Ngaba Ubonakalisa Uzuko LukaYehova?
“Silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova.”—2 KOR. 3:18.
UBUYA KUPHENDULA UTHINI?
Nakuba sinesono, sinokumzukisa njani uYehova?
Imithandazo yethu nokubakho kwiintlanganiso zamaKristu kusinceda njani simzukise uThixo?
Yintoni enokusinceda ukuze sihlale sizukisa uYehova?
1, 2. Kutheni kusengqiqweni ukulindela ukuba sixelise iimpawu zikaYehova?
SONKE ngandlel’ ithile, siyafana nabazali bethu. Ngenxa yoko, asothuki xa sisiva omnye umntu esithi enkwenkweni, ‘Nguyis’ ehleli.’ Kwintombazana kunokuthiwa, ‘Undikhumbuza umama wakho.’ Yaye abantwana bayathanda ukulinganisa abazali babo. Kodwa kuthekani ngathi? Ngaba sinokumxelisa uBawo wethu osezulwini uYehova? Nangona singazange simbone, sinokuzazi iimpawu zakhe ezixabisekileyo ngokufunda iLizwi lakhe, ngokubukela indalo yakhe nangokucamngca ngeZibhalo ngokukodwa amazwi nezenzo zoNyana kaThixo, uYesu Kristu. (Yoh. 1:18; Roma 1:20) Sinako ukulubonakalisa uzuko lukaYehova.
2 Ngaphambi kokuba uAdam noEva badalwe, uThixo wayeqinisekile ukuba abantu babeza kukwazi ukwenza ukuthanda kwakhe, babonise iimpawu zakhe baze bamzukise. (Funda iGenesis 1:26, 27.) Ukuba siphila ngozinikelo lobuThixo, sifanele sibonise iimpawu zaLowo wasidalayo. Ukuba senjenjalo, sinelungelo eliyintsikelelo lokubonisa uzuko lukaThixo enoba sinayiphi inkcubeko, sifunde kangakanani na okanye siluluphi na uhlanga. Kutheni kunjalo nje? Ngenxa yokuba “uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZe. 10:34, 35.
3. Anokuvakalelwa njani amaKristu njengoko ekhonza uYehova?
3 AmaKristu athanjisiweyo abonisa uzuko lukaYehova. Ngoko, umpostile uPawulos othanjisiweyo wabhala wathi: “Sonke, silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova ngobuso obungagqutyuthelwanga, siyaguqulwa sifane naye sisuka eluzukweni sise eluzukweni.” (2 Kor. 3:18) Xa umprofeti uMoses wehla kwiNtaba yeSinayi ephethe amacwecwe aneMithetho Elishumi, ubuso bakhe babukhazimla ngenxa yokuba uYehova wayethethe naye. (Eks. 34:29, 30) Nangona amaKristu engazange abe kwimeko efanayo okanye ubuso bawo bukhazimle, ayachulumanca xa exelela abanye ngoYehova, ngeempawu zakhe nangenjongo yakhe emangalisayo ngoluntu. Njengezipili ezibengezelayo zexesha lamandulo, abathanjiswa namaqabane abo asemhlabeni abonisa uzuko lukaYehova ebomini babo naxa ekubulungiseleli. (2 Kor. 4:1) Ngaba ubonisa uzuko lukaYehova ngehambo yakho yobuthixo nangomsebenzi owenzayo njengomvakalisi okhutheleyo woBukumkani?
SINQWENELA UKUBONISA UZUKO LUKAYEHOVA
4, 5. (a) NjengoPawulos, bubuphi ubunzima esijamelene nabo? (b) Isono sisichaphazela njani?
4 Njengabakhonzi bakaYehova, ngokuqinisekileyo sifuna ukudumisa nokuzukisa uMdali wethu kuyo nantoni na esiyenzayo. Noko ke, amaxesha amaninzi oko sikunqwenelayo asikwenzi. UPawulos kwafuneka ejamelene naloo ngxaki. (Funda eyabaseRoma 7:21-25.) Echaza isizathu sokuba sibe nale ngxaki, uPawulos wabhala wathi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngokwenene ilifa esilifumene kuAdam onesono, libangele ukuba uluntu luphathwe kakubi ‘nguKumkani osiSono.’—Roma 5:12; 6:12.
