IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 4/1 iphe. 4-7
  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • UYesu Kristu—Isitshixo Sokufumana Ulwazi NgoThixo
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Ngubani UYesu?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 4/1 iphe. 4-7

UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa

“Izihlwele zithi ndingubani na?”—LUKA 9:18.

UYESU wabuza abafundi bakhe loo mbuzo kuba wayesazi ukuba abantu banezimvo ezahlukahlukeneyo ngaye. Nakuba kunjalo, sasingekho isizathu sokudideka. UYesu wayengazifihli ebantwini, kwaye engasebenzeli kwiindawo angazukubonwa kuzo ngabantu. Endaweni yoko, wayenxulumana nabantu kwiidolophu nakwizixeko zabo. Wayeshumayela yaye efundisa esidlangalaleni kuba wayefuna abantu bamazi.—Luka 8:1.

Inyaniso ngoYesu inokuqondwa kumazwi nakwizenzo zakhe, ezibhalwe kwiincwadi ezine zeBhayibhile zeVangeli—UMateyu, uMarko, uLuka noYohane. Siza kusebenzisa le ngxelo iphefumlelweyo ukuphendula imibuzo engoYesu.a—Yohane 17:17.

UMBUZO: Ngaba uYesu ngumntu owakhe waphila ngokwembali?

IMPENDULO: Ewe. Ababhali-mbali behlabathi, abaquka uJosephus noTacitus benkulungwane yokuqala, bayathetha ngaye. Okubaluleke nangakumbi kukuba, iincwadi zeVangeli zibonisa ngokucacileyo ukuba uYesu ngumntu wokwenene, kungekhona owasentsomini. Le ngxelo ichaza ixesha nendawo ezazisenzeka kuzo iziganeko ekuthethwa ngazo. Ngokomzekelo, umbhali weVangeli uLuka ukhankanya amagosa asixhenxe angabalawuli—amagama awo akhankanywa nangababhali-mbali behlabathi—ukuze akwazi ukuchaza unyaka awaqalisa ngawo ukushumayela uYesu.—Luka 3:1, 2, 23.

Ubungqina bokuba uYesu Kristu ngumntu wokwenene bunamandla. Incwadi ethi Evidence for the Historical Jesus ithi, “Inkoliso yabaphengululi iyavuma ukuba yayikhona indoda eyaziwa ngokuba nguYesu waseNazarethe ngenkulungwane yokuqala.”

UMBUZO: Ngaba ngokwenene uYesu unguThixo?

IMPENDULO: Akunjalo. UYesu akazange azigqale njengolingana noThixo. Ngokuchaseneyo noko, uYesu wabonisa ngokuphindaphindiweyo ukuba igunya lakhe lingaphantsi kwelikaYehova.b Ngokomzekelo, uYesu wabhekisela kuYehova ngokuthi “Thixo wam” nangokuthi “wena ukuphela koThixo oyinyaniso.” (Mateyu 27:46; Yohane 17:3) Ngumntu ongaphantsi ngegunya kuphela onokusebenzisa loo mabinzana xa ebhekisela komnye umntu. Xa umqeshwa ebhekisela kumqeshi wakhe ngokuthi “umphathi wam” okanye “ophetheyo” ubonisa ngokucacileyo ukuba ungaphantsi kuye ngegunya.

UYesu wabonisa ukuba wahlukile kuThixo. Ngesinye isihlandlo, uYesu wakhe wathi kubachasi ababecela umngeni igunya lakhe: “EMthethweni wenu kubhaliwe kwathiwa, ‘Ubungqina babantu ababini buyinyaniso.’ Ndingulowo unikela ubungqina ngam, noBawo ondithumileyo unikela ubungqina ngam.” (Yohane 8:17, 18) Umele ukuba uYesu wahlukile kuYehova. Kunokwenzeka njani ukuba bajongwe njengamangqina amabini?c

UMBUZO: Ngaba uYesu wayeyindoda nje elungileyo?

IMPENDULO: Akunjalo. Wayengaphezulu kunoko. UYesu wayeqonda ukuba unendima ebalulekileyo ukuze kuphunyezwe ukuthanda kukaThixo. Nazi ezimbalwa zazo:

● ‘UNyana okuphela kozelweyo kaThixo.’ (Yohane 3:18) UYesu wayeyazi imvelaphi yakhe. Eneneni ubomi bakhe baqala ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni. Wathi: ‘Ezulwini ndihlile.’ (Yohane 6:38) UYesu ungowokuqala ukudalwa nguThixo, yaye yena wancedisa ekudalweni kwezinye izinto. Ekubeni inguye kuphela odalwe nguThixo nqo, uYesu wayefanele ukubizwa ngokuba ‘nguNyana okuphela kozelweyo kaThixo.’—Yohane 1:3, 14; Kolose 1:15, 16.

