Funda KwiLizwi LikaThixo
Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
Eli nqaku libuza imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. Buya kuthabatha indawo yabo bonke abanye oorhulumente buze buqinisekise ukuba ukuthanda kukaThixo kuyenziwa ezulwini nasemhlabeni. Ngaloo ndlela uBukumkani bukaThixo kuphela kwesicombululo.—Funda uDaniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10.
Ubukumkani kufuneka bube nokumkani. UYehova wamisela uNyana wakhe uYesu ukuba abe nguKumkani woBukumkani bakhe.—Funda uLuka 1:30-33.
2. Kutheni uYesu ekufanelekela ukuba nguMlawuli?
UNyana kaThixo nguKumkani ofanelekileyo kuba unobubele, uyayimela into elungileyo yaye unamandla okunceda abantu. (Mateyu 11:28-30) Emva kokuba evusiwe, uYesu wenyukela ezulwini waza walinda ngakwisandla sokunene sikaThixo. (Hebhere 10:12, 13) Ekugqibeleni, uThixo wamnika amandla okuqalisa ukulawula ezulwini.—Funda uDaniyeli 7:13, 14.
3. Ngoobani abanye abaza kulawula noYesu?
Iqela elibizwa ngokuba ‘ngabangcwele’ likhethwa nguThixo ukuze lilawule noYesu ezulwini. (Daniyeli 7:27) Abantu bokuqala abakhethwayo yayingabapostile bakaYesu abathembekileyo. UYehova ebeqhubeka ekhetha amadoda nabafazi abathembekileyo ukuza kuma kwixesha lethu. NjengoYesu bavuswa benemizimba yomoya.—Funda Yohane 14:1-3; 1 Korinte 15:42-45.
Bangaphi abantu abaya ezulwini? UYesu wababiza ngokuba ‘ngumhlambi omncinane.’ (Luka 12:32) Ekugqibeleni baya kuba li-144 000, kwaye baya kulawula noYesu phezu komhlaba.—Funda iSityhilelo 5:9, 10; 14:1.
4. Baqalisa nini ukulawula uBukumkani bukaThixo?
UYesu waba nguKumkani ngowe-1914.a Kancinane nje emva koko, wagxotha uSathana needemon zakhe. (ISityhilelo 12:7-10, 12) Ukususela ngoko iingxaki zoluntu ziye zathath’ unyawo. Iimfazwe, iinyikima, iindlala, izifo nokungabikho komthetho yinxalenye yomqondiso wokuba le nkqubo yezinto ikwimihla yayo yokugqibela. (2 Timoti 3:1-5) Bonke abafuna uBukumkani bukaThixo bafanele bafunde indlela yokulandela uKumkani wabo uYesu.—Funda uLuka 21:7, 10, 11, 31, 34, 35.
5. Yintoni eza kufezwa buBukumkani bukaThixo?
Ngephulo lokushumayela elenziwa ehlabathini lonke, uBukumkani bukaThixo buncede izigidi kuzo zonke iintlanga ukuba zifunde iindlela zikaThixo. (Mateyu 24:14) Buya kukhusela “isihlwele esikhulu” sabalawulwa bakaYesu abanyanisekileyo xa butshabalalisa le nkqubo yezinto ingendawo emhlabeni.—Funda iSityhilelo 7:9, 10, 13-17.
Ebudeni beminyaka eli-1 000, uBukumkani buya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Ekugqibeleni, uYesu uza kubuyisela uBukumkani kuYise. (1 Korinte 15:24-26) Ngaba ukho umntu omaziyo ongathanda ukuthetha naye ngoBukumkani bukaThixo?—Funda INdumiso 37:10, 11, 29.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 8 ne-9 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela isiprofeto seBhayibhile esalatha ngayo kunyaka wowe-1914, funda iphepha 215-218 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ipapashwe ngamaNgqina kaYehova