IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 11/1 iphe. 8-9
  • Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Iziqulatho
    Vukani!—2020
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngeentlungu
    Vukani!—2015
  • Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 11/1 iphe. 8-9

Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?

UYISE kaIan wayeyindlamanzi. Nangona wayeyifumana yonke into ayifunayo ekukhuleni kwakhe, uyise wayengamnyamekeli ngokweemvakalelo nto leyo awayeyifuna ngamandla uIan. Uthi: “Ndandingamthandi ngenxa yokuthanda kwakhe iinyembezi zikaVitoliya nendlela awayemphatha ngayo umama.” Njengoko uIan wayekhula, waqalisa ukuthandabuza ukuba uThixo ukho. Ndandiqiqa ngelithi “‘ukuba ngokwenene uThixo ukho, kutheni evumela abantu babandezeleke?’”

Kutheni ebuza lo mbuzo nje?

Nokuba ubomi bakho abunazingxaki kangako, usenokuvakalelwa xa ubona abantu abamsulwa bebandezeleka. Noko ke, umbuzo wokuba kutheni kukho ukubandezeleka uba namandla ngakumbi ukuba njengoIan, uyachaphazeleka okanye umntu omthandayo uyagula aze asweleke.

Bawuphendula njani abanye lo mbuzo?

Bakholelwa ukuba uThixo uvumela ngabom ukubandezeleka ukuze asifundise ukuthobeka nokuba novelwano. Abanye bathi abantu babandezeleka ngenxa yezono zexesha elidluleyo.

Zityhila ntoni ezo mpendulo?

Kunzima ukumthanda uThixo kuba akakukhathalele ukubandezeleka kwabantu. Eyona nto ingamandla ukhohlakele!

Yintoni efundiswa yiBhayibhile?

IBhayibhile itsho phandle ukuba asifanele sigxeke uThixo ngokubandezeleka kwabantu. “Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.” (Yakobi 1:13, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Ukutyhola uThixo ngokubandezeleka kwabantu akuvisisani nendlela iBhayibhile ebuchaza ngayo ubuntu bakhe. Kutheni sisitsho?

Olunye lweempawu zikaThixo ezibalaseleyo luthando. (1 Yohane 4:8) Ukubethelela loo ngongoma, iBhayibhile ithi uThixo uneemvakalelo ezifana nezomdlezana. UThixo ubuza oku: “Umfazi angalulibala na usana lwakhe, angavakalelwa ngonyana wesisu sakhe? Nokuba bona abafazi banokulibala, kodwa mna andiyi kukulibala.” (Isaya 49:15) Ngaba unawo umbono womama onothando evisa umntwana wakhe ubuhlungu ngabom? Ngokwahlukileyo, umzali okhathalayo, ebeya kuzama ukuzidambisa iintlungu zomntwana. Ngendlela efanayo, uThixo akabangeli abantu abamsulwa babandezeleke.—Genesis 18:25.

Nakuba kunjalo, abantu abamsulwa bayabandezeleka. Usenokuzibuza, ‘Ukuba uThixo uyakhathala yaye unamandla, kutheni engabaphelisi oonobangela bokubandezeleka?’

Okwangoku uThixo ukuvumele ukubandezeleka ngezizathu ezivakalayo. Nasi esinye: Idla ngokuba ngabantu ababangela ukuba abanye abantu babandezeleke. Abantu abaninzi abaxhaphaza abanye noozwilakhe abafuni kuzitshintsha iindlela zabo. Ukuze uThixo aphelise unobangela wokubandezeleka kuza kufuneka abatshabalalise abo bantu.

Echaza isizathu sokuba uThixo engekabatshabalalisi abo benza izinto ezimbi, umpostile uPetros wabhala wathi: “UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ukuba nomonde kukaYehova uThixo kubonisa uthando nokuba nenceba kwakhe.

UYehova uThixo, uza kwenza into kungekudala. Uza “kubabuyekeza ngembandezelo abo banibandezelayo.” Abo babangela ukuba abanye abantu babandezeleke “baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.”—2 Tesalonika 1:6-9.

UIan, ocatshulwe ngaphambilana, wafumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo yakhe engokubandezeleka. Izinto awazifundayo zayitshintsha indlela abujonga ngayo ubomi. Funda le ngxelo kwinqaku elilandelayo elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu”.

Ukuze wazi ukuba kutheni uThixo evumele ukubandezeleka noko aza kukwenza, funda isahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Iyafumaneka kwi www.pr2711.com

Wathini UYesu Ngokubandezeleka?

UYesu akazange agxeke uThixo xa wayebandezeleka. Kunoko wenza oku kulandelayo.

UYesu wabonisa ukuba uThixo akabohlwayi abantu abamsulwa ngokubenza babandezeleke. UYesu waphilisa abagulayo, iziqhwala neemfama. (Mateyu 15:30) Imimangaliso awayenzayo isifundisa izinto ezimbini ezibalulekileyo: Eyokuqala, uYesu wasebenzisa amandla kaThixo ukuze anciphise ukubandezeleka, kungekhona ukububangela. Eyesibini, uYesu wayevelana nabantu awayebaphilisa. Xa ebona abantu bebandezeleka, wayeba “nosizi.” (Mateyu 20:29-34) UYesu wayibonisa kakuhle indlela avakalelwa ngayo uYise ngokubandezeleka kwabantu. Xa sisihl’ amahlongwane amazwi nezenzo zikaYesu, sifunda ukuba uThixo uba buhlungu xa eBona abantu bebandezeleka kwaye uFuna kubekho umnyinyiva.—Yohane 14:7, 9.

UYesu wachaza oyena nobangela wokubandezeleka kwabantu—USathana uMtyholi. UYesu wathi: “[USathana] wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni.” (Yohane 8:44) Kwakhona uYesu wachaza ukuba nguSathana uMtyholi “umlawuli weli hlabathi” nokuba nguye ‘olahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’—Yohane 12:31; ISityhilelo 12:9.

UYesu wathembisa ukuba konke ukubandezeleka kuza kuphela. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini . . . Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Xa kufika uBukumkani bukaThixo, kuza kuphela ukubandezeleka emhlabeni, kanye njengokuba kungekho ukubandezeleka ezulwini.

Kwisityhilelo awasinika umpostile uYohane, uYesu wachaza ukuba buza kuba njani ubomi kwabo baza kube bephila ngaphantsi koBukumkani bukaThixo. Ngelo xesha, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 1:1; 21:3, 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share