IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 3/15 iphe. 12-16
  • Kholosa NgoYehova Njengoko Isiphelo Sisondela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kholosa NgoYehova Njengoko Isiphelo Sisondela
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kholosa NgoThixo Xa Ulingelwa Ekwenzeni Okuphosakeleyo
  • Kholosa NgoThixo Xa Abantu Bengenamdla Naxa Bekuchasa
  • Kholosa NgoThixo Xa Ujamelene Namaxhala
  • Vumela “Uxolo LukaThixo” Lulinde Intliziyo Yakho
  • Yomeleza Intembelo Yakho KuYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Kubalulekile Ukuthemba Abanye Ukuze Sonwabe Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Kholosa NgoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ungabathemba Abazalwana Noodade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 3/15 iphe. 12-16

Kholosa NgoYehova Njengoko Isiphelo Sisondela

“Kholosani ngoYehova ngamaxesha onke.”—ISA. 26:4.

1. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwabakhonzi bakaThixo nabantu abasehlabathini?

SIPHILA kwihlabathi apho izigidi zabantu zingasazi ukuba mazithembe bani okanye ntoni, mhlawumbi ngenxa yokuba ziye zakhathazwa okanye zaphoxeka izihlandlo ezininzi. Abakhonzi bakaYehova bakwimeko eyahluke ngokupheleleyo kuleyo! Bekhokelwa bubulumko bukaThixo, bayazi ukuba abamele bakholose ngeli hlabathi okanye “ngezidwangube” zalo. (INdu. 146:3) Kunoko, bakholose ngoYehova, besazi ukuba uyabathanda yaye uya kusoloko ezalisekisa iLizwi lakhe.—Roma 3:4; 8:38, 39.

2. UYoshuwa wayingqina njani into yokuba uThixo unokuthenjwa?

2 UYoshuwa wamandulo wayingqina into yokuba uThixo unokuthenjwa. Ngaphambi nje kokuba afe, wathi kwamanye amaSirayeli: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni.”—Yosh. 23:14.

3. Igama likaThixo lityhila ntoni ngaye?

3 UYehova uzalisekisa izithembiso zakhe, kungekhona ngenxa yokuba ethanda abakhonzi bakhe kuphela, kodwa nangenxa yegama lakhe. (Eks. 3:14; 1 Sam. 12:22) Intshayelelo yeThe Emphasized Bible, kaJ. B. Rotherham, ithi igama likaThixo lithetha ukuba uThixo unokuba yiyo nantoni na ukuze azalisekise izithembiso zakhe. Xa kuthethwa ngegama lakhe, siye sikhumbule ukuba usoloko ezenza izinto azithethayo. Unokwenza nantoni na afuna ukuyenza nanini na yaye naphi na. Ayikho into enokumoyisa. UThixo uya kusoloko esenza ngokuvisisana negama lakhe.

4. (a) UIsaya 26:4 usibongoza ukuba senze ntoni? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kweli nqaku?

4 Zibuze: ‘Ngaba uYehova ndimazi kakuhle kangangokuba ndikholose ngaye ngokupheleleyo? Ngaba ndiqinisekile ngekamva, ndisazi ukuba nguThixo olawulayo?’ UIsaya 26:4 uthi: “Kholosani ngoYehova ngamaxesha onke, kuba likuYa uYehova iLiwa ukusa kwixesha elingenammiselo.” Liyinene elokuba, uThixo akasangeneleli kubomi babantu njengoko wayesenjenjalo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Kodwa ke, ‘njengeLiwa lexesha elingenammiselo,’ sinokukholosa ngaye “ngamaxesha onke.” UThixo wethu onokuthenjwa ubaxhasa njani abakhonzi bakhe abathembekileyo namhlanje? Makhe sihlole ezi ndlela zintathu asixhasa ngazo: Uyasomeleza xa sifuna asincede sixhathise isilingo, uyasixhasa xa abantu bengenamdla okanye besichasa yaye uyasomeleza xa sidakunjiswe ngamaxhala. Njengoko sixubusha ezi nkalo, cinga ngendlela onokukholosa ngakumbi ngayo ngoYehova.