5 Siyintoni isono? Yiyo nantoni na enxamnye nobuntu bukaYehova, indlela zakhe, imilinganiselo yakhe kwakunye nokuthanda kwakhe. Isono siyalonakalisa ulwalamano lwethu noThixo. Sisibangela ukuba singayifikeleli imilinganiselo kaThixo, kanye njengomtoli odubul’ utolo kodwa angalichani ixhoba. Sinokona ngabom okanye ngempazamo. (Num. 15:27-31) Isono sendele ebantwini yaye senza kubekho umqobo phakathi kwabo noMdali wabo. (INdu. 51:5; Isa. 59:2; Kol. 1:21) Ngokuqhelekileyo abantu benza izinto ezinxamnye nomthetho kaYehova yaye bayaphoswa lithuba lokubonisa uzuko kuThixo. Ngokungathandabuzekiyo, isono yeyona nto ithwaxa uluntu.
6. Nakuba sinesono, sinokumzukisa njani uThixo?
6 Nakuba sinesono, uYehova uye wazingqina ‘enguThixo onika ithemba.’ (Roma 15:13) Uye wenza nendlela yokuphelisa isono—idini lentlawulelo likaYesu Kristu. Xa sinokholo kwelo dini, asibi ngawo ‘amakhoboka esono,’ kodwa siyakwazi ukubonisa uzuko lukaYehova. (Roma 5:19; 6:6; Yoh. 3:16) Ukuhlala sinolwalamano oluhle noThixo kusiqinisekisa ukuba uYehova uza kusisikelela ngoku yaye siya kufezeka kwikamva size sifumane nobomi obungunaphakade. Nangona singabantu abangafezekanga, sikujonga njengentsikelelo ukugqalwa nguThixo njengabantu abanokubonisa uzuko lwakhe!
UKUBONISA UZUKO LUKATHIXO
7. Yintoni esifanele siyazi ngathi ukuze sikwazi ukubonisa uzuko lukaThixo?
7 Ukuze sikwazi ukubonisa uzuko lukaThixo, kufuneka sivume ngokunyaniseka ukuba sinesono. (2 Kron. 6:36) Kufuneka silwazi utyekelo lwethu lwesono size sisebenzele ekululawuleni ukuze sikwazi ukuqhubeka sizukisa uThixo ngokunyanisekileyo. Ngokomzekelo, ukuba senze isono esilihlazo njengokubukela iphonografi, kufuneka sisivume isibakala sokuba simele sincedwe ngokomoya yaye simele senze okuthile ukuze sifumane olo ncedo. (Yak. 5:14, 15) Eli iya kuba linyathelo lokuqala elibonisa ukuba siyamhlonela uThixo. Njengabanquli bakaYehova, simele siqhubeke sizihlola ukuze siqiniseke ukuba sihamba ngokwemilinganiselo yakhe yobulungisa. (IMize. 28:18; 1 Kor. 10:12) Enoba sinaluphi na utyekelo lwesono, simele siqhubeke silulawula ukuze sibonise uzuko lukaThixo.
8. Nangona singafezekanga, yintoni esifanele siyenze?
8 UYesu kuphela komntu owaphila waza wafa engazange asilele ekukholiseni uThixo aze abonise uzuko Lwakhe. Nangona singafani noYesu, kuba yena wayefezekile, sinako yaye sifanele sizame ukulandela umzekelo wakhe. (1 Pet. 2:21) UYehova ulinganisa umgudu esiwenzayo nenkqubela esiyenzayo yaye uyakusikelela ukuzimisela kwethu ukumzukisa.
9. Yiyiphi indima edlalwa yiBhayibhile ebomini bamaKristu anqwenela ukufikelela imilinganiselo kaThixo?
9 ILizwi likaYehova elibhaliweyo linokusikhanyisela endleleni ukuze siphucule ubomi bethu. Ukuzifundisisa nzulu iZibhalo nokucamngca ngazo kubalulekile. (INdu. 1:1-3) Ukufunda iBhayibhile suku ngalunye kuya kusinceda ukuba siphucule. (Funda uYakobi 1:22-25.) Ulwazi lweBhayibhile lusisiseko sokholo lwethu yaye lusinceda sizimisele ukungazenzi izono ezinzulu size sikholise uYehova.—INdu. 119:11, 47, 48.
