IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 6/1 iphe. 19
  • Ukuthuthuzela Abantliziyo Zaphukileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuthuthuzela Abantliziyo Zaphukileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyasiva Isikhalo Soxhwalekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Masiliphakamise Kunye Igama LikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Thembela KuYehova, “UThixo Wentuthuzelo Yonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • UYehova Akayideli Intliziyo Eyaphukileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 6/1 iphe. 19

Sondela KuThixo

Ukuthuthuzela Abantliziyo Zaphukileyo

‘UYEHOVA akanakuze andithande.’ Latsho njalo elinye ibhinqa elingumKristu elalidandathekile phantse ubomi balo bonke. Lalicinga ukuba uYehova akalikhathalelanga. Ngaba ngokwenene uYehova akabananzanga abanquli bakhe abasenokuba badandathekile? Impendulo ethuthuzelayo ifumaneka kumazwi aphefumlelweyo omdumisi uDavide, akwiNdumiso 34:18.

UDavide wayeyazi indlela olunokumchaphazela ngayo uxinezeleko umnquli kaYehova. Xa wayeselula, uDavide wayeyimbacu eyayihamb’ ihlala, esukelwa nguSawule, ukumkani onomona owayefuna ukumcima igama. UDavide wasabela kwindawo awayecinga ukuba wayengenakuze amfune kuyo uSawule—isixeko saseGati esasikummandla wamaFilisti. Emva kokuba efunyanisiwe, wasindiswa kukuziphambanisa. UDavide wazukisa uThixo ngokuhlangulwa kwakhe yaye wabhala iNdumiso 34 ngala mava.

Ngaba uDavide wayekholelwa ukuba uThixo akabahoyanga abantu abaxinezelekileyo nabaziva bengabalulekanga kuye? UDavide wabhala wathi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (Vesi 18) Makhe sibone ukuba la mazwi asinika njani ithemba aze asithuthuzele.

“UYehova usondele.” Enye imbekiselo ithi eli binzana “lithetha ukuba iNkosi inenkathalo, isoloko ikulungele ukunceda nokuhlangula abantu bayo.” Kuyomeleza ukwazi ukuba uYehova ubabek’ esweni abantu bakhe. Uyazazi izinto ezenzeka kubo kule ‘mihla yokugqibela’ yaye uyazazi iimvakalelo zabo.—2 Timoti 3:1; IZenzo 17:27.

“Kwabo baphuke intliziyo.” Kwezinye iinkcubeko, ‘intliziyo eyaphukileyo’ ibhekisela kumntu ophoxwe ngumntu amthandayo. Kodwa omnye umphengululi uthi amazwi omdumisi abhekisela “kwintlungu eqhelekileyo.” Kwanabanquli bakaThixo maxa wambi banokwehlelwa zizinto ezibophula intliziyo.

“Abo bamoya utyumkileyo.” Abantu abadimazekileyo banokuziva bephantsi kangangokuba banokuphelelwa lithemba. Enye imbekiselo eyenzelwe abaguquleli beBhayibhile ithi eli binzana linokubhekisela “kwabo babona ikamva elimfiliba.”

UYehova uqhubana njani nabo “baphuke iintliziyo” nabo “bamoya utyumkileyo”? Ngaba uyazikhwebula kubo kuba esithi abafanelwanga luthando nengqalelo yakhe? Ngokwahlukileyo koko! Njengomzali omthandayo aze amthuthuzele umntwana wakhe oxhwalekileyo, uYehova ukufutshane kubanquli bakhe abakhalela uncedo lwakhe. Uyakulangazelela ukuthuthuzela intliziyo yabo eyaphukileyo nomoya wabo otyumkileyo. Unokubanika ubulumko namandla ukuze bakwazi ukumelana nazo naziphi na iimvavanyo.—2 Korinte 4:7; Yakobi 1:5.

Kutheni ungafundi ngendlela onokusondela ngayo kuYehova? UThixo onovelwano usithembisa oku: “Ndihlala . . . nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.”—Isaya 57:15.

Izibhalo onokuzifunda ngoJuni:

◼ INdumiso 26–59

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share