Kholosa NgoThixo Xa Ulingelwa Ekwenzeni Okuphosakeleyo

5. Luluphi uvavanyo olunokuvela xa kufikwa ekukholoseni ngoThixo?

5 Kulula ukumthemba uYehova xa esithembisa ngeParadesi okanye ngovuko—zinto ezo sizilangazelelayo. Kodwa kusenokuba nzima ukukholosa ngaye kwimibandela ephathelele ukuziphatha, ukuqiniseka ngokupheleleyo ukuba iindlela nemilinganiselo yakhe zilungile yaye ziya kukhokelela kulonwabo olungakumbi. UKumkani uSolomon wabhala esi sibongozo: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMize. 3:5, 6) Phawula ukuba uthetha ‘ngeendlela nomendo’ wethu. Iyonke indlela esiphila ngayo—kungekhona nje ithemba esinalo njengamaKristu—ifanele ibonise ukuba sikholose ngoThixo. Xa kuvela izilingo, sinokubonisa njani ukuba sikholose ngaye?

6. Sinokwenza njani ukuze sizimisele nangakumbi ukugatya iingcamango ezimbi?

6 Ukugatya izinto ezimbi kuqala kwindlela esicinga ngayo. (Funda eyabaseRoma 8:5; neyabase-Efese 2:3.) Ngoko ke, unokwenza njani ukuze uzimisele nangakumbi ukugatya iingcamango ezimbi? Phawula ezi ndlela zintlanu: 1. Thandaza ucele uncedo kuThixo. (Mat. 6:9, 13) 2. Camngca ngemizekelo eseBhayibhileni yabo bangazange bamphulaphule uYehova nabo bamphulaphulayo. Emva koko phawula oko kwenzekayo kubo.a (1 Kor. 10:8-11) 3. Cinga ngomonakalo onokudalwa sisono kwiingqondo nakwiimvakalelo zakho nezezalamane nabahlobo. 4. Cinga ngendlela uThixo amele ukuba uvakalelwa ngayo xa omnye wabakhonzi bakhe esenza isono esinzulu. (Funda iNdumiso 78:40, 41.) 5. Cinga ngendlela avuya ngayo uYehova xa ebona abakhonzi bakhe abanyanisekileyo begatya okubi baze benze okulungileyo, enoba kusesidlangalaleni okanye xa bengabonwa ngabantu. (INdu. 15:1, 2; IMize. 27:11) Nawe unokubonisa ukuba ukholose ngoYehova.

Kholosa NgoThixo Xa Abantu Bengenamdla Naxa Bekuchasa

7. Luluphi uvavanyo awayejamelene nalo uYeremiya, yaye maxa wambi wayevakalelwa njani?

7 Abazalwana bethu abaninzi basebenza kwintsimi elukhuni. Umprofeti uYeremiya wayekhonza kwimeko efanayo—xa ubukumkani bakwaYuda babuzaliswe zizidubedube. Suku ngalunye ukholo lwakhe lwaluvavanywa kuba ngokuthobeka wayevakalisa izigidimi zomgwebo kaThixo. Ngesinye isihlandlo, nkqu nonobhala wakhe onyanisekileyo, uBharuki, wakhalaza esithi utyhafile. (Yer. 45:2, 3) Ngaba uYeremiya wadimazeka? Naye wakhe wadandatheka. Wathi: “Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo! . . . . Kutheni na ukuze ndiphume esibelekweni ukuze ndibone umsebenzi onzima nentlungu nokuba imihla yam iphelele ekudaneni okupheleleyo?”—Yer. 20:14, 15, 18.

8, 9. Ngokuvisisana noYeremiya 17:7, 8 neNdumiso 1:1-3, yintoni esifanele siyenze ukuze siqhubeke sithwala isiqhamo esihle?

