AmaKristu Okwenyaniso Ayalihlonela ILizwi LikaThixo
“Ilizwi lakho liyinyaniso.”—YOHANE 17:17.
KHANGELA EZI NGONGOMA:
Intlanganiso eyaqhutywa eYerusalem ngowama-49 C.E. yayahluke njani kumabhunga eecawa awaqhutywa kamva?
Babengoobani abaxhasi abangagungqiyo beLizwi likaThixo ababephila ngamaXesha Aphakathi?
Yiyiphi indlela yokufunda iBhayibhile eyayisetyenziswa ngamaKristu athembekileyo ngasekupheleni kweminyaka yee-1800 yaye kutheni yayisebenza?
1. Ngokusuka kwawakho amava, chaza into ibe nye ebalulekileyo eyenza amaNgqina kaYehova ahluke kwamanye amaqela onqulo.
CINGA mhla wawuqala ukuba nencoko emnandi neNgqina likaYehova. Ukhumbula ntoni ngaloo ncoko? Abaninzi basenokuthi, ‘Into endayithandayo yeyokuba, elo Ngqina layiphendula ngeBhayibhile yonke imibuzo yam.’ Kwasivuyisa gqitha ukwazi ngenjongo kaThixo ngomhlaba, ngoko kwenzekayo xa sisifa nethemba esinalo ngabantu bethu abafileyo esibathandayo!
2. Ziziphi ezinye izizathu ezibangela ukuba ube noxabiso ngeBhayibhile?
2 Noko ke, njengoko besiqhubeka sifunda, siye safumanisa ukuba iBhayibhile ayipheleli nje ekuphenduleni imibuzo engobomi, ukufa nekamva. Siye saqonda ukuba iBhayibhile iyeyona ncwadi iluncedo ehlabathini. Isiluleko sayo asiphelelwa lixesha yaye abo basithobelayo baya kuphumelela baze bonwabe. (Funda iNdumiso 1:1-3.) AmaKristu okwenene ebesoloko eyamkela iBhayibhile, “kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.” (1 Tes. 2:13) Ukuhlolisisa imbali ngokufutshane kuza kuwenza ucace umahluko phakathi kwabo balihlonela ngokunyanisekileyo iLizwi likaThixo nabo bangalihloneliyo.
UMBA ONOBUZAZA UYACONJULULWA
3. Nguwuphi umba owaphazamisa umanyano lwebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala, yaye yiyiphi ingozi eyayikho?
3 Ebudeni beminyaka eli-13 eyalandela ukuthanjiswa komntu weeNtlanga wokuqala owayengalukanga, uKorneli, kwavuka imbambano eyaphazamisa umanyano kwibandla lamaKristu. Abantu abaninzi beeNtlanga baba ngamaKristu. Kwaphakama lo mbuzo, Ngaba la madoda afanele aluswe ngokwesiko lamaYuda ngaphambi kokuba abhaptizwe? UmYuda wayengenakuwuphendula lula loo mbuzo. AmaYuda athobela uMthetho ayengangeni kwaukungena kumakhaya abantu beeNtlanga, singasathethi ke ngokuba nobudlelane nabo. AmaKristu angamaYuda ayesele etshutshiswe ngokuqatha ngokushiya unqulo lwawo lwangaphambili. Ukuba ayenokuqhubeka esamkela phakathi kwawo iiNtlanga ezingalukanga, oko kwakuya kubangela ubutshaba bande phakathi kwamaYuda namaKristu, ize loo nto ibangele ukuba amaKristu atshutshiswe ngakumbi.—Gal. 2:11-14.
4. Yasiwa koobani le mbambano, yaye yiyiphi imibuzo eyayinokuphakama kubantu ababebukele loo ntlanganiso?
4 Ngowama-49 C.E, abapostile namadoda amakhulu aseYerusalem, awayengamaYuda alukileyo, ‘ahlanganisana ndawonye ukuze abonisane ngalo mcimbi.’ (IZenzo 15:6) Intlanganiso yawo yayingekokuphikisana nje kwamagosa onqulo ngezinto eziyimfitshimfitshi, kodwa yayiyingxubusho efundisayo esekelwe ezibhalweni. Bonke ababelapho baveza izimvo ezinamandla. Ngaba kwakuza kuthathwa isigqibo ngokusekelwe kukhetho lomntu othile okanye ngokusekelwe kucalulo? Ngaba amadoda amakhulu anembopheleleko ayeza kusibekela elinye ixesha esi sigqibo kude kudambe izaqunge zonqulo kwaSirayeli? Okanye ngaba amadoda amakhulu ayeza kuyekelela ukuze nje kude kuvunyelwane?
