Funda KwiLizwi LikaThixo
Iyintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
Eli nqaku libuza imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Iyintoni injongo kaThixo ngomhlaba?
Umhlaba likhaya loluntu. Emva kokuba uThixo edale iingelosi ukuze ziphile ezulwini, wadala umntu ukuze aphile emhlabeni. (Yobhi 38:4, 7) Ngaloo ndlela, uThixo wabeka umntu wokuqala emyezweni omhle obizwa ngokuba yiEden waza wanika yena nenzala yakhe ithemba lokunandipha ubomi ngokungenasiphelo.—Genesis 2:15-17; funda INdumiso 115:16.
Umyezo wase-Eden wawugubungela inxalenye encinane yomhlaba. Isibini sokuqala, uAdam noEva, sasiza kuba nabantwana. Njengokuba intsapho yabantu yayisanda, babeza kuwoyisa umhlaba baze bawenze iparadesi. (Genesis 1:28) Umhlaba awusoze utshatyalaliswe.—Funda iNdumiso 104:5.
2. Kutheni umhlaba ungeyoparadesi ngoku?
UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, baze bagxothwa e-Eden. Iparadesi kwaphulukanwa nayo yaye akakho umntu oye wakwazi ukuyivuselela. IBhayibhile ithi: “Umhlaba unikelwe esandleni songendawo.”—Yobhi 9:24; funda iGenesis 3:23, 24.
Kodwa uYehova akayilibalanga injongo yakhe ngoluntu, ibe uThixo akanakuze asilele. (Isaya 45:18) Uza kubuyisela uluntu kwinto awayefuna lube yiyo.—Funda iNdumiso 37:11.
3. UThixo uza kulubuyisela njani uxolo emhlabeni?
Ukuze uluntu lunandiphe uxolo, kuza kufuneka uThixo aqale abasiphule nengcambu abantu abangendawo. Kwidabi laseArmagedon, iingelosi zikaThixo ziza kutshabalalisa bonke abo bachasa uThixo. USathana uza kukhonkxwa iminyaka eli-1 000, kodwa abantu abathanda uThixo baza kuba nenyhweba yokuxhamla inkqubo entsha yezinto emhlabeni.—Funda iSityhilelo 16:14, 16; 20:1-3; 21:3, 4.
4. Kuza kuphela nini ukubandezeleka?
Ebudeni be-1 000 leminyaka, uYesu uza kulawula umhlaba esezulwini aze awubuyisele kwiparadesi. Kwakhona, uza kuzicima izono zabo bathanda uThixo. Ekugqibeleni uYesu uya kuphelisa ukugula, ukwaluphala nokufa.—Funda uIsaya 11:9; 25:8; 33:24; 35:1.
UThixo uza kubuphelisa nini ubungendawo emhlabeni? UYesu wachaza “umqondiso” owawuza kubonisa xa isiphelo sisondela. Iimeko ezikhoyo namhlanje ehlabathini zisongela ukuphila komntu yaye zibonisa ukuba ngoku siphila ‘ekupheleni kwenkqubo yezinto.’—Funda uMateyu 24:3, 7-14, 21, 22; eyesi-2 kaTimoti 3:1-5.
5. Ngoobani abaza kuphila kumhlaba oyiParadesi?
UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze abafundi nokuba babafundise ngothando lukaThixo. (Mateyu 28:19, 20) Ehlabathini lonke, uYehova uqeqesha izigidi zabantu ukuba ziphile kwinkqubo entsha yezinto emhlabeni. (Zefaniya 2:3) KwiiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova, abantu bafundiswa ukuba ngabayeni, ootata, abafazi noomama ababhetele. Abantwana nabazali bafunda ngesizathu sokukholelwa kwikamva eliqaqambileyo.—Funda uMika 4:1-4.
KwiHolo yoBukumkani, udibana nabantu abathanda uThixo nabafuna ukumkholisa.—Funda amaHebhere 10:24, 25.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 3 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.