IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 3/15 iphe. 20-23
  • Ungaze Ubalahle Abazalwana Bakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ungaze Ubalahle Abazalwana Bakho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imbopheleleko Yethu Kwamanye AmaKristu
  • Ukusindwa Ngamaxhala Obomi
  • Zihlole Ngokunyaniseka
  • ‘Yenze Iphumelele Indlela Yakho’—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Hlalani “Nisakhana”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ngaba Unganceda Ebandleni Lakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Intsapho YamaKristu Ibeka Izinto Zokomoya Kuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 3/15 iphe. 20-23

Ungaze Ubalahle Abazalwana Bakho

“KANGANGEMINYAKA elishumi sasithe phithi lushishino, yaye sime kakuhle. Nangona sasikhulele enyanisweni, sasiye saphambuka kakhulu kangangokuba sasingasenawo amandla okuzibuyela,” ubalisa atsho uJarosław nenkosikazi yakhe, uBeata.a

Omnye umzalwana, ogama linguMarek, ukhumbula oku: “Ngenxa yotshintsho kwintlalo nakwipolitiki ePoland, ndandidendwa ndidendiwe emisebenzini. Ndaphelelwa ngamandla. Ngaphambili ndandisoyika ukuba nenkampani yam kuba ndandingenamava eshishini. Ekugqibeleni, ndahendeka ukuba ndiliqalise, ndicinga ukuba liya kundinceda ndiyinyamekele bhetelana intsapho yam ngaphandle kokuphazamisana nobumoya bam. Ethubeni, ndaye ndayibona indlela endandiziqhathe ngayo.”

Kwihlabathi apho amaxabiso ezinto zokuphila eqhubeka entinga nabantu abangenamisebenzi besiya besanda, abanye abantu baye baphakuzele baze, ngenxa yoko, benze izigqibo ezingezozabulumko. Abazalwana abaninzi baye bagqiba kwelokuba basebenze ixesha elongezelekileyo, babe neminye imisebenzi, okanye baqalise ishishini nangona bengenamava. Bacinga ukuba ingeniso eyongezelekileyo iya kunceda intsapho kwaye ingaphazamisani nobumoya babo. Ukanti, iimeko zequbuliso noqoqosho olungazinzanga zinokuphazamisa nawona macebo aneentshukumisa ezilungileyo. Ngenxa yoko, abanye baye bangena kumgibe wokubawa baza bancama izinto zokomoya besukela izinto zenyama.—INtshu. 9:11, 12.

Abanye abazalwana noodade baxakeke gqitha kukusukela izinto zehlabathi kangangokuba abasenalo ixesha lokufundisisa, leentlanganiso, okanye lentsimi. Kucacile ukuba ukuzityeshela kwabo ezo zinto kwenzakalisa ubumoya nolwalamano lwabo noYehova. Banokuyeka nolunye ulwalamano olubalulekileyo—ubuhlobo babo nabo ‘bahlobene nabo elukholweni.’ (Gal. 6:10) Abanye bemka ngokuthe ngcembe kubuzalwana bamaKristu. Khawuyicingisise le nkalo.

Imbopheleleko Yethu Kwamanye AmaKristu

Njengabazalwana noodade, sinamathuba amaninzi okuthandana. (Roma 13:8) Kusenokwenzeka ukuba kwibandla okulo ukhe wabona “oxhwalekileyo okhalela uncedo.” (Yobhi 29:12) Abanye basenokuba abanazo izinto ezisisiseko zokuziphilisa. Umpostile uYohane wasikhumbuza ngethuba elisivulekelayo kule meko. “Nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?”—1 Yoh. 3:17.

Kusenokwenzeka ukuba uye wasabela kwiintswelo ezinjalo waza wabanceda abanye. Ukanti, umdla wethu kubuzalwana awupheleli kuncedo lwezinto eziphathekayo. Abanye basenokukhalela uncedo ngenxa yobulolo okanye ukudimazeka. Basenokuba baziva bengafaneleki ukukhonza uYehova, banesigulo esinganyangekiyo, okanye baye bafelwa sisalamane okanye ngumhlobo. Enye indlela esinokubakhuthaza ngayo kukubaphulaphula nokuthetha nabo, size ngaloo ndlela sibancede kwiimfuno zabo zeemvakalelo nezokomoya. (1 Tes. 5:14) Oku kuliqinisa nangakumbi iqhina lothando elisidibanisa nabazalwana bethu.

Abalusi bokomoya banokukwazi ngokukhethekileyo ukuphulaphula ngovelwano, baqonde kwaye banikele isiluleko sothando esivela kwiZibhalo. (IZe. 20:28) Xa abaveleli besenjenjalo baxelisa umpostile uPawulos, ‘owayenomsa’ ngabazalwana noodade wabo bokomoya.—1 Tes. 2:7, 8.