5. Yayahluke ngaziphi iindlela ezibalulekileyo intlanganiso eyayiseYerusalem ngowama-49 C.E. kuleyo yamabhunga eecawa eenkulungwane ezalandelayo?
5 Kumabhunga eecawa namhlanje, xa kuxoxwa ixhaphakile into yokuba iinkokeli zonqulo ziyekelele okanye zizame ukurhwebesha amanye amalungu ebhunga ukuba eme ngakwicala lazo. Noko ke, kule intlanganiso yayiseYerusalem akuzange kubekho kuyekelela; kungazange kubekho namntu uzama ukurhwebesha omnye ukuba eme ngakwicala lakhe. Ukongezelela, sinye isigqibo ekwafikelelwa kuso. Yenzeka njani loo nto? Nangona mntu ngamnye wayeqinisekile ngezimvo zakhe, bonke ababelapho babelihlonela iLizwi likaThixo, yaye ekuphela kwendlela yokucombulula lo mba yayifumaneka kwizibhalo ezingcwele.—Funda iNdumiso 119:97-101.
6, 7. IZibhalo zasetyenziswa njani ukuze kuconjululwe umba wolwaluko?
6 Le mbambano yaconjululwa ngesibhalo esikuAmosi 9:11, 12. Njengoko sicatshulwe kwiZenzo 15:16, 17, sifundeka ngolu hlobo: “Ndiya kubuya ndize ndiwakhe umnquba kaDavide owe phantsi; yaye ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa awo ndize ndiwumise kwakhona, ukuze abo baseleyo ebantwini bamfune ngenyameko uYehova, ndawonye nabantu beentlanga zonke, abantu ababizwa ngegama lam, utsho uYehova.”
7 Kodwa omnye umntu usenokuphikisa ngelithi ‘esi sibhalo asithi kwakungeyomfuneko ukuba amakholwa eeNtlanga aluke.’ Liyinyaniso elo; kodwa ke amaKristu angamaYuda ngewayeyiqondile le ngongoma. Ayebagqala njengabazalwana abantu beeNtlanga abalukileyo. (Eks. 12:48, 49) Ngokomzekelo, ngokohlelo lukaBagster lweSeptuagint, uEstere 8:17 ufundeka ngolu hlobo: “Uninzi lwabeeNtlanga lwaluswa lwaza lwaba ngamaYuda.” Ngenxa yoko, xa iZibhalo zaprofeta ukuba abo baseleyo bendlu kaSirayeli (amaYuda kwakunye nabo balukileyo baguqukele ebuYudeni) “nabantu bazo zonke iintlanga” (abantu beeNtlanga abangalukanga) babeza kumanyana ngenxa yegama likaThixo, watsho wacaca umyalezo. Kwakungeyomfuneko ukuba abantu beeNtlanga abafuna ukuba ngamaKristu baluke.
8. Inkalipho yaba nayiphi indima kwisigqibo esenziwayo?
8 ILizwi likaThixo nomoya wakhe labangela ukuba loo maKristu anyanisekileyo afikelele “kwisivumelwano ngamxhelo mnye.” (IZe. 15:25) Nangona eso sigqibo sasinokubangela amaKristu angamaYuda ukuba atshutshiswe ngakumbi, abo bathembekileyo basixhasa ngokupheleleyo esi sigqibo sisekelwe eBhayibhileni.—IZe. 16:4, 5.
UMAHLUKO OMKHULU
9. Yiyiphi inkalo ebalulekileyo eyakhokelela ekungcolisweni konqulo lokwenyaniso, yaye kwavela yiphi imfundiso ebalulekileyo?