● “UNyana womntu.” (Mateyu 8:20) Izihlandlo ezininzi uYesu wabhekisela kuye ‘njengonyana womntu,’ esebenzisa ibinzana elivela izihlandlo ezingama-80 kwiincwadi zeVangeli. Le ndlela yokuzichaza ibonisa ukuba wayengumntu ngokupheleleyo kungekhona uThixo okwimo yenyama. Kwenzeka njani ukuba okuphela koNyana ozelwe nguThixo abe ngumntu? UYehova wasebenzisa umoya oyingcwele, ukudlulisela ubomi balo Nyana wakhe kwisibeleko sebhinqa elinyulu elingumYuda uMariya, ngaloo ndlela wakhawula. Umphumo waba kukuba uYesu azalwe engenasono yaye efezekile.—Mateyu 1:18; Luka 1:35; Yohane 8:46.

● “Umfundisi.” (Yohane 13:13) UYesu Kristu wenza kwacaca ukuba umsebenzi awayewunikwe nguThixo ‘yayikukufundisa . . . nokushumayela iindaba ezilungileyo’ zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 4:23; Luka 4:43) Wakuchaza ngeyona ndlela icacileyo nelula oko bukuko uBukumkani noko buya kukwenza nendlela obuza kukufeza ngayo ukuthanda kukaYehova.—Mateyu 6:9, 10.

● “ULizwi.” (Yohane 1:1) UYesu wayesisithethi sikaThixo—esetyenziswa nguThixo ukudlulisela inkcazelo nemiyalelo kwabanye. UYehova wasebenzisa uYesu ukuze adlulisele isigidimi Sakhe kubantu abasemhlabeni.—Yohane 7:16, 17.

UMBUZO: Ngaba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo?

IMPENDULO: Ewe. Iziprofeto zeBhayibhile zaxela kwangaphambili ngokuza kukaMesiya okanye uKristu, othetha “Othanjisiweyo.” Lowo uThenjisiweyo wayeza kuba nendima ephambili ekuzalisekiseni injongo kaYehova. Ngesinye isihlandlo, ibhinqa lomSamariya laxelela uYesu oku: “Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, obizwa ngokuba nguKristu.” Waza yena uYesu walixelela oku: “Mna lo uthetha nawe ndinguye.”—Yohane 4:25, 26.

Ngaba bukho ubungqina bokuba uYesu wayenguye ngokwenene uMesiya? Kukho iinkalo ezintathu ezibubungqina ezithi xa zidityanisiwe zinikela ubungqina obunamandla, kanye njengemigca eseminweni yomntu.—Ngaba uYesu wazizalisekisa ezi nkalo? Khawuzivele:

● Umlibo wakhe wokuzalwa. IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba uMesiya wayeya kuvela kuAbraham kumnombo wentsapho kaDavide. (Genesis 22:18; INdumiso 132:11, 12) UYesu uyinzalelwane yabo bobabini.—Mateyu 1:1-16; Luka 3:23-38.

● Inzaliseko yeziprofeto. IZibhalo zesiHebhere ziqulethe intaphane yeziprofeto ezingobomi bukaMesiya apha emhlabeni, iinkcukacha zokuzalwa nokufa kwakhe. UYesu wazizalisekisa zonke iziprofeto. Phakathi kwazo kukho ezi: Wazalelwa eBhetelehem (Mika 5:2; Luka 2:4-11), wabizwa ukuba aphume eYiputa (Hoseya 11:1; Mateyu 2:15) yaye wabulawa kungakhange kophulwe nalinye kumathambo akhe (INdumiso 34:20; Yohane 19:33, 36). Akunakwenzeka ukuba uYesu asebenzise amaqhinga ukuze ubomi bakhe buvisisane neziprofeto ezaziza kuzaliseka kuMesiya.d

● Ubungqina obuvela kuThixo. Ngexesha lokuzalwa kukaYesu, uThixo wathuma ingelosi ukuba iye kuxelela abelusi ukuba uMesiya uzelwe. (Luka 2:10-14) Kangangezihlandlo eziliqela ebudeni bobulungiseleli bukaYesu, uThixo ngokwakhe wathetha esezulwini, echaza ukuba uya kholwa nguye. (Mateyu 3:16, 17; 17:1-5) UYehova wanika uYesu amandla okwenza imimangaliso, ngaloo ndlela enikela ubungqina obungakumbi bokuba uYesu unguMesiya.—IZenzo 10:38.

