBhayibhile ithi ‘abavutheli-maxilongo [ababengababingeleli bonke] neemvumi bavakalisa njengamntu mnye ngesandi esinye bedumisa bebulela uYehova, “kuba ulungile, kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”’ Emva nje kokuba eso sandi sovuyo sinyukile, “indlu yazaliswa lilifu,” nto leyo eyayibonisa ukuba uYehova uyakholiswa koko. Kumele ukuba kwakubangel’ imincili ngokwenene ukuva loo maxilongo eyondelelana namawakawaka eemvumi!—2 Kron. 5:13.
10, 11. Yintoni ebonisa ukuba umculo wawuyinxalenye yonqulo lwamaKristu okuqala?
10 Umculo wawukwayinxalenye yonqulo lwamaKristu okuqala. Kakade ke, amaKristu enkulungwane yokuqala ayehlenganisana kumakhaya abazalwana, kungekhona emnqubeni okanye etempileni. Ngenxa yentshutshiso nezinye izinto, ayedla ngokuhlanganisana kwiimeko ezingentle. Sekunjalo, loo maKristu ayedumisa uThixo ngengoma.
11 Umpostile uPawulos wabongoza abazalwana bakhe baseKolose, wathi: “Qhubekani . . . nilulekana ngeendumiso, ngemibongo kuThixo, ngeengoma zokomoya ninombulelo.” (Kol. 3:16) Emva kokuba uPawulos noSilas bevalelwe entolongweni, baqalisa ‘ukuthandaza, bedumisa uThixo ngengoma,’ nangona babengenamaculo. (IZe. 16:25) Ukuba ubunokuvalelwa entolongweni, zingaphi iingoma zoBukumkani obuya kukwazi ukuzicula ngentloko?
12. Sinokubonisa njani ukuba siyazixabisa iingoma zethu zoBukumkani?
12 Ekubeni umculo unendima ebalulekileyo kunqulo lwethu, sifanele sizibuze: ‘Ngaba ndiyawuxabisa? Ngaba ndenza konke okusemandleni am ukuze ndifike ngethuba kwiintlanganiso nakwiindibano ndize ndicule kunye nabazalwana noodade wethu ingoma yokuvula, yaye ngaba ndicula ngendlela ebonisa ukuba ndiyayiqonda intsingiselo yamazwi aloo ngoma? Ngaba ndikhuthaza abantwana bam ukuba bangajongi ixesha lokuculwa kwengoma ephakathi kweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neNtlanganiso Yenkonzo nephakathi kwentetho yesidlangalala neSifundo SeMboniselo njengendlela yokuhlab’ ikhefu, ithuba lokubethwa ngumoya nokolula imilenze?’ Ukucula yinxalenye yonqulo lwethu. Ewe, enoba ‘siziingcali’ okanye ‘singabafundi,’ sonke sinako—yaye sifanele—simdumise kunye uYehova ngamazwi ethu.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 8:12.
Ukuhamba Kwexesha Kutshintsha Izinto
13, 14. Kutheni kubalulekile ukucula ngokusuka entliziyweni kwiintlanganiso zebandla? Yenza umzekelo.
13 Kwiminyaka engaphezu kwe-100 eyadlulayo, iZion’s Watch Tower yachaza isizathu sokuba iingoma zethu zoBukumkani zibalulekile. Yathi: “Ukucula iingoma ezithetha ngenyaniso kubangela ukuba ibetheleleke ezingqondweni nasezintliziyweni zabantu bakaThixo.” Uninzi lwamazwi eengoma zethu lusekelwe eZibhalweni, ngoko ukufunda amazwi ezinye zezi ngoma kunokuba yindlela esemagqabini yokwenza inyaniso izike ezintliziyweni zethu. Xa abantu beqala ukuza kwiintlanganiso zethu badla ngokuchukumiseka xa besiva ibandla licula ngokusuka entliziyweni.
14 Ngenye ingokuhlwa yowe-1869, uC. T Russell wayegoduka evela emsebenzini waza weva kuculwa kwiholo elikumgangatho ongaphantsi. Ngelo xesha, wayesele encamile ukuba uya kuze ayifumane inyaniso ngoThixo. Ngoko wagqiba ekubeni azinikele kumashishini akhe, eqiqa ngelithi xa enokufumana imali, unako ukunceda abantu abasweleyo kwanokuba akanakukwazi ukubanceda ngokomoya. UMzalwan’ uRussell wangena kweloo holo liqhuma uthuli waza wabona ukuba kwakunqulelwa apho. Wahlala phantsi waza waphulaphula. Kamva wathi, ‘ngoncedo lukaThixo, yonke into awayifunda ngobo busuku yavuselela ukholo lwakhe yaza yamnceda waqiniseka ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo.’ Phawula ukuba uMzalwan’ uRussell watsalwa ngumculo ukuze aye kungena kuloo ntlanganiso.
15. Ziziphi iimfundiso ezintsha eziye zabangela ukuba kufuneke iculo elihlaziyiweyo?
15 Njengoko ixesha lihamba, kuye kwenziwe utshintsho kwindlela esiziqonda ngayo iZibhalo. IMizekeliso 4:18 ithi: “Umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.” Ukukhanya okuya kukhanya kuye kubangele ukuba kwenziwe utshintsho nakwindlela ‘esizicula ngayo iingoma ezithetha ngenyaniso.’ Kule minyaka engama-25 edluleyo, amaNgqina kaYehova kwiindawo ezininzi ebesebenzisa iculo elinomxholo othi Mvumeleni Iindumiso UYehova.b Ukususela kwiminyaka elapapashwa ngayo elo culo, ukukhanya kuye kwaya kukhanya kwimibandela emininzi, yaye amanye amabinzana asetyenziswe kulo aphelelwe lixesha. Ngokomzekelo, asisathethi “ngenkqubo entsha” kodwa sithetha “ngehlabathi elitsha.” Ngoku sithi igama likaYehova liya “kungcwaliswa,” kunokuba sithi liya “kuthethelelwa.” Sinokubona ke ngoko ukuba, ngenxa yezi mfundiso kuye kwafuneka ukuba iculo lethu lenziwe lihambisane neli xesha sikulo.
