IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 2/1 iphe. 14
  • “Ndikhumbule, Thixo Wam, Ngokulungileyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ndikhumbule, Thixo Wam, Ngokulungileyo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • “Hlala Uboyisa Ububi Ngokulungileyo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Iimbalasane Zencwadi KaNehemiya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Incwadi YeBhayibhile 16—Nehemiya
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Iindonga ZeYerusalem
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 2/1 iphe. 14

Sondela KuThixo

“Ndikhumbule, Thixo Wam, Ngokulungileyo”

“NDANDICINGA ukuba uYehova, ondazi kakuhle, akanakuze andithande okanye akholiswe ndim.” Labhala njalo ibhinqa elingumKristu othembekileyo elalinengxaki yokungazithembi. Ngaba wakha wavakalelwa ngaloo ndlela, ucinga ukuba uThixo akanaxesha lakho, singasathethi ke ngokukholiswa nguwe? Ukuba kunjalo, amazwi akuNehemiya 13:31 anokukukhuthaza.

UNehemiya owayeyirhuluneli yamaYuda ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, wazama kangangoko anako ukukholisa uThixo. Wakhokela xa kwakusakhiwa iindonga zaseYerusalem nangona iintshaba zazichasa. Wayeqinisekisa ukuba uMthetho kaThixo uyathotyelwa, abantu abacinezelwa kwaye wayefuna ukwakha ukholo lwamanye amaSirayeli. Ngaba uThixo wazibona izinto ezintle ezazisenziwa yile ndoda ithembekileyo? Ngaba uYehova wakholiswa nguNehemiya? Iimpendulo sinokuzifumana kumazwi okuqukumbela encwadi yakhe.

UNehemiya uthandaza esithi: “Ndikhumbule, Thixo wam, ngokulungileyo.”a Ngaba uNehemiya woyika ukuba imisebenzi yakhe elungileyo akazange ayibone uThixo okanye umlibele? Akunjalo. UNehemiya wayezazi izinto ezathethwa ngababhali bangaphambili beBhayibhile ngomdla anawo uYehova kubanquli bakhe abathembekileyo nakwizenzo zabo ezilungileyo. (Eksodus 32:32, 33; INdumiso 56:8) Yintoni ke le ayicela kuThixo? Enye imbekiselo ithi ibinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ndikhumbule” lithetha “ukukhumbula ngothando nokwenza ngokuvisisana naloo nkumbulo.” Ekubeni uNehemiya ekholelwa kumandla omthandazo, ucela uThixo ukuba amkhumbule akholiseke nguye aze amsikelele.—Nehemiya 2:4.

Ngaba uYehova uza kuwuphendula umthandazo kaNehemiya wokufuna ukukhunjulwa? Kwelinye icala singathi sele ekwenzile oku. Kwaukuba uYehova waqiniseka ukuba imithandazo kaNehemiya iba yinxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo kuqinisekisa ukuba uyamkhumbula uNehemiya. Kodwa ‘umphulaphuli wemithandazo’ uya kwenza okungakumbi ukusiphendula esi sicelo sikaNehemiya sokunyaniseka.—INdumiso 65:2.

UThixo useza kumvuza uNehemiya ngazo zonke izinto azenzele unqulo olunyulu. (Hebhere 11:6) Kwihlabathi elitsha elizayo uYehova uthembisa ukuba uza kumvusa uNehemiya ekufeni.b (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) Kulo uNehemiya uya kuba nethuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, abone ukuba uYehova uye wamkhumbula ngokulungileyo.

Umthandazo kaNehemiya ubonisa ubunyaniso bamazwi kaKumkani uDavide athi: “Uya kumsikelela nabani na olilungisa, Yehova; ngokungathi kungekhaka elikhulu, uya kubangqonga ngenkoliseko.” (INdumiso 5:12) UThixo uyayibona yaye uyayixabisa imizamo yethu yokumkholisa. Unokuqiniseka ukuba xa usenza konke okusemandleni ukuze umkhonze, uya kukukhumbula ngothando aze akusikelele.

Izibhalo Onokuzifunda NgoFebruwari:

◼ Nehemiya 1-13

[Imibhalo esemazantsi]

a Esi sisihlandlo sokugqibela kwizihlandlo ezine zeBhayibhile apho uNehemiya ethandaza kuYehova ukuba amsikelele ngenxa yezinto ezilungileyo aye wazenza.—Nehemiya 5:19; 13:14, 22, 31.

b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo ngabantu abathembekileyo emhlabeni, funda isahluko se-3 nese-7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share