10. Umthandazo unokusinceda njani ukuze sikhonze uYehova ngokupheleleyo?
10 Kwakhona, ukuze sibonise uzuko lukaThixo kufuneka ‘sizingise emthandazweni.’ (Roma 12:12) Sinako yaye sifanele sithandazele ukuba uYehova asincede simkhonze ngendlela emkholisayo. Ukuze senjenjalo, sinokucela umoya oyingcwele, ukuba nokholo olungakumbi, amandla okukwazi ukuxhathisa isilingo nokukwazi ‘ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15; Mat. 6:13; Luka 11:13; 17:5) Njengomntwana oxhomekeke kuyise, nathi kufuneka sixhomekeke kuBawo wethu wasezulwini, uYehova. Ukuba siyamcela ukuba asincede simkhonze ngokupheleleyo, sinokuba nentembelo yokuba uya kwenjenjalo. Asimele sivakalelwe kukuba siyamkhathaza! Kunoko, ngomthandazo masimdumise, simbulele, sicele ulwalathiso lwakhe ngokukodwa xa sisesilingweni size sicele ukuba asincede simkhonze ngendlela eza kuzukisa igama lakhe elingcwele.—INdu. 86:12; Yak. 1:5-7.
11. Iintlanganiso zebandla zisinceda njani sibonise uzuko lukaThixo?
11 UThixo uye wayaleza izimvu zakhe ezixabisekileyo ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47; INdu. 100:3) Udidi lwekhoboka lunomdla kwindlela amaKristu alubonisa ngayo uzuko lukaYehova. Indlela esikhangeleka ngayo njengabalungiseleli abangamaKristu ilungiswa kwiintlanganiso zethu kanye njengokuba sinokuba nomntu othungayo olungisa impahla yethu ukuze ikhangeleke kakuhle. (Heb. 10:24, 25) Ngenxa yoko, masifike kwangethuba kwiintlanganiso kuba xa sifika emva kwexesha sinokuphoswa yinxalenye yokulungiswa ngokomoya okufunekayo nokunokusinceda siphucule indlela esikhangeleka ngayo njengabakhonzi bakaYehova.
MASIXELISE UTHIXO
12. Sinokumxelisa njani uThixo?
12 Ukuba sifuna ukubonisa uzuko lukaYehova, simele ‘sixelise uThixo.’ (Efe. 5:1) Enye indlela esinokumxelisa ngayo uYehova kukujonga izinto ngendlela azijonga ngayo. Ukuzama ukuphila ngenye indlela kubonisa ukuba asimhloneli yaye oko kunokuba yingozi kuthi. Ekubeni singqongwe lihlabathi eliphenjelelwa ngulowo ungendawo uSathana uMtyholi, kufuneka sisebenze nzima ukuze sikuthiye oko uYehova akuthiyileyo size sikuthande gqitha oko akuthandayo. (INdu. 97:10; 1 Yoh. 5:19) Siqinisekile ukuba ekuphela kwendlela efanelekileyo yokukhonza uThixo kukwenza zonke izinto ukuze kuzukiswe yena.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:31.
13. Kutheni sifanele sisithiye isono, yaye oku kuya kusishukumisela ekwenzeni ntoni?
13 UYehova usithiyile isono, yaye nathi sifanele senjenjalo. Ukuba sisithiyile isono, siya kuhambela kude kuyo nantoni na enokusenza sone. Ngokomzekelo, kufuneka silumke singanikezeli kuwexuko, sono eso esiya kusenza singakufanelekeli ukuzukisa uThixo. (Dut. 13:6-9) Ngoko ke masingabi nanto yakwenza nabawexuki okanye abantu abathi bangabazalwana kodwa abangamhloneliyo uThixo. Sifanele senjenjalo enoba bangamalungu eentsapho zethu. (1 Kor. 5:11) Akusayi kusinceda nganto ukuzama ukuxambulisana nabawexuki okanye abo bayihlab’ amadlala intlangano kaYehova. Phofu ke, oko kunokusibeka esichengeni ngokomoya yaye akufanelekanga ukufunda inkcazelo yabo enoba isezincwadini okanye ikwi-Intanethi.—Funda uIsaya 5:20; noMateyu 7:6.
14. Ukuze sibonise uzuko lukaThixo, luluphi uphawu olufanele lubalasele kuthi yaye ngoba?
14 Ukubonisa uthando yeyona ndlela ibalaseleyo yokuxelisa uBawo wethu wasezulwini. Njengaye sifanele sibonise uthando. (1 Yoh. 4:16-19) Phofu, ukuthandana kwethu kubonisa ukuba singabafundi bakaYesu nabakhonzi bakaYehova. (Yoh. 13:34, 35) Nangona maxa wambi ukungafezeki kunokubangela ukuba senze izinto ngenye indlela, sifanele sikugatye size sibathande abanye ngalo lonke ixesha. Ukuhlakulela uthando nezinye iimpawu zobuthixo kuya kusithintela ekwenzeni izinto ezimbi nezisisono.—2 Pet. 1:5-7.
