Sondela KuThixo
“UYehova Ngumalusi Wam”
KHAWUQWALASELE lo mfanekiso ukweli phepha. Ngaba uyakubona ukukhuseleka kwela takane lisesifubeni somalusi? KwiNdumiso 23, iBhayibhile isebenzisa umzekelo womalusi nezimvu ukubonisa indlela uYehova abanyamekela ngayo abanquli bakhe. Ufuna sizive sikhuselekile njengomdumisi uDavide, owathi: “UYehova ngumaLusi wam.”a—Vesi 1.
Umbhali wendumiso, uDavide wayengumalusi xa wayeselula. Wayezazi izimvu nokwakulindeleke kumalusi. UDavide, owayezibonele indlela uThixo anenkathalo ngayo ebomini bakhe, wabhala indumiso ebizwa ngokuba “yindumiso eqinisekisayo okanye enokuthenjwa.” Igama likaThixo uYehova, liyavela ekuqaleni nasekupheleni kwale ndumiso. (Vesi 1, 6) Amazwi ayo achaza iindlela ezintathu uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe kanye njengokuba umalusi enyamekela izimvu zakhe.—INdumiso 100:3.
UYehova uyazikhokela izimvu zakhe. Izimvu ziyalahleka xa zingenaye umalusi. Ngendlela efanayo sifuna uncedo ukuze sifumane indlela elungileyo ebomini. (Yeremiya 10:23) Ngokutsho kukaDavide uYehova ukhokelela abantu bakhe ‘kumadlelo anengca nakwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi.’ Ubakhokelela “kumkhondo wobulungisa.” (Vesi 2, 3) Le mifanekiso yamadlelo aluhlaza iyasiqinisekisa ukuba sinokuthembela kuThixo. Xa sikhokelwa ngumoya wakhe oyingcwele njengokuba kubonisiwe eBhayibhileni, sinokuphila ubomi obanelisayo nobuhlaziyayo ukuze sikhuseleke.
UYehova uyazikhusela izimvu zakhe. Xa izimvu zingenaye umalusi ziyoyika kwaye azikwazi kuzinceda. UYehova uxelela abantu bakhe ukuba akuyomfuneko ukuba boyike, kwanaxa ‘behamba kwintlambo yethunzi elimnyama’ ngamaxesha obunzima. (Vesi 4) UYehova uyabalusa, usoloko ekulungele ukubanceda. Unokunika abanquli bakhe ubulumko namandla ukuze bamelane neemvavanyo.—Filipi 4:13; Yakobi 1:2-5.
UYehova uyazondla izimvu zakhe. Izimvu zixhomekeke kumalusi wazo ukuze zifumane ingca. Sinentswelo yokomoya enokwaneliswa ngoncedo lukaThixo kuphela. (Mateyu 5:3) Siyabulela, kuba uYehova unesisa, ulungiselela abakhonzi bakhe intabalala yokutya. (Vesi 5) IBhayibhile neencwadi zokusinceda siyiqonde, njengeli phephancwadi ulifundayo, kukutya kokomoya okwanelisa ukufuna kwethu ukwazi intsingiselo yobomi nenjongo kaThixo ngathi.
UDavide waziva ekhuselekile, esazi ukuba xa esondele kuMalusi wakhe osezulwini, uza kunyanyekelwa nguYehova ‘yonke imihla yobomi bakhe.’ (Vesi 6) Ngaba uya kulangazelela ukukhuseleka ngaloo ndlela? Ukuba kunjalo, funda indlela onokusondela ngayo kuYehova. Ngaloo ndlela unokuziva ukhuselekile ezingalweni zoMalusi oMkhulu, okhokela, akhusele aze ondle bonke abo banyanisekileyo kuye.—Isaya 40:11.
Izibhalo onokuzifunda ngoMeyi:
[Umbhalo osemazantsi]
a Abantu abaninzi baqhelene nebinzana elithi “INKOSI ngumaLusi wam.” Ukuze ufumane isizathu sokuba ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zingalisebenzisi igama likaThixo elinguYehova, funda iphepha 195-197 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.