9 Umpostile uPawulos waprofeta ukuba emva kokufa kwabapostile, ubuKristu buya kungcoliswa ziimfundiso zobuxoki. (Funda eyesi-2 kwabaseTesalonika 2:3, 7.) Abanye ababengayi kuyinyamezela “imfundiso ephilileyo” yayingabo bakwizigxina zeembopheleleko. (2 Tim. 4:3) UPawulos wabalumkisa ngelithi abadala bomhla wakhe: “Phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZe. 20:30) IThe New Encyclopædia Britannica ithi xa ichaza oyena nobangela weengcamango ezijijekileyo: “AmaKristu awayefunde intanda-bulumko yamaGrike aqalisa ukuchaza iinkolelo zawo ngokuvisisana nayo, loo nto yayiwenza azive anelisekile yaye ayesebenzisa le ntanda-bulumko ukuze aguqule abahedeni abazizifundiswa.” Imfundiso ebalulekileyo eyajijwa ngabahedeni iphathelele uYesu Kristu. IBhayibhile ithi unguNyana kaThixo; bona abathandi bentanda-bulumko yamaGrike bemi ngelithi unguThixo.
10. Ngewawuconjululwe njani umba womntu anguye uKristu?
10 Lo mbuzo washukuxwa kumabhunga eecawa aliqela. Lo mba ngewawuconjululwe lula ukuba abathunywa babethembele ngakumbi eZibhalweni, kodwa uninzi lwabo aluzange lwenjenjalo. Eneneni, uninzi lwalusele lwenze isigqibo kwanangaphambi kokuba lufike kwelo bhunga, yaye lwemka apho luqiniseke ngakumbi ngezimvo olwalunazo. Imiqulu nezindululo ekwaphunywa nazo kwezi ntlanganiso azizange nakancinane zibhekisele eZibhalweni.
11. Lomelezwa njani igunya labo babizwa ngokuba ngaBaseki beCawa, yaye kutheni kwaba njalo?
11 Kwakutheni ukuze iZibhalo zingahlolwa ngokucokisekileyo? Umphengululi uCharles Freeman uphendula ngelithi abo babekholelwa kwelokuba uYesu unguThixo “bakufumanisa kunzima ukugatya amazwi amaninzi kaYesu awayebonisa ukuba ungaphantsi kukaThixo uYise.” Ngenxa yoko, iimfundiso nezimvo zecawa zamagunya awalandela emva koko zathathelw’ indawo ziiNcwadi zeVangeli. Unanamhlanje, uninzi lwabefundisi luyazincoma izinto ezingaphefumlelwanga ezathethwa ngabo kuthiwa ngaBaseki beCawa ngaphezu kwezo zikwiLizwi likaThixo! Ukuba ukhe waxubusha ngenkolelo kaBathathu Emnye nomntu ofundela ubufundisi, mhlawumbi uyiphawule loo nto.
12. Yiyiphi impembelelo embi awayenayo umlawuli?
12 Inkalo ephawulekayo yeengxoxo zaloo mabhunga, kukungenelela kwabalawuli bamaRoma. Ngokuvisisana noko, uNjingalwazi uRichard E. Rubenstein wabhala wathi ngokuphathelele iBhunga laseNicaea: “UConstantine wabaxhasa waza wabahlohla ubutyebi [oobhishophu] ngendlela engathethekiyo. Kwisithuba nje esingaphantsi konyaka, lo mlawuli mtsha wabuyisela waza waphinda wabakhela iicawa, ebabuyisela umsebenzi nesidima esasithathwe kubo . . . Wabuyisela abefundisi abangamaKristu amalungelo awayenikwa abefundisi abangabahedeni ngaphambili.” Ngenxa yoko, “uConstantine wayenempembelelo enamandla—ekwazi nokuyalela—indlela ekuqhutywa ngayo eNicaea.” UCharles Freeman wangqina ngelithi: “Loo nto yenza ukuba umlawuli anganeli nje ukuba negunya lokomeleza iCawa kodwa nelokuba nefuthe kwiimfundiso zayo.”—Funda uYakobi 4:4.
13. Ziintoni ocinga ukuba zabangela iinkokeli zecawa zeenkulungwane ezalandelayo azazikhathalela iimfundiso ezicacileyo zeBhayibhile?