15. Uthando luluchaphazela njani ulwalamano lwethu nabanye abantu?
15 Uthando lusenza sifune ukwenzela abanye abantu izinto ezintle. (Roma 13:8-10) Ngokomzekelo, ukuthanda amaqabane ethu omtshato kuya kwenza isilili somtshato singadyobheki. Uthando lwethu ngabadala, oluhamba nokubahlonela ngenxa yomsebenzi wabo, luya kusinceda sithobeke size silandele ulwalathiso lwabo. Abantwana ababathandayo abazali babo bayabathobela baze babahlonele yaye abathethi kakubi ngabo. Ukuba siyabathanda abanye abantu asizi kubajongela phantsi okanye sithethe ngokungenantlonelo kubo. (Yak. 3:9) Yaye abadala abazithandayo izimvu zikaThixo baya kuzithantamisa.—IZe. 20:28, 29.
16. Ukubonisa uthando kuya kusinceda njani kubulungiseleli bethu?
16 Uphawu lothando lufanele lubalasele nakubulungiseleli bethu. Ngenxa yokuba simthanda ngokunyanisekileyo uYehova, asiyi kuvumela ukuphazanyiswa kukungabi namdla okanye kukuchasa kwabanye abaninimzi. Kunoko siya kuqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo. Uthando luya kubangela ukuba silungiselele kakuhle size sizame ukufundisa kakuhle kubulungiseleli. Ukuba simthanda ngokwenene uThixo nabamelwane bethu, asiyi kuwujonga njengoxanduva umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Kunoko, siya kuwugqala njengelungelo elikhulu yaye siya kuwuphumeza sivuya.—Mat. 10:7.
HLALA UZUKISA UYEHOVA
17. Kutheni kusinceda ukwazi ukuba siyasilela kuzuko lukaThixo?
17 Ngokuqhelekileyo, ihlabathi alibukhathalelanga ubunzulu bokwenza isono, kodwa thina siyabuqonda. Oku kwenza sikubone kuyimfuneko ukulwa notyekelo lwesono. Ukuqonda ukuba sinesono kusenza siqeqeshe izazela zethu ukuze zisincede senze izinto ezifanelekileyo xa sisiba neminqweno yesono. (Roma 7:22, 23) Eneneni, sinokuba buthathaka kodwa uThixo unokusomelezela ukwenza okuhle enoba sikweyiphi imeko.—2 Kor. 12:10.
18, 19. (a) Yintoni esenza siphumelele ekulweni nemikhosi yoomoya abangendawo? (b) Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?
18 Ukuze sizukise uYehova, kukwafuneka silwe nemikhosi yoomoya abangendawo. Isikrweqe sethu sokomoya esisinikwe nguThixo sisinceda sikwazi ukukwenza kakuhle oku. (Efe. 6:11-13) USathana uqhubeka esilwela ukuba uYehova angalufumani uzuko olufanele yena kuphela. Kwakhona uMtyholi uqhubeka esenza umgudu wokutshabalalisa ulwalamano lwethu noYehova. Kodwa uSathana uyadana xa thina nezigidi zamanye amadoda, amabhinqa nabantwana abangafezekanga begcina ingqibelelo baze bazukise uThixo! Ngoko ke, masiqhubeke simdumise uYehova njengezidalwa zasezulwini ezidanduluka zisithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”—ISityhi. 4:11.
19 Kwanga singazimisela ukuhlala sizukisa uYehova enoba sekumnyam’ entla. Ngokuqinisekileyo uyavuya kuba abantu abaninzi abanyanisekileyo benza konke okusemandleni abo ukumxelisa nokumzukisa. (IMize. 27:11) Ngamana singatsho amazwi afana nawomdumisi uDavide owathi: “Ndiyakubonga, Yehova Thixo wam, ngayo yonke intliziyo yam, kwaye ndiya kulizukisa igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdu. 86:12) Sijonge phambili kusuku esiya kumzukisa ngalo uYehova sifezekile size simdumise ngonaphakade! Oko kuya kuba ngamava amnandi kubantu abathobelayo. Ngaba ubonakalisa uzuko lukaYehova uThixo ngoku, unethemba lokuba uza kukwenza oko ngonaphakade?
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Ngaba ubonakalisa uzuko lukaYehova ngezi ndlela?