Ninesizathu Sokuba Nemihlali
UKUSUSELA kwezona seli zincinane ukuya kutsho kwiminyele emikhulu, indalo ilungelelene. Le nto ayimangalisi, kuba uMdali ‘akangoThixo wesidubedube.’ (1 Kor. 14:33) Ilungiselelo likaThixo lonqulo nalo libangel’ umdla. Khawucinge ngoko uYehova akwenzileyo. Uye wadala amakhulu ezigidi ezidalwa ezikrelekrele—abantu kunye neengelosi—ezinenkululeko yokuzikhethela, nezimanyene kunqulo olunyulu. Kumangalisa ngokwenene oku!
KuSirayeli wamandulo, inxalenye yentlangano kaThixo yasemhlabeni yayimelwa yiYerusalem, apho kwakukho itempile kaYehova nalapho kwakuhlala ukumkani wakhe othanjisiweyo. Omnye umSirayeli owayethinjwe eBhabhiloni wathi ngesixeko esingcwele: “Ulwimi lwam malunamathele enkalakahleni yam, ukuba andithanga ndikukhumbule, ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem ngaphezu kwesizathu esikhulu sokuba nemihlali kwam.”—INdu. 137:6.
Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela ngentlangano kaThixo namhlanje? Ngaba ikuvuyisa ngaphezu kwayo nantoni na enye? Ngaba abantwana bakho bayayiqonda imbali nendlela esebenza ngayo inxalenye yasemhlabeni yentlangano kaThixo? Ngaba bayayiqonda yaye bayayixabisa into yokuba beyinxalenye yamaNgqina kaYehova asehlabathini jikelele? (1 Pet. 2:17) Kutheni ungasebenzisi la macebiso alandelayo kuNqulo Lwentsapho ukuze uphucule uxabiso nolwazi lwentsapho yakho ngentlangano kaYehova?
Balisa “Ngemihla Yakudala”
Nyaka ngamnye, iintsapho zamaSirayeli zazidibana ukuze zibhiyozele iPasika. Xa kwaqaliswa lo msitho, uMoses wayalela abantu esithi: “Kothi xa unyana wakho akubuzayo kamva, esithi, ‘Kuthetha ukuthini oku?’ uze uthi kuye, ‘UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesandla esinamandla.’” (Eks. 13:14) Indlela uYehova awaqhubana ngayo namaSirayeli yayingafanele iphoswe kwelokulibala. Ngokuqinisekileyo, oobawo abangamaSirayeli abaninzi bawulandela umyalelo kaMoses. Kwizizukulwana kamva, omnye umSirayeli wathandaza wathi: “Owu Thixo, sivile ngeendlebe zethu, ookhokho bethu basibalisele umsebenzi owawenzayo ngemihla yabo, ngemihla yakudala.”—INdu. 44:1.
Kumntu oselula namhlanje, imbali yamaNgqina kaYehova yeminyaka eli-100 edluleyo isenokubonakala ngathi ‘yimihla yakudala.’ Unokwenza ntoni ukuze ezi ziganeko zibe zezokwenene kubantwana bakho? Abanye abazali baye basebenzisa incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, Incwadi Yonyaka, amabali obomi akwiimpapasho zethu nezinye iingxelo zezinto zobuthixo, kuquka iDVD yethu entsha ethetha ngabantu bakaThixo kumaxesha anamhlanje. Iividiyo ezithetha ngokutshutshiswa kwabazalwana bethu kwiSoviet Union nangamaNazi aseJamani zifundisa iintsapho ukuba zithembele ngoYehova ebudeni bentshutshiso. Ziquke izinto ezinjalo kuNqulo Lwentsapho yakho. Oko kuya komeleza ukholo lwabantwana bakho xa kunokwenzeka kuvavanywe ingqibelelo yabo.