13 Ngoxa iindwalutho zecawa zazinengxaki yokuchaza oyena mntu anguye uYesu Kristu, uninzi lwabantu abaqhelekileyo lwalungenayo loo ngxaki. Ekubeni bona babengenazinjongo zakuzalisa iinxili zabo ngegolide yalo mlawuli, bengancwasanga nazikhundla zecawa, bazijonga izinto ngendlela eyiyo bencedwa ziZibhalo. Yaye benjenjalo ngako konke okusemandleni abo. Enye indoda eyayikwezakwalizwi ngelo xesha, uGregory waseNyssa, yathi xa yayihlekisa ngabantu abaqhelekileyo: “Abathengisi beempahla, abatshintshi bemali nabathengisi bokutya bangamakholwa. Ukuba ubuza ngexabiso lemali yakho, ezinye izithandi zobulumko zikuchazela ngendlela uNyana ahluke ngayo kuYise. Xa ubuza ixabiso lesonka, uya kuphendulwa ngelithi uYise mkhulu kunoNyana. Ukuba ufuna ukwazi enoba sele ilungile na ibhafu, uxelelwa ukuba uNyana wadalwa ethathelwe kokungeni.” Ngokwenene, ngokungafaniyo nabefundisi, uninzi lwabantu abaqhelekileyo lwaluxhasa izinto oluzithethayo ngokucaphula iLizwi likaThixo. UGregory namahlakani akhe babeya kuncedakala ukuba babebaphulaphule abantu!
“INGQOLOWA” ‘NOKHULA’ ZIKHULA KUNYE
14. Kutheni sinokugqiba ngelithi ukususela ngenkulungwane yokuqala ukusa phambili, kumele ukuba ebesoloko esibakho amaKristu athanjisiweyo okwenene emhlabeni?
14 Kumzekeliso wakhe, uYesu wabonisa ukuba ukususela kwinkulungwane yokuqala ukusa phambili, aya kusoloko ekho amaKristu athanjisiweyo okwenene emhlabeni. Wawathelekisa ‘nengqolowa’ ekhula phakathi ‘kokhula.’ (Mat. 13:30) Kakade ke, asinakuqiniseka ngabantu okanye amaqela aludidi lwabathanjiswa abayingqolowa, kodwa sinokuqiniseka ngelokuba bebesoloko bekho abo bathe ngenkalipho bakhusela iLizwi likaThixo baza babhenca iimfundiso zecawa ezingasekelwanga zibhalweni. Makhe sihlolisise imizekelo embalwa.
15, 16. Chaza abanye ababonisa intlonelo ngeLizwi likaThixo.
15 UBhishopu Omkhulu uAgobard waseLyons, eFransi (owayephila ngowe-779 ukuya kutsho ngowe-840 C.E.) wakuchasa ngokuphandle ukunqulwa kwemifanekiso, iicawa ezinikelwe kwiingcwele nezithethe zecawa ezingasekelwanga zibhalweni. Omnye wabantu ababephila ngexesha lakhe, uBhishopu uClaudius, naye wazigxeka izithethe zecawa waza wayigatya imithandazo eya kwiingcwele nokuhlonelwa kwezinto zabafi. Ngenkulungwane ye-11, uMdikoni Omkhulu uBerengarius waseTours, eFransi, wasikwa ecaweni ngenxa yokugatya imfundiso yamaKatolika yokuba isonka newayini zitshintsha zibe ngumzimba negazi likaYesu lokoqobo. Ngaphezu koko, wamela into yokuba iBhayibhile ibalulekile kunezithethe zecawa.
16 Ngenkulungwane ye-12, kwathi gqi abathandi benyaniso eseBhayibhileni ababini, uPeter waseBruys noHenry waseLausanne. UPeter wayeka ukuba ngumfundisi ngenxa yokuba wayengakwazi ukudibanisa imfundiso yamaKatolika yokubhaptizwa kweentsana, eyokuba isonka newayini zitshintsha zibe ngumzimba negazi likaYesu lokoqobo, eyokuthandazelwa kwabantu abafileyo kwakunye neyokunqulwa komnqamlezo. Ngowe-1140, uPeter wabulawa ngenxa yeenkolelo zakhe. UHenry oyimonki, wabugatya ngokuphandle ububi obabusenziwa ecaweni kwakunye neenkalo ezichasene nezibhalo zezithethe zecawa. Wabanjwa ngowe-1148 waza wahlala ubomi bakhe bonke entolongweni.