16. Iculo lethu elitsha liya kusinceda njani sisebenzise isiluleko sikaPawulos esikweyabase-Efese 5:19?
16 Ngenxa yeso sizathu nezinye, iQumrhu Elilawulayo liye lavuma ukuba kupapashwe iculo elitsha elithi Culela UYehova. Inani leengoma ezikweli culo litsha liye lehliswa laya kwezili-135. Ekubeni zimbalwa iingoma ekufuneka sizifundile, sinako ukuwazi ngentloko amazwi ezinye iingoma ezintsha. Oku kuvisisana nesiluleko sikaPawulos esikweyabase-Efese 5:19.—Funda.
Unokubonisa Uxabiso
17. Yintoni enokusinceda singabi nazintloni xa sicula ebandleni?
17 Ngaba iintloni zifanele zisibangele ukuba singaculi ngokuvakalayo kwiintlanganiso zamaKristu? Cinga ngale ndlela: Ngaba akuyonyaniso ukuba, xa sithetha “sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi”? (Yak. 3:2) Sekunjalo, loo nto ayisenzi ukuba singamdumisi uYehova kwindlu ngendlu. Ngoko ke, kutheni amazwi ethu angafezekanga efanele asithintele ekudumiseni uThixo ngengoma? UYehova, “owenze umlomo womntu,” uyakuvuyela ukusiphulaphula xa simdumisa ngamazwi ethu.—Eks. 4:11.
18. Chaza amacebiso endlela esinokufunda ngayo amazwi eengoma.
18 IiCD ezithi Sing to Jehovah—Vocal Renditions zifumaneka ngeelwimi ezininzi. Zinomculo omyoli weokhestra nekwayara ecula ezinye zezi ngoma zintsha. Kumnandi ukuphulaphula lo mculo. Wuphulaphule rhoqo; kungekudala uya kuwazi amazwi ezinye zezi ngoma zintsha. Amazwi eengoma ezininzi abhalwe ngendlela yokuba xa ucula umgca wokuqala ube sele uqonda ukuba olandelayo uya kuthetha ngantoni. Ngoko, xa udlala lo mculo, kutheni ungazami ukucula nawe? Ukuba uqhelisela amazwi ezi ngoma ekhaya, ngokungathandabuzekiyo uya kukwazi ukucula ngokuzithemba eHolweni yoBukumkani.
19. Ngawaphi amanyathelo abandakanyekileyo xa kulungiselelwa iingoma zoBukumkani zeokhestra?
19 Sisenokuwuthabatha lula umculo orekhodiweyo odlalwa kwiindibano ezikhethekileyo, zesiphaluka nakwezesithili. Kungumsebenzi omkhulu ukulungiselela lo mculo. Emva kokuba umculo ukhethiwe, uhlengahlengiso lweokhestra luye lubhalwe phantsi kulungiselelwa amalungu angama-64 eokhestra yeWatchtower eza kuwudlala. Ezi mvumi ziye zichithe ixesha elininzi zifunda yaye ziqhelisela lo mculo zize ekugqibeleni zirekhode kumagumbi ethu okurekhoda ePatterson, eNew York. Abalishumi kwaba bazalwana noodade abahlali eUnited States. Bonke bakugqala kulilungelo ukuba nenxaxheba xa kulungiselelwa umculo esiza kuwusebenzisa kwizihlandlo zobuthixo. Sifanele sibonise uxabiso ngomgudu abawenza ngothando. Xa usihlalo wendibano esikhuthaza ukuba sihlale phantsi siphulaphule umculo esiwulungiselelwe ngothando, sifanele senjenjalo ngokukhawuleza.
20. Yintoni ozimisele ukuyenza?
20 UYehova uyasiphulaphula xa sicula iingoma zokumdumisa. Zibalulekile kuye. Sinokuyivuyisa intliziyo yakhe ngokucula ngokusuk’ entliziyweni ngalo lonke ixesha sihlanganisene ukuze simnqule. Ewe, enoba siziingcali okanye singabafundi, ‘masimculele uYehova’!—INdu. 104:33.
[Imibhalo esemazantsi]
a Okubangel’ umdla kukuba kwiinkulungwane ezilishumi emva kokufa kukaDavide, inkitha yeengelosi yavakalisa ukuzalwa kukaMesiya kubalusi ababesalusa imihlambi yabo kumathafa akufutshane neBhetelehem.—Luka 2:4, 8, 13, 14.
b Iculo elipheleleyo elineengoma ezingama-225 belifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-100.
Ucinga Ntoni?
• Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba umculo unendima ebalulekileyo kunqulo lwethu?
• Umyalelo kaYesu okuMateyu 22:37 udibana njani nokucula iingoma zoBukumkani ngentliziyo iphela?
• Ziziphi ezinye zeendlela esinokubonisa ngazo ukuba siyazixabisa iingoma zethu zoBukumkani?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba abantwana bakho uyabanqanda ukuba bangazuli xa kuculwa?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba uyawaqhelisela amazwi eengoma zethu ezintsha ekhaya?