‘Abemi Bokwexeshana’ Banqula Kunye Ngomanyano
“Abolunye uhlanga babe ngabalimi benu nabasebenzi-zidiliya benu. Nina ke, niya kubizwa ngokuba ngababingeleli bakaYehova.”—ISA. 61:5, 6.
1. Abanye abantu babajonga njani abantu bolunye uhlanga, kodwa kutheni kuphosakele ukwenza loo nto?
KWINQAKU elidluleyo kubonisiwe ukuba, abanye abantu basebenzisa amagama athukayo nanyelisayo xa bethetha ‘ngabantu bolunye uhlanga.’ Kukungabi nambeko ukubajongela phantsi abantu bolunye uhlanga abakwilizwe esikulo. Ngapha koko, loo nto ibonisa ukungazazi kakuhle izibakala. Incwadi ethi The Races of Mankind ithi: “Kanye njengokuba isitsho iBhayibhile, iintlanga ziyazalana.” Abantu abazalanayo abafani, kodwa loo nto ayibenzi bayeke ukuzalana.
2, 3. UYehova ubajonga njani abantu bolunye uhlanga?
2 Kakade ke, enoba sihlala phi na, basoloko bekho abantu bolunye uhlanga phakathi kwethu. Babekho naphakathi kwamaSirayeli amandulo, awayekulwalamano olukhethekileyo noYehova uThixo ngomnqophiso woMthetho. Amalungelo abo babengengomaSirayeli ayesikelwe umda ngandlel’ ithile, kodwa kwakufuneka amaSirayeli abaphathe kakuhle nangembeko. Lowo ngumzekelo omhle gqitha esimele siwulandele! Akulunganga ukuba nobuhlanga nekhethe phakathi kwamaKristu okwenyaniso. Ngoba? Umpostile uPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZe. 10:34, 35.
3 Mandulo abantu bolunye uhlanga babengenelwa ngokuba phakathi kwamaSirayeli omthonyama. Oku kwakuchaza imbono kaYehova ngalo mba njengoko yathethwa ngumpostile uPawulos sele kudlule iminyaka xa wabuza wathi ngokuphathelele uYehova: “Ngaba unguThixo wamaYuda kuphela? Akanguye na kwanowabantu beentlanga? Ewe, ukwanguye nowabantu beentlanga.”—Roma 3:29; Yow. 2:32.
4. Kutheni sinokuthi abakho abantu bolunye uhlanga ‘kuSirayeli kaThixo’?
4 Xa kwenziwa umnqophiso omtsha, amaSirayeli okwemvelo athatyathelwa indawo libandla lamaKristu athanjisiweyo elaba luhlanga olunolwalamano olukhethekileyo noThixo. Olo hlanga lubizwa ngokuba ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Gal. 6:16) Ibe ngokutsho kukaPawulos, ‘apho akukho mGrike namYuda, kwaluka nakungaluki, kungekho wasemzini, namSkitiya, nakhoboka, nokhululekileyo, kodwa uKristu uzizinto zonke yaye ukubo bonke.’ (Kol. 3:11) Ngokwaloo ngqiqo, akukho mntu umele agqalwe ‘njengowolunye uhlanga’ kwibandla lamaKristu.
5, 6. (a) Nguwuphi umbuzo onokuphakama ngokuphathelele uIsaya 61:5, 6? (b) Ngoobani ‘ababingeleli bakaYehova’ ‘nabolunye uhlanga’ abachazwe nguIsaya? (c) Yintoni afana ngayo la maqela mabini?
5 Kwelinye icala, abantu banokubhekisela kwisahluko 61 sencwadi kaIsaya esithetha ngesiprofeto esizaliseka kwibandla lamaKristu. Indinyana 6 yeso sahluko ithetha ngabo baya kukhonza ‘njengababingeleli bakaYehova.’ Noko ke, indinyana 5, ithetha ‘ngabolunye uhlanga’ ababeza kusebenzisana nabo ‘babingeleli.’ Kuthetha ntoni oku?