8 Sekunjalo, uYeremiya akazange anikezele. Waqhubeka ekholose ngoYehova. Ngenxa yoko, lo mprofeti uthembekileyo wabona ukuzaliseka kwamazwi kaYehova abhalwe kuYeremiya 17:7, 8, athi: “Isikelelwe indoda eyomeleleyo ekholosa ngoYehova, naleyo ithembele ngoYehova. Ngokuqinisekileyo iya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini, othumela iingcambu zawo ngasemfuleni; kwaye ayiyi kukubona ukufika kobushushu, kodwa okunene amahlamvu ayo aya kunaba. Nangonyaka wembalela ayiyi kuba nexhala, ingayeki nokuvelisa isiqhamo.”

9 Njengomthi weziqhamo onabileyo ‘notyalwe ngasemanzini’ okanye kumyezo onkcenkceshelwayo, uYeremiya akazange ‘ayeke ukuvelisa isiqhamo.’ Akazange avume ukuphenjelelwa ngabagxeki abangendawo ababemngqongile. Kunoko, wanamathela ‘kumanzi’ anguMthombo wobomi waza wenza konke oko uYehova awayemxelele kona. (Funda iNdumiso 1:1-3; Yer. 20:9) UYeremiya ungumzekelo omhle kuthi, ingakumbi abo bakhonza uThixo kwintsimi elukhuni! Ukuba ukuloo meko, qhubeka ukholose ngoYehova ngokupheleleyo, oya kukunceda unyamezele njengoko ‘uvakalisa ekuhleni igama lakhe.’—Heb. 13:15.

10. Ziziphi izinto esisikelelwe ngazo, yaye nguwuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?

10 UYehova uye wasinika izinto ezininzi eziya kusinceda sikwazi ukujamelana nobomi kula maxesha okugqibela. Phakathi kwezinye zezo zinto, usilungiselele iLizwi likaThixo elipheleleyo, eliguqulelwa ngokuchanileyo kwiilwimi ezininzi. Uye walungiselela ukutya kokomoya okuninzi okufika ngexesha elifanelekileyo esebenzisa udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Uye wasinika nabahlobo abaninzi abasixhasayo kwiintlanganiso nakwiindibano. Ngaba uwasebenzisa ngokupheleleyo la malungiselelo? Bonke abawasebenzisayo “baya kumemelela ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo.” Noko ke, abo bangamphulaphuliyo uThixo ‘baya kukhala ngenxa yentliziyo ebuhlungu yaye baya kubhomboloza ngenxa yokuwa umoya.’—Isa. 65:13, 14.

Kholosa NgoThixo Xa Ujamelene Namaxhala

11, 12. Ngenxa yeengxaki ezi kweli hlabathi, yintoni ekububulumko ukuyenza?

11 Njengoko kwaprofetwayo, iingxaki zoluntu ziza njengezikhukula zemvula. (Mat. 24:6-8; ISityhi. 12:12) Xa kukho izikhukula, sidla ngokubalekela kwindawo ephakamileyo okanye sikhwele kuphahla lwesakhiwo—nakwiyiphi na indawo ephakamileyo. Ngokufanayo, njengoko iingxaki zabantu zisanda, izigidi zabantu zisabela kwiibhanki, kwimibutho yepolitiki, okanye kwiicawa, kwinzululwazi nakubugcisa, zinto ezo zibonakala ngathi ziphakamile. Kodwa akukho nanye kwezi zinto enokusikhusela. (Yer. 17:5, 6) Kwelinye icala, abakhonzi bakaYehova banendawo yokusabela eqinisekileyo—“iLiwa ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isa. 26:4) Umdumisi wathi: “[UYehova] uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo.” (Funda iNdumiso 62:6-9.) Sinokwenza njani ukuze eli Liwa libe yindawo yethu yokusabela?

