IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 6/1 iphe. 13-15
  • Ngaba UThixo Unayo Intlangano?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Unayo Intlangano?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • USirayeli Wamandulo—Uhlanga Olulungeleleneyo
  • AmaKristu Enkulungwane Yokuqala Ayelungelelene
  • Uthando LukaThixo
  • Kutheni UThixo Enentlangano Yakhe?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Zigcine Ukhuselekile Njengenxalenye Yentlangano KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Kutheni UThixo EneNtlangano?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • UYehova NguThixo Wolungelelwano
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 6/1 iphe. 13-15

Ngaba UThixo Unayo Intlangano?

YONKE indalo kaThixo ilungelelene. Ngokomzekelo, igwele lilungelelene ngendlela emangalisayo. Lenziwe ngezinto ezilingana nezo zokwenza inqwelo moya. Ukanti, nganye yezi zinto inendawo yayo engena gingci kuyo yaye xa zizonke zinobubanzi obungangeemicron ezintlanu.a Ngokungafaniyo neenqwelo moya igwele liyanda. Okunjani ukundiliseka nolungelelwano!—1 Korinte 14:33.

Ulungelelwano alubonakali kwindalo ebonakalayo kuphela. IBhayibhile ibonisa ukuba ummandla wokomoya ulungelelene ngendlela engathethekiyo, ngokuvisisana nenjongo yoMdali. Umprofeti uDaniyeli wabona embonweni inyambalala yeengelosi kwinkundla kaThixo yasezulwini: “Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe, neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi kanye phambi kwakhe.” (Daniyeli 7:9, 10) Khawuthelekelele ulungelelwano olufunekayo ukuze le nginginya yeengelosi ezingaphezu kwekhulu lesigidi nangaphezulu ukuze ziphumeze umyalelo kaThixo ngenxa yabakhonzi bakhe abasemhlabeni.—INdumiso 91:11.

Nangona uMdali, uYehova uThixo, ehamba yedwa ngokulungelelana, akangomntu ungenabubele okanye othanda imithetho. Kunoko, unobubele, unguThixo onoyolo yaye uyikhathalele indalo yakhe. (1 Timoti 1:11; 1 Petros 5:7) Oku kubonakala kakuhle kwindlela aqhubana ngayo nohlanga lwamandulo lwakwaSirayeli namaKristu enkulungwane yokuqala.

USirayeli Wamandulo—Uhlanga Olulungeleleneyo

UYehova uThixo wasebenzisa uMoses ukuze alungelelanisele amaSirayeli unqulo lokwenyaniso. Khawucinge ngendlela awayehlala ngayo ezinkampini kwintlango yaseSinayi. Kwakuza kuba sisiphithiphithi ukuba intsapho nganye yayivunyelwe ukuba igxumeke intente yayo naphi na. UYehova walunika imiyalelo ecacileyo olo hlanga ngendawo isizwe ngasinye esasimele siyigxumeke kuyo intente yaso. (Numeri 2:1-34) UMthetho kaMoses wawunayo nemithetho ekhusel’ impilo—ngokomzekelo ayefanele aligqume ilindle lawo.—Duteronomi 23:12, 13.

Ukungena kwamaSirayeli kwiLizwe leSithembiso, aba luhlanga olulungelelene ngeendlela ezininzi. Uhlanga lwahlulwa lwaba zizizwe ezili-12, ngasinye sasinomhlaba waso. UMthetho uYehova awawunika uhlanga ngoMoses wawugubungela zonke iinkalo zobomi—unqulo, umtshato, intsapho, imfundo, ushishino, ukutya, ezolimo, imfuyo njalo njalo.b Nangona eminye yale mithetho yayineenkcukacha, yonke yayibonisa indlela awayebakhathalele ngayo uYehova abantu bakhe yaye yayibenza bonwabe. Ngokwenza ngokuvisisana nale mithetho, amaSirayeli ayethandwa ngokukhethekileyo nguYehova.—INdumiso 147:19, 20.