Noko ke, ukufunda ngezinto zakudala kunokukhawuleza kubadike abantu abaselula. Ngoko babandakanye abantwana bakho. Ngokomzekelo, nisenokucela unyana wenu ukuba akhethe ilizwe alithandayo, aphande ngembali yobuthixo yelo lizwe aze anichazele njengentsapho oko akufundileyo. Kwibandla lenu, kusenokubakho oomakad’ enetha abangamaKristu eninokubamema ukuba beze kunqulo lwentsapho ngenye ingokuhlwa. Mhlawumbi intombi yenu inokudlan’ indlebe nabo baze babalise amava abo. Okanye ninokucela umntwana wenu ukuba azobe imifanekiso yemisebenzi ebalaseleyo, njengokwakhiwa kwesebe, indibano yezizwe ngezizwe okanye ukusetyenziswa kwegramafoni kumsebenzi wobulungiseleli wendlu ngendlu.
Funda Indlela ‘Ilungu Ngalinye Eliwenza Ngayo Umsebenzi Walo’
Umpostile uPawulos wafanisa ibandla lamaKristu “nomzimba uphela, odityaniswe waza wabanjwa yimisipha, okhulayo ukuze wakheke eluthandweni, njengoko ilungu ngalinye lisenza umsebenzi walo.” (Efe. 4:16, New International Version) Ukufunda ngendlela umzimba womntu osebenza ngayo kusenza simxabise yaye simhlonele ngakumbi uMdali wethu. Ngokufanayo, xa sihlolisisa indlela ibandla elisehlabathini jikelele elisebenza ngayo, simangaliswa ‘bubulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi.’—Efe. 3:10.
UYehova uchaza indlela intlangano yakhe esebenza ngayo, kuquka nenxalenye yayo yasezulwini. Ngokomzekelo, usixelela ukuba waqala watyhilela uYesu Kristu, “owathumela ingelosi yakhe waza ngayo wasinikela ngemiqondiso kwikhoboka lakhe uYohane, owanikela ubungqina.” (ISityhi. 1:1, 2) Ukuba uThixo utyhila indlela inxalenye yentlangano yakhe engabonakaliyo esebenza ngayo, ngaba ebengenakusenza siqonde indlela ‘ilungu ngalinye eliwenza ngayo umsebenzi walo’ emhlabeni?
Ngokomzekelo, ukuba sele niza kutyelelwa ngumveleli wesiphaluka ebandleni lenu, kutheni ningaxubushi njengentsapho ngeembopheleleko neentsikelelo ezifunyanwa ngabaveleli abahambahambayo? Basinceda njani? Eminye yemibuzo eninokuyixubusha yile: Kutheni kubalulekile ukufaka ingxelo yasentsimini? Ixhaswa njani intlangano kaThixo? Lilungelelaniswe njani iQumrhu Elilawulayo, yaye lisilungiselela njani ukutya kokomoya?
Xa siyiqonda indlela abantu bakaYehova abalungelelaniswe ngayo, singenelwa ubuncinane ngezi ndlela zintathu: Sibaxabisa ngakumbi abo basebenza nzima ngenxa yethu. (1 Tes. 5:12, 13) Sikhuthazwa ukuba sixhase amalungiselelo obuthixo. (IZe. 16:4, 5) Okokugqibela, sibathemba ngakumbi abo bakhokelayo njengoko sibona ukuba izigqibo nendlela abazenza ngayo izinto zisekelwe kwiZibhalo.—Heb. 13:7.
“Velelani Iinqaba Zayo Zokuhlala”
“Jikelezani iZiyon, nihambahambe ngakuyo, balani iinqaba zayo. Bekani iintliziyo zenu kwimisele yongqameko lwayo. Velelani iinqaba zayo zokuhlala, ukuze nibalise ngazo kwizizukulwana ezizayo.” (INdu. 48:12, 13) Umdumisi wayebongoza amaSirayeli ukuba ayibonele kufutshane iYerusalem. Ngaba unokuzithelekelela iinkumbulo ezintle ezazisiba nazo iintsapho zamaSirayeli xa ziye kwimithendeleko yaminyaka le kwisixeko esingcwele zize zibone itempile yaso ebalaseleyo? Zimele ukuba ‘zazibalisa ngazo kwizizukulwana ezizayo.’