12 Sinamathela kuYehova xa sithobela iLizwi lakhe, elidla ngokungqubana nobulumko babantu. (INdu. 73:23, 24) Ngokomzekelo, abantu abaphenjelelwa bubulumko babantu basenokuthi: ‘Umntu uphila kube kanye; busebenzise ngokupheleleyo ubomi bakho.’ ‘Zifunele umsebenzi ohlawulayo.’ ‘Ziqwebele imali eninzi.’ ‘Thenga le naleya.’ ‘Khenketha; ubone ihlabathi.’ Kwelinye icala, ubulumko bukaThixo buvisisana neli cebiso: “Abo balisebenzisayo eli hlabathi babe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo; kuba imeko yeli hlabathi iyatshintsha.” (1 Kor. 7:31) Ngokufanayo, uYesu usibongoza ukuba sihlale sibeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala size siziqwebele “ubuncwane ezulwini,” apho buya kukhuseleka ngokupheleleyo.—Mat. 6:19, 20.

13. Sicinga ngeyoku-1 kaYohane 2:15-17, yintoni esifanele sizibuze yona?

13 Ngaba isimo sengqondo sakho ‘ngehlabathi’ “nezinto ezisehlabathini” sibonisa ukuba ukholose ngokupheleleyo ngoThixo? (1 Yoh. 2:15-17) Ngaba ubuncwane bokomoya namalungelo enkonzo yoBukumkani abalulekile kuwe yaye uwanqwenela ngaphezu kwezinto ezifumaneka ehlabathini? (Fil. 3:8) Ngaba uzama ukugcina ‘iliso lakho lingenakumbi’? (Mat. 6:22) Kakade ke, uThixo akalindelanga ukuba senze izinto singacinganga okanye singakhathali, ngokukodwa xa sineentsapho esifanele sizinyamekele. (1 Tim. 5:8) Kodwa ulindele ukuba abakhonzi bakhe bakholose ngaye ngokupheleleyo—kungekhona kwihlabathi likaSathana elibhangayo.—Heb. 13:5.

14-16. Abanye baye bangenelwa njani ngokugcina ‘iliso labo lingenakumbi’ nangokubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala?

14 Cinga ngomzekelo kaRichard noRuth, abazali abanabantwana abathathu. URichard uthi: “Ndandivakalelwa kukuba ndinokumenzela okungakumbi uYehova. Ndandiphila ubomi obutofotofo kodwa ndandivakalelwa ngokungathi uThixo ndimnika intsalela. Emva kokuthandaza ngalo mba nokubala iindleko, mna noRuth savumelana ukuba ndicele kumphathi wam ukuba ndisebenze iintsuku ezine ngeveki—nangona ilizwe endihlala kulo imeko yalo yezoqoqosho yayikekele. Isicelo sam savunywa yaye kwinyanga nje elandelayo ndaqala ukusebenza ngale ndlela intsha.” Uvakalelwa njani uRichard ngoku?

15 Uthi: “Ndifumana umvuzo ongaphantsi ngama-20 ekhulwini kunalowo ndandiwufumana ngaphambili, kodwa ngoku ndineentsuku ezingama-50 ezingakumbi ngonyaka endinokuzichitha nentsapho yam ndize ndiqeqeshe abantwana bam. Ndiye ndakwazi ukuchitha ixesha eliphindwe kabani entsimini, inani lezifundo zeBhayibhile zam liphindwe kathathu yaye ndinexesha elingakumbi lokuthabath’ ukhokelo ebandleni. Yaye ekubeni ndinexesha elingakumbi lokunceda abantwana, uRuth uye wakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani ngamathuba athile. Ndizimisele ukubambelela kolu cwangciso kangangoko kunokwenzeka.”

16 URoy noPetina, abanentombi esahlala nabo ekhaya, bakwazi ukunciphisa ixesha abalichitha kumsebenzi wengqesho ukuze babe kwinkonzo yexesha elizeleyo. URoy uthi: “Ndisebenza iintsuku ezintathu ngeveki yaye uPetina usebenza ezimbini. Safuduka kwindlu enkulu saza saya kuhla kwencinane nekulula ukuyinyamekela. Sasingoovulindlela ngaphambi kokufumana unyana nentombi yethu, ibe besisoloko sinqwenela ukuba ngoovulindlela. Ngoko bakuba bekhulile abantwana bethu, sabuyela kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ayikho imali enokulinganiswa neentsikelelo esiye sazifumana.”

