Funda KwiLizwi LikaThixo
Ngaba Likho Ithemba Ngabafileyo?
Eli nqaku liphendula imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonisa iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Liyintoni ithemba ngabafileyo?
Ukufika kukaYesu eBhethani ngaseYerusalem, umhlobo wakhe uLazaro wayesele eneentsuku ezine efile. UYesu waya engcwabeni noMarta noMariya, oodade bomfi. Akuzange kube kudala bangungelana abantu. Ngaba ungayithelekelela indlela awayevuya ngayo uMarta noMariya emva kokuba uYesu evuse uLazaro?—Funda uYohane 11:20-24, 38-44.
UMarta wayekholelwa ukuba abafi baza kuvuka. Abakhonzi bakaYehova bebesoloko besazi ukuba kwixa elizayo, uThixo uza kuvusa abafi ukuze baphile emhlabeni kwakhona.—Funda uYobhi 14:14, 15.
2. Injani imeko yabafi?
Nangona amandla obomi, okanye “umoya,” ebangela ukuba abantu nezilwanyana ziphile, asingomoya ongaphakathi emzimbeni. (INtshumayeli 3:19; Genesis 7:21, 22) Sizizidalwa ezenziwe ngothuli. (Genesis 2:7; 3:19) Xa ingqondo iyekile ukusebenza, siyayeka ukucinga. Ngaloo ndlela, emva kokuba evusiwe, uLazaro akazange athethe ngezinto ezenzeka ekufeni kuba abafi abazinto.—Funda INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5, 10.
Kucacile ukuba abantu abafileyo abaziva iintlungu. Imfundiso yokuba uThixo uthuthumbisa abantu abafileyo bubuxoki. Inyelisa uThixo. Ingcamango yokuthuthunjiswa kwabantu emlilweni lisikizi kuye.—Funda uYeremiya 7:31.
3. Ngaba sinokuthetha nabafileyo?
Abantu abafileyo abakwazi ukuthetha. (INdumiso 115:17) Kodwa xa iingelosi ezingendawo zithetha nabantu, zisenokuthi ziyimimoya yabantu abafileyo. (2 Petros 2:4) UYehova uyakwalela ukuthetha nabafi.—Funda Duteronomi 18:10, 11.
4. Ngoobani abaza kuvuswa?
Kwihlabathi elitsha elizayo, izigidi zabantu ezisemangcwabeni ziza kubuyela ebomini kwakhona. Kwanabo babesenza izinto ezimbi kuba bengamazi uYehova baza kuvuswa.—Funda uLuka 23:43; IZenzo 24:15.
Abantu abavusiweyo baza kukwazi ukufunda inyaniso ngoThixo baze babenokholo kuYesu ngokumthobela. (ISityhilelo 20:11-13) Abo babuyiselwe ebomini baze benze izinto ezilungileyo baya kukwazi ukunandipha ubomi emhlabeni ngonaphakade. Noko ke, abanye babo bantu bavusiweyo baya kuqhubeka besenza izinto ezimbi. Uvuko lwabo iya kuba ‘luvuko lomgwebo.’—Funda uYohane 5:28, 29.
5. Uvuko lusifundisa ntoni ngoYehova?
Uvuko luza kubakho kuba uThixo wathumela uNyana wakhe ukuze asifele. Bububele bukaYehova nothando olungasifanelanga.—Funda uYohane 3:16; Roma 6:23.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko sesi-6 nesesi-7 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UAdam wadalwa ngothuli lomhlaba