Noko ke, xa umKristu ephambuka emhlambini, kwenzeka ntoni kwimbopheleleko anayo kubazalwana bakhe? Kwanabaveleli banokubambiseka kumgibe wokusukela izinto eziphathekayo. Kuthekani ukuba umKristu unokubambiseka kulo mgibe?

Ukusindwa Ngamaxhala Obomi

Njengoko sekubonisiwe, imizamo yokwanelisa iimfuno ezisisiseko zeentsapho zethu idla ngokusizisela amaxhala kwaye inokuyenza buthathaka indlela esiyijonga ngayo imilinganiselo yokomoya. (Mat. 13:22) UMarek, okhankanywe ngaphambili, uthi: “Xa ishishini lam latshonayo, ndagqiba kwelokuba ndiye kufuna umsebenzi ohlawulayo kwelinye ilizwe. Ndemka iinyanga ezintathu nje kuphela, ndaphinda ndemka ezinye ezintathu, ndaman’ ukwenjenjalo ke ndiphinde ndibuyele ekhaya ixeshana elingephi. Inkosikazi yam engakholwayo yakhathazwa yiloo nto.”

Yayingebobomi bentsapho kuphela obabungahambi kakuhle. UMarek uhlabela mgama athi: “Ukongezelela ekusebenzeni iiyure ezininzi kobo bushushu bunganyamezelekileyo, ndandisebenza nabantu abakrwada ababezama ukuxhaphaza abanye abantu. Babengathi yimigewu. Ndadandatheka ndaza ndaziva ndicinezelwe. Ekubeni ndandingasenalo ixesha lokuzinyamekela, ndaqalisa ukuthandabuza ukuba ndandinokukwazi ukukhonza abanye abantu.”

Imiphumo ebuhlungu yesigqibo sikaMarek ifanele isenze sicinge nathi. Kwanokuba kubonakala ngathi ukufudukela kwelinye ilizwe kunokuzicombulula iingxaki zemali, ngaba akuyi kudala ezinye iingxaki? Ngokomzekelo, kuya kwenzeka ntoni kwimpilo-ntle yokomoya neyeemvakalelo yentsapho yakho? Ngaba oko kufuduka kunokukhokelela ekubeni siphelise unxulumano nebandla? Ngaba akuyi kusibandeza ilungelo lokulungiselela abazalwana bethu?—1 Tim. 3:2-5.

Noko ke, njengokuba usenokuba uyaphawula, akuyomfuneko ukuba umntu aye kuphangela kwilizwe lasemzini ukuze azixakekise ngomsebenzi. Masenze umzekelo ngoJarosław noBeata. Uthi: “Saqala sineenjongo ezintle. Xa sasisandul’ ukutshata sathengisa amaqebengwana esitratweni kwindawo awayethengwa kakhulu kuyo. Ukufumana ingeniso eninzi kwasikhuthaza ukuba silikhulise ishishini lethu. Kodwa sasingenalo ixesha, ngoko sasiphoswa ziintlanganiso zamaKristu. Kungekudala, ndancama ubuvulindlela ndaza ndayeka nokuba sisicaka solungiselelo. Sinemincili ngenxa yengeniso esasiyenza, savula ivenkile enkulu saza sayidibanela nomntu ongakholwayo. Kungekudala ndandihamba kwamanye amazwe ndityobela izivumelwano ezixabisa izigidi zeedola. Ndandinqabile ekhaya, kwaye iqhina lentsapho elaliphakathi kwenkosikazi yam nentombi yam laba buthathaka. Ekugqibeleni, ishishini lethu elalichuma lasenza salala ngokomoya. Ekubeni sasingasanxulumani nebandla, sasingabacingi nokubacinga abazalwana bethu.”

Yintoni esinokuyifunda kule nto? Umnqweno wokuzakhela “izulwana” unokuwabambisa amaKristu, uwenze angaziboni iingozi—de alahlekelwe ‘zizambatho zawo zangaphezulu,’ izinto ezimenza abe ngumKristu. (ISityhi. 16:15) Loo nto inokusenza singanxulumani nabazalwana ebesikade sikwazi ukubanceda.

Zihlole Ngokunyaniseka

Sisenokutyekela ekuthini ‘Loo nto ayinakwenzeka kum.’ Ukanti, kuya kusinceda sonke ukucinga ngezinto esizifuna ngokwenene ebomini. UPawulos wabhala wathi: “Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Tim. 6:7, 8) Ewe kona, umgangatho wokuphila uyahluka kumazwe ngamazwe. Oko kugqalwa njengezinto ezisisiseko kwilizwe elifumileyo kunokugqalwa njengento etofotofo kwamanye amazwe amaninzi.