UMBUZO: Kwakutheni ukuze uYesu abandezeleke aze afe?

IMPENDULO: Njengendoda engenasono, uYesu wayengafanele abandezeleke. Wayengamele abethelelwe esibondeni njengesaphuli mthetho aze afele kuso ehlazekile. Sekunjalo, uYesu wayekulindele ukuphathwa ngaloo ndlela yaye wazinikela ngokuzithandela.—Mateyu 20:17-19; 1 Petros 2:21-23.

Iziprofeto ezingoMesiya zaxela kwangaphambili ukuba wayeza kubandezeleka aze afe ukuze ahlawulele izono zabanye. (Isaya 53:5; Daniyeli 9:24, 26) UYesu wathi weza ukuze “anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Abo bakuxabisayo ukufa okulidini kukaYesu nokukhulula esonweni banethemba lokuhlangulwa esonweni nasekufeni baze baphile ubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiParadesi.e—Yohane 3:16; 1 Yohane 4:9, 10.

UMBUZO: Ngaba sifanelwe sikholelwe ukuba uYesu wavuswa kwabafileyo?

IMPENDULO: Ewe. UYesu wayekulindele ukuvuswa kwabafileyo. (Mateyu 16:21) Ngoko ke, kuhle ukwazi ukuba, akukho namnye kubabhali beBhayibhile nkqu noYesu owathi wayeza kuzivukela. Kwakunokuba nzima ukuyikholelwa loo nto. Kunoko, iBhayibhile ithi: “UThixo wamvusa ngokukhulula inimba yokufa.” (IZenzo 2:24) Ukuba siyavuma ukuba uThixo ukho yaye unguMdali wezinto zonke, sinesizathu sokukholelwa ukuba wayenako ukumvusa uNyana wakhe ekufeni.—Hebhere 3:4.

Ngaba bukho ubungqina obubonisa ukuba uYesu wavuswa? Khawuqwalasele oku kulandelayo.

● Ubungqina bamangqina awazibonelayo. Malunga neminyaka engama-22 emva kokufa kukaYesu, umpostile uPawulos wabhala ukuba ngamangqina angaphezu kwama-500 ambonayo uYesu ovusiweyo yaye inkoliso yawo yayisaphila xa umpostile uPawulos wayebhala la mazwi. (1 Korinte 15:6) Mhlawumbi kusenokuba lula ukubukhaba ubungqina bomntu omnye okanye ababini, kodwa ngubani onokubukhanyela ubungqina babantu abangama-500?

● Amangqina anokuthenjwa. Abafundi bakaYesu bokuqala—abakubona kakuhle oko kwenzekayo—batsho phandle ukuba uYesu wavuswa ekufeni. (IZenzo 2:29-32; 3:13-15) Eneneni, ukukholelwa kuvuko bakujonga njengeyona nto ibalulekileyo ifunekayo kukholo lomKristu. (1 Korinte 15:12-19) Abo bafundi babekulungele ukufa kunokuba bayeke ukukholelwa kuYesu. (IZenzo 7:51-60; 12:1, 2) Ngaba ukho umntu omaziyo owakhe wakulungela ukufela ubuxoki?

Siye saphendula imibuzo emithandathu ngokuphathelele uYesu. Ngokuqinisekileyo ezo mpendulo zimchaza kakuhle uYesu ukuba ungubani. Ngaba ezi mpendulo zibalulekile? Ngamanye amazwi, ngaba kwenza umahluko ukugqiba ngento omele uyikholelwe ngoYesu?

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho ngendlela iincwadi zeVangeli zeBhayibhile ezahluke ngayo kwiincwadi ezingaphefumlelwanga ezithetha ngoYesu, funda inqaku elithi “Iincwadi ZeVangeli Ezingaphefumlelwanga (Apocryphal)—Ngaba Ikho Enye Inyaniso Efihlakeleyo NgoYesu?” kwiphepha 18-19.

b UYehova, ligama abizwa ngalo uThixo eBhayibhileni.

c Ukuze ufumane ingxubusho eneenkcukacha, funda inqaku elithi “Ukuncokola Nommelwane—Ngaba uYesu NguThixo?” kwiphepha 20-22.

d Ukuze ubone uludwe lwezinye zeziprofeto ezazaliseka kuYesu, funda iphepha 200 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

e Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngexabiso lentlawulelo ngokufa kukaYesu, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share