17. Ngawaphi amanyathelo abalulekileyo awathatyathwa nguWaldo nabalandeli bakhe?
17 Malunga nexesha lokutshiswa kukaPeter waseBruys ephila ngenxa yenkalipho yakhe yokugxeka icawa, kwazalwa umntu owathi kamva waba nempembelelo enamandla ekusasazweni kwenyaniso eseBhayibhileni. WayengowakwaValdès okanye owakwaWaldo.a Ngokwahlukileyo kuPeter waseBruys noHenry waseLausanne, wayengumntu nje oqhelekileyo, kodwa ngendlela awayelixabisa ngayo iLizwi likaThixo wancama zonke izinto eziphathekayo awayenazo ukuze axhase ukuguqulelwa kweenxalenye zeBhayibhile kulwimi olwaluthethwa kakhulu kumzantsi-mpuma waseFransi. Abanye baba nemincili kakhulu bakuva isigidimi seBhayibhile ngolwimi lwabo kangangokuba nabo bancama izinto zabo eziphathekayo baza bazibhokoxa ekuxeleleni abanye ngenyaniso eseBhayibhileni. Icawa ayizange iphatheke kakuhle kwaphela yile nto. Ngowe-1184 la madoda namabhinqa anenzondelelo, awathi kamva abizwa ngokuba ngabalandeli bakaWaldo, asikwa ecaweni ngupopu aza agxothwa emizini yawo ngubhishopu. Le nto eneneni yasisasaza isigidimi seBhayibhile nakweminye imimandla. Ekugqibeleni, abalandeli bakaWaldo, abakaPeter waseBruys nabakaHenry waseLausanne nabanye abaqhekeki, bathi saa kwimimandla emininzi kwelaseYurophu. Kwavela nabanye abaxhasi abangagungqiyo benyaniso eseBhayibhileni kwiinkulungwane ezalandelayo: uJohn Wycliffe (owayephila ngowe-1330-1384), uWilliam Tyndale (owaphila ngowe-1494-1536), uHenry Grew (owaphila ngowe-1781-1862), noGeorge Storrs (owaphila ngowe-1796-1879).
“ILIZWI LIKATHIXO ALIBOTSHWANGA”
18. Chaza indlela yokufunda iBhayibhile eyayisetyenziswa ngabafundi beBhayibhile abanenzondelelo ngenkulungwane ye-19 nesizathu sokuba isebenze.
18 Nakuba zizame yonke into, iintshaba zenyaniso eseBhayibhileni azikwazanga kukuthintela ukunwenwa kwayo. Eyesi-2 kuTimoti 2:9 ithi: “Ilizwi likaThixo alibotshwanga.” Ngowe-1870 iqela elinenzondelelo labafundi beBhayibhile laqalisa ukuphanda inyaniso. Lalisebenzisa yiphi indlela yokufunda? Umntu wayephakamisa umbuzo, kuze ke kuxutyushwe loo mbuzo. Lalikhangela zonke izibhalo ezithetha ngaloo ngongoma lize xa lanelisekile ngokuvisisana kwezo ndinyana, lichaze isigqibo elifikelele kuso lize lisibhale phantsi. Ngaba akukuqinisekisi ukwazi ukuba, kanye njengabapostile namanye amadoda amakhulu enkulungwane yokuqala, loo madoda athembekileyo ‘ookhokho bethu bokomoya’ bangasekupheleni kweminyaka yee-1800 babezimisele ukulungelelanisa iinkolelo zabo neLizwi likaThixo?
19. Uthini umxholo wonyaka wama-2012, yaye kutheni ufanelekile?
19 IBhayibhile isesisiseko seemfundiso zethu. Licinga loo nto, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova liye lakhetha njengomxholo wethu wonyaka wama-2012 la mazwi kaYesu abonisa intembelo: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yoh. 17:17) Ekubeni wonke umntu onomnqweno wokukholiseka kuThixo emele ahambe enyanisweni, ngamana sonke singaqhubeka sizabalazela ukukhokelwa liLizwi likaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Lo kaValdès ebekhe abizwe ngokuba nguPierre Valdès okanye uPeter Waldo, kodwa ke asiqiniseki ngelona gama lakhe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
Umxholo wethu wonyaka wama-2012 uthi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.”—Yoh. 17:17
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UWaldo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UWycliffe
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UTyndale
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UGrew
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UStorrs