Ngoxa iyinyani into yokuba uMoses wayenesiphiwo, ukuphumelela okanye ukusilela kwakhe kwakungaxhomekekanga kwisiphiwo anaso kodwa kwakuxhomekeke ekunyanisekeni kwakhe kwintlangano kaThixo. Ngokomzekelo, uMoses wasenza njani isigqibo sendlela awayefanele ahambe kuyo entlango? UYehova wayemalathisa esebenzisa ilifu emini lize ebusuku lijike libe ngumlilo. (Eksodus 13:21, 22) Nangona uThixo wayesebenzisa abantu, yayinguYehova ngokwakhe owayelungelelanisa abantu aze abakhokele. Kwakunjalo nangenkulungwane yokuqala.

AmaKristu Enkulungwane Yokuqala Ayelungelelene

Ngenxa yokushumayela ngenzondelelo kwabapostile nabafundi, kwamiselwa amabandla amaKristu kwiindawo ezininzi eAsiya naseYurophu ngenkulungwane yokuqala. Nangona la mabandla ayethe saa, ayengazimelanga geqe. Kunoko, ayelungelelene esonganyelwa ngabapostile. Ngokomzekelo, uTito wathunywa ngumpostile uPawulos eKrete “ukuze amise izinto ngendlela efanelekileyo.” (Tito 1:5, iThe Jerusalem Bible) Waphinda uPawulos wabhalela ibandla laseKorinte esithi abanye abazalwana “banamandla okwalathisa,” okanye “babelungelelanisa.” (1 Korinte 12:28; iThe New Testament in Modern Speech; The Bible in Contemporary Language) Kodwa ngubani owayeqinisekisa ukuba la mabandla alungelelene? UPawulos wathi “uThixo umanye,” okanye “ulungelelanise,” ibandla.—1 Korinte 12:24; The Riverside New Testament.

Abaveleli abamiselwe ebandleni lamaKristu bebengezonkosi kwamanye amaKristu. Kunoko, ‘babengabasebenzi abangamadlelane’ ababelandela ulwalathiso lomoya kaThixo yaye kwakulindeleke ukuba babe “yimizekelo emhlambini.” (2 Korinte 1:24; 1 Petros 5:2, 3) NguYesu Kristu ovusiweyo, kungekhona umntu okanye iqela lamadoda angafezekanga, “oyintloko yebandla.”—Efese 5:23.

Lathi lakuqalisa ukwenza izinto ngendlela eyahlukileyo kwamanye ibandla laseKorinte uPawulos wabhala wathi: “Intoni? Leza liphuma kuni na ilizwi likaThixo, okanye lafikelela kuni kuphela?” (1 Korinte 14:36) UPawulos usebenzisa lo mbuzo buciko ukuze alungise indlela awayecinga ngayo awancede aqonde ukuba ayengazimelanga geqe. Amabandla ayekhula aze ande xa elandela ulwalathiso lwabapostile.—IZenzo 16:4, 5.

Uthando LukaThixo

Kuthekani namhlanje? Abanye basenokungakuthandi ukunxulumana nonqulo olulungelelanisiweyo. Noko ke, ubungqina beBhayibhile, bubonisa ukuba uThixo ebesoloko esebenzisa intlangano yakhe ukuze aphumeze injongo yakhe. Walungelelanisa abanquli bakhe kuSirayeli wamandulo waza walungelelanisa indlela amaKristu enkulungwane yokuqala awayemnqula ngayo.

Ngaba akukho ngqiqweni ke ngoko ukugqiba kwelokuba uYehova uThixo usabalathisa abantu bakhe, njengamandulo? Ewe, indlela abalungelelanise ngayo abanquli bakhe waza wabamanyanisa ibonisa indlela abathanda nabakhathalele ngayo. Namhlanje, uYehova usebenzisa intlangano yakhe ukuze aphumeze injongo yakhe ngoluntu. Inokwaziwa njani intlangano yakhe? Khawuhlole ezi ndlela zilandelayo.