Vumela “Uxolo LukaThixo” Lulinde Intliziyo Yakho

17. Ekubeni ubomi bungaqinisekanga, iZibhalo ziye zakuthuthuzela njani?

17 Akukho mntu owaziyo ukuba ingomso liya kusiphathela ntoni, kuba sehlelwa ‘lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshu. 9:11) Noko ke, ukungazi ukuba ikamva lisifumbathele ntoni akufanele kusenze singabi noxolo lwengqondo ngoku, njengoko kudla ngokuba njalo kwabo banganqabisekanga ngenxa yokuba bengenalwalamano lusondeleyo noThixo. (Mat. 6:34) Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.”—Fil. 4:6, 7.

18, 19. Ziziphi iindlela asithuthuzela ngazo uThixo? Yenza umzekelo.

18 Abazalwana noodade abaninzi abajamelene neemeko ezinzima baye bafumana uxolo lwangaphakathi oluvela kuYehova. Omnye udade uthi: “Ugqirha othile owayeza kundityanda wazama izihlandlo ezininzi ukundeyisela ekubeni ndamkele utofelo-gazi. Wayedla ‘ngokundibulisa’ ngamazwi athi, ‘Yimfitshimfitshi yantoni le yokungafuni igazi?’ Emva koko nangamanye amaxesha, ndandithandaza kuYehova ndize ndizive ndinoxolo. Ndandiziva ndomelele njengeliwa. Nangona ndandibuthathaka ngenxa yokuba umlinganiselo wegazi lam uhlile, ndakwazi ukucacisa ngeZibhalo izizathu zokuba ndingalamkeli igazi.”

19 Maxa wambi uThixo unokusixhasa ngokusebenzisa omnye umKristu ukuba asithuthuzele okanye ngokutya kokomoya okufika ngexesha elifanelekileyo. Mhlawumbi wakha weva umzalwana okanye udade esithi: “Eli nqaku lifike ngexesha elifanelekileyo. Libhalelwe kanye mna!” Enoba sikwiyiphi imeko okanye siswele ntoni, uYehova uya kusibonisa ukuba uyasithanda ukuba sikholose ngaye. Ngapha koko, ‘sizizimvu’ zakhe yaye usithwalise igama lakhe.—INdu. 100:3; Yoh. 10:16; IZe. 15:14, 17.

20. Kutheni abakhonzi bakaYehova beya kuhlala ngonqabiseko xa ihlabathi likaSathana litshatyalaliswa?

20 Xa sele ifikile ‘imini yokuvutha komsindo kaYehova’ esemnyango, yonke into elikholose ngayo ihlabathi likaSathana iya kutshatyalaliswa. Igolide, isilivere nezinye izinto zexabiso aziyi kuzisa nqabiseko. (Zef. 1:18; IMize. 11:4) Ekuphela kwendawo yokusabela iya kuba ‘liLiwa lethu elisa kwixesha elingenammiselo.’ (Isa. 26:4) Ngoko masibonise ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo ngokuhamba ngentobelo kwiindlela zakhe zobulungisa, ngokuvakalisa isigidimi soBukumkani nangona abantu bengenamdla okanye besichasa nangokulahlela kuye onke amaxhala ethu. Xa sisenza ezi zinto, ngokwenene siya ‘kuhlala ngonqabiseko size singaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.’—IMize. 1:33.

[Umbhalo osemazantsi]

a Funda incwadi ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo,” iphepha 102-106.

Ngaba Unokucacisa?

Sinokukholosa njani ngoThixo

• xa silingelwa ekwenzeni okuphosakeleyo?

• xa abantu bengenamdla okanye besichasa?

• xa sijamelene namaxhala?

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Ukubambelela kwimilinganiselo kaThixo kukhokelela kulonwabo

[Umfanekiso okwiphepha 15]

‘UYehova liLiwa ukusa kwixesha elingenammiselo’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share