Cinga ngokumkanikazi waseSheba, owayezithandabuza iingxelo zolawulo lukaSolomon nobulumko bakhe obukhulu. Yintoni eyamenza waqiniseka ukuba izinto azivileyo zaziyinyaniso? Wathi: “Andizange ndikholwe kumazwi abo de ndeza amehlo am abona.” (2 Kron. 9:6) Ngokwenene, izinto esizibona ‘ngamehlo ethu’ zinokusichukumisa kakhulu.
Unokubanceda njani abantwana bakho babone imimangaliso yentlangano kaYehova ‘ngamehlo abo’? Ukuba kukho iofisi yesebe ekufutshane nekhaya lenu, yenzani umgudu wokuyityelela. Ngokomzekelo, uMandy noBethany, bakhulela kwindawo emalunga neekhilomitha ezili-1 500 ukusuka kwikhaya laseBheteli elikwilizwe labo. Sekunjalo, abazali babo babetyelela rhoqo kwizakhiwo zaseBheteli, ingakumbi ngoxa abantwana besakhula. Bathi: “Ngaphambi kokutyelela eBheteli, sasicinga ukuba inocwangco ngokugqithiseleyo yaye ilungele abantu abadala kuphela. Kodwa sadibana nolutsha olwalusebenzela uYehova nzima yaye lonwabile! Sabona ukuba intlangano kaYehova yayingaphelelanga apho sasihlala khona, yaye sihlandlo ngasinye sityelela iBheteli sasisomelela ngakumbi ngokomoya.” Ukuyibonela kufutshane intlangano kaThixo kwakhuthaza uMandy noBethany ukuba baqalise inkonzo yobuvulindlela, yaye bamenywa ukuba bakhonze eBheteli njengamatsha-ntliziyo exeshana.
Kukho nenye indlela ‘esinokuyibona’ ngayo intlangano kaYehova awayengenayo amaSirayeli amandulo. Kumaxesha akutshanje, abantu bakaThixo baye bafumana iividiyo neeDVD ezithetha ngezinto ezahlukahlukeneyo eziphathelele intlangano kaThixo, ezinjengethi: Jehovah’s Witnesses—Organized to Share the Good News, Our Whole Association of Brothers, To the Ends of the Earth nethi United by Divine Teaching. Xa wena nentsapho yakho niwubona umsebenzi omhle owenziwa ngabazalwana baseBheteli, abasebenzi abanikela uncedo, abavangeli basemazweni nabazalwana abalungiselela baze bacwangcise iindibano, uxabiso ngabazalwana abasehlabathini luya kukhula ezintliziyweni zenu.
Bandla ngalinye labantu bakaThixo lidlala indima ebalulekileyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo nasekuxhaseni amanye amaKristu ekuhlaleni. Noko ke, ziphe ixesha lokuba wena nentsapho yakho nicinge ‘ngabazalwana benu bonke ehlabathini.’ Oku kuya kunceda wena nabantwana bakho ukuba nihlale “niqinile elukholweni,” niqonda ukuba ninesizathu sokuba nemihlali.—1 Pet. 5:9.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]
Intlangano KaThixo—Umxholo Obangel’ Umdla Esinokufunda Ngawo
Sinentabalala yamalungiselelo anokusinceda sonke sifunde okungakumbi ngembali yentlangano kaYehova nendlela esebenza ngayo. Le mibuzo ilandelayo inokukunceda:
☞ Waqaliswa njani umsebenzi wabaveleli abahambahambayo banamhlanje?—AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 222-227.
☞ Yintoni eyayibalasele ‘ngoSuku Lwabantwana’ kwindibano yowe-1941?—AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 86, 88.
☞ IQumrhu Elilawulayo lizenza njani izigqibo?—‘Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo, iphepha 108-114.