Enoba ungakanani na umgangatho wokuphila kwindawo esihlala kuyo, masicinge ngala mazwi alandelayo kaPawulos: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.” (1 Tim. 6:9) Umgibe uye ufihlwe kwixhoba. Wenzelwa ukulibambisa lingalindelanga. Sinokukuphepha njani ukubanjiswa ‘yiminqweno eyenzakalisayo’?

Ukwazi izinto eziza kuqala kunokusenza siziphe ixesha elingakumbi lezilangazelelo zoBukumkani, kuquka nofundo lobuqu. Ukufunda nokuthandaza kunokunceda umKristu ‘akufanelekele aze akuxhobele ngokupheleleyo’ ukunceda abanye.—2 Tim. 2:15; 3:17.

Kwisithuba seminyaka embalwa, abadala abanothando basebenzela ekwakheni nasekukhuthazeni uJarosław. Wancedwa ukuba enze utshintsho olukhulu. Uthi: “Kwenye yeencoko zethu ezibalulekileyo, abadala bacaphula umzekelo okwiZibhalo womfana owayesisityebi owayefuna ukuphila ngonaphakade kodwa engakulungelanga ukuncama izinto zakhe eziphathekayo. Emva koko ngobuchule baveza into yokuba le nkcazelo isenokusebenza kum. Yandivul’ amehlo ngokwenene loo nto!”—IMize. 11:28; Marko 10:17-22.

UJarosław wayihlola ngokunyaniseka imeko yakhe waza wagqiba kwelokuba ayeke ukuba kushishino olukhulu. Kwisithuba seminyaka emibini, yena nentsapho yakhe baphinda balwakha ulwalamano lwabo noYehova. Ngoku ukhonza abazalwana bakhe njengomdala. UJarosław uthi: “Xa abazalwana bezixakekisa ngoshishino ukusa kwinqanaba lokutyeshela ubumoya babo, ndiye ndisebenzise umzekelo wam ukuze ndibonise indlela ekungebobulumko ngayo ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kunzima ukuxhathisa xa uhendwa ngezithembiso nokuphepha ukwenza izinto ngendlela enganyanisekanga.”—2 Kor. 6:14.

NoMarek wafunda kabuhlungu. Nangona umsebenzi ohlawulayo kwelinye ilizwe wayincedayo intsapho yakhe emalini, ulwalamano lwakhe noThixo nabazalwana bakhe lonakala. Ethubeni, waphinda wazibona izinto eziza kuqala. “Kangangeminyaka imeko yam ibifana nekaBharuki wamandulo ‘owaqhubeka ezifunela izinto ezinkulu.’ Ekugqibeleni, ndayiphalaza intliziyo yam, ndixelela uYehova ngezinto ezindixhalabisayo, ibe ngoku ndivakalelwa ukuba ndiphinde ndalungelelana ngokomoya.” (Yer. 45:1-5) Ngoku uMarek uzabalazela “umsebenzi omhle” wokuba ngumveleli ebandleni.—1 Tim. 3:1.

UMarek ulumkisa abo bacinga ngokuhamba baye kwamanye amazwe beye kufuna umsebenzi ohlawula bhetele ngala mazwi: “Xa ukwelinye ilizwe, kulula ukungena kwimigibe yeli hlabathi lingendawo. Ukungalwazi ulwimi lwasekuhlaleni kukwenza ungakwazi ukunxibelelana nabanye abantu. Unokubuyela ekhaya uyiphethe yona imali, kodwa ubuya unamanxeba okomoya anokuthatha ixesha elide ukuphola.”

Ukugcina ulungelelwano phakathi komsebenzi wempangelo nembopheleleko esinayo kubazalwana bethu kuya kusinceda sikholeke kuYehova. Kwaye umzekelo wethu unokunceda abanye benze isigqibo ngobulumko. Abo basindekayo bafuna inkxaso, imfesane nomzekelo omhle wabazalwana noodade wabo. Abadala bebandla nabanye abakhulileyo banokunceda abazalwana ukuba bahlale belungelelene kwaye bangaminxwa ngamaxhala obomi.—Heb. 13:7.

Ngamana singangaze sibalahle abazalwana bethu ngokuzixakekisa ngemisebenzi yethu yempangelo. (Fil. 1:10) Kunoko, masibe ‘zizityebi kuThixo’ njengoko sibeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bethu.—Luka 12:21.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama atshintshiwe.

[Imifanekiso ekwiphepha 21]

Ngaba umsebenzi wakho wempangelo ukwenza uphoswe ziintlanganiso?

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Ngaba uyawaxabisa amathuba akuvulekelayo okunceda abazalwana noodade wenu bokomoya?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share