▪ AmaKristu okwenyaniso alungelelaniselwe ukwenza umsebenzi othile. (Mateyu 24:14; 1 Timoti 2:3, 4) UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuzo zonke iintlanga, nto leyo eyayingenakwenzeka ukuba ibingekho intlangano yezizwe ngezizwe. Ngokomzekelo, ungakwazi ukondla umntu omnye kodwa ukuba uza kondla amawaka amaninzi okanye izigidi bekuza kufuneka iqela labantu elilungelelanisiweyo. Ukuze afeze uthumo lwawo, amaKristu okwenyaniso akhonza “ngaxhatha linye,” okanye “ayasebenzisana ekukhonzeni [uThixo].” (Zefaniya 3:9, Byington) Ngaba abantu beentlanga ngeentlanga, beelwimi ngeelwimi bebenokukwazi ukuwenza lo msebenzi ingekho intlangano emanyeneyo? Impendulo izicacele.

▪ AmaKristu okwenyaniso alungelelaniselwe ukuba axhasane aze akhuthazane. Xa umntu esenyuka entabeni yedwa unokuzikhethela ukuba ufuna ukunyuka phi yaye akuyomfuneko ukuba ababek’ esweni abantu abangenamava. Noko ke, ukuba ufumana ingozi okanye ungena engxakini uya kuba sengxakini enkulu njengoko kungekho mntu uza kumnceda. Ukuzahlula akubobulumko. (IMizekeliso 18:1) Ukuze amaKristu aphumeze umyalelo kaYesu, amele ancedane aze axhasane. (Mateyu 28:19, 20) Ibandla lamaKristu sisazulu semfundo esekelwe eBhayibhileni, uqeqesho nokhuthazo ukuze bonke baqhubeke banganikezeli. Umntu ebenokuya phi xa efuna ukufunda ngeendlela zikaYehova ukuba bezingekho iintlanganiso zamaKristu ekufundiswa nekunqulwa kuzo?—Hebhere 10:24, 25.

▪ AmaKristu okwenyaniso alungelelaniselwe ukukhonza uThixo ngomanyano. Njengoko izimvu zikaYesu ziphulaphula ilizwi lakhe, ziba ‘ngumhlambi omnye’ ngaphantsi kokhokelo lwakhe. (Yohane 10:16) Azithanga saa kwiicawa ezahlukahlukeneyo okanye zahlulwe ziimfundiso ezahlukeneyo. Kunoko zonke ‘zithetha ngokuvumelanayo.’ (1 Korinte 1:10) Ukuze sihlale ngomanyano, kufuneka ucwangco yaye ucwangco lufuna silungelelane. Ngabazalwana abamanyeneyo kuphela abanokufumana intsikelelo.—INdumiso 133:1, 3.

Uthando olungazenzisiyo ngoThixo nenyaniso yeBhayibhile luye lwatsala izigidi kwintlangano evisisana neBhayibhile. Njengabantu abalungeleleneyo nabamanyeneyo, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke azama ukwenza ukuthanda kukaThixo. Aqinisekile ngesithembiso sakhe sokuba: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.” (2 Korinte 6:16) Le ntsikelelo imangalisayo unokuyixhamla ukuba unqula uYehova uThixo nentlangano yakhe.

[Imibhalo esemazantsi]

a Imicron, okanye imicrometer sisinye sesigidi semitha.

b Funda i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 214-220, ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Inkampu yamaSirayeli yayilungelelene

[Imifanekiso ekwiphepha 14, 15]

Umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke ufuna ulungelelwano

Ubulungiseleli bendlu ngendlu

Ukunceda emva kweentlekele

Iindibano

Ukwakhiwa kweendawo zokunqulela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share