Funda KwiLizwi LikaThixo
Sinokubakhetha Njani Abahlobo Abafanelekileyo?
Eli nqaku libuza imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize libonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Kutheni sifanele sibakhethe ngobulumko abahlobo?
Inkoliso yabantu iyakuthanda ukufuna ukwamkeleka kwabanye. Lo mnqweno udla ngokusenza sixelise abantu abasingqongileyo. Ngoko abahlobo bethu baba nempembelelo kakhulu kwisimo sengqondo sethu. Ngenxa yoko, abahlobo esibakhethayo banokuphembelela uhlobo lwabantu esiza kuba lulo.—Funda iMizekeliso 4:23; 13:20.
Umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo uDavide wabakhetha ngobulumko abahlobo bakhe. Wayenxulumene kuphela nabo bamnceda wagcina ingqibelelo yakhe njengomkhonzi kaThixo. (INdumiso 26:4, 5, 11, 12) Ngokomzekelo, uDavide wayekuvuyela gqitha ukuba ngumhlobo kaYonatan kuba wayemkhuthaza ukuba akholose ngoYehova.—Funda eyoku-1 kaSamuweli 23:16-18.
2. Unganguye njani umhlobo kaThixo?
Nangona uYehova engusomandla, sinako ukuba ngabahlobo bakhe. Ngomzekelo, uAbraham waba ngumhlobo kaThixo. UAbraham wakholosa ngoYehova waza wamthobela, ngaloo ndlela emjonga njengomhlobo wakhe. (Genesis 22:2, 9-12; Yakobi 2:21-23) Ukuba siyamthemba uYehova size senze oko athi masikwenze, sinokuba ngabahlobo bakhe.—Funda iNdumiso 15:1, 2.
3. Bangakunceda njani abahlobo bokwenene?
Abahlobo bokwenene banyanisekile yaye bakulungele ukukunceda ukuze wenze okuhle. (IMizekeliso 17:17; 18:24) Ngokomzekelo, ngoxa uYonatan wayemshiya ngeminyaka engama-30 uDavide kwaye enokungena etroneni yakwaSirayeli, wamxhasa ngokunyaniseka uDavide njengalowo ukhethwe nguThixo ukuba abe ngukumkani. Abahlobo bokwenene banenkalipho yokukulungisa xa utenxa. (INdumiso 141:5) Abahlobo abathanda uThixo baya kukunceda uvelise imikhwa emihle.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33.
Unokudibana nabantu abathanda izinto ezilungileyo njengawe kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Apho uya kufumana abahlobo abaya kukhuthaza kwimigudu oyenzayo yokufuna ukukholisa uThixo.—Funda kumaHebhere 10:24, 25.
Noko ke, kwanabahlobo abathanda uThixo maxa wambi banokukuphoxa. Musa ukutyhafiswa ziimpazamo zabo. (INtshumayeli 7:9, 20-22) Khumbula, ukuba akakho umhlobo ogqibeleleyo yaye abahlobo abathanda uThixo baxabisekile kuthi. ILizwi likaThixo liyasibongoza sizibethe ngoyaba iintsilelo zamanye amaKristu.—Funda kwabaseKolose 3:13.
4. Kuthekani ukuba “abahlobo” bayakuchasa?
Abantu abaninzi bafumanisa ukuba xa beqalisa ukufunda iLizwi likaThixo, abahlobo babo bayabachasa. Mhlawumbi abahlobo abanjalo abayiqondi indlela oncedakala ngayo okanye ithemba eliqinisekileyo olifumene eBhayibhileni. Mhlawumbi unokubanceda.—Funda kwabaseKolose 4:6.
Kwezinye iimeko, “abahlobo” banokuzigculela iindaba ezilungileyo eziseLizwini likaThixo. (2 Petros 3:3, 4) Abanye banokugculela wena. (1 Petros 4:4) Ukuba oko kunokwenzeka kuwe, kusenokufuneka ukhethe phakathi kokuba ngumhlobo wabo nokuba ngumhlobo kaThixo. Ukuba ukhetha ukuba ngumhlobo kaThixo, uya kuba ukhethe oyena mhlobo nabani na anokuba naye.—Funda kaYakobi 4:4, 8.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko se-12 nese-19 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.