6 Aba ‘babingeleli bakaYehova’ ngamaKristu athanjisiweyo anesabelo “kuvuko lokuqala” naya “kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhi. 20:6) Ukongezelela, kukho amaKristu amaninzi athembekileyo anethemba lokuphila emhlabeni. Nangona aba besebenzisana ngokusondeleyo nabo banethemba lokuphila ezulwini, ngendlela efuziselayo bangabolunye uhlanga. Bayakuvuyela ukuxhasa nokusebenza ‘nababingeleli bakaYehova,’ ‘njengabalimi nabasebenzi-zidiliya,’ ngokungathi kunjalo. Ngokwenene bancedisa ekuhlakuleleni isiqhamo sokomoya ukuze kuzukiswe uThixo, yaye bafundisa nabanye abantu. Abathanjiswa ‘nezinye izimvu’ balusa ngothando abantu abanyanisekileyo, abanomdla wokukhonza uThixo ngonaphakade.—Yoh. 10:16.
‘BANGABEMI BOKWEXESHANA’ NJENGOABRAHAM
7. AmaKristu anamhlanje afana njani noAbraham namanye amadoda athembekileyo amandulo?
7 Njengoko kuboniswe kwinqaku elandulelayo, amaKristu okwenyaniso afana nabantu bolunye uhlanga okanye abemi bokwexeshana, kweli hlabathi lingendawo likaSathana. Afana namadoda athembekileyo amandulo—aquka uAbraham—ekuthiwa ngawo ‘ayengabasemzini nabemi bokwexeshana elizweni elo.’ (Heb. 11:13) Enoba sinaliphi na ithemba kwixesha elizayo, sinelungelo lokunandipha ulwalamano uAbraham awayenalo noYehova. UYakobi uthi, “‘uAbraham wakholwa kuYehova, kwaza oko kwabalelwa kuye njengobulungisa,’ waza wabizwa ngokuba ‘ngumhlobo kaYehova.’”—Yak. 2:23.
8. Sisiphi isithembiso esanikwa uAbraham yaye wavakalelwa njani ngokuzaliseka kwaso?
8 UThixo wathembisa ukuba, uya kuzisikelela zonke iintsapho zomhlaba, kungekhona uhlanga nje olunye, esebenzisa uAbraham nenzala yakhe. (Funda iGenesis 22:15-18.) Nangona kwakuza kuthath’ ixesha ngaphambi kokuba esi sithembiso sikaThixo sizaliseke, uAbraham waba nokholo lokuba siza kuzaliseka. Ngaphezu kwesiqingatha sobomi babo, yena nentsapho yakhe baba ngoonothwal’ impahlana. Ngalo lonke elo xesha, uAbraham waqhubeka engumhlobo kaYehova.
9, 10. (a) Sinokuwuxelisa ngaziphi iindlela umzekelo ka-Abraham? (b) Sisiphi isimemo esinokuba nenxaxheba ekusisasazeni?
9 Nakuba wayengazi ukuba uza kulinda ithuba elingakanani na ngaphambi kokuba lizaliseke ithemba awayenalo, uAbraham akazange ayeke ukuthanda uYehova nokuzinikela kuye. Waqhubeka ebambelele kwithemba awayenalo, akazange azimisele ukuba ngummi osisigxina kwelinye ilizwe. (Heb. 11:14, 15) Siya kuba silumkile ukuba silandela umzekelo ka-Abraham, ngokuphila ubomi obulula, singazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngokufuna izinto eziphathekayo, udumo, okanye ukusukela imfundo! Ngaba simele sizame ukuphila ubomi abadla ngokuthi abantu buqhelekile kule nkqubo iza kuphela kungekudala? Ngaba simele sikokosane nezinto zokwexeshana? Njengoko kwakunjalo ngoAbraham, sikhangele phambili kweyona nto ibhetele. Sikulungele ukuba nomonde, silinde de ithemba lethu lizaliseke.—Funda eyabaseRoma 8:25.
10 UYehova usafuna ukuba abantu bazo zonke iintlanga basikelelwe ngembewu ka-Abraham. Ibe ngokuvumelana noko, ‘ababingeleli abathanjisiweyo bakaYehova,’ kwakunye ‘nabolunye uhlanga,’ abazezinye izimvu, bamema abantu ehlabathini lonke ngeelwimi ezingaphezu kwama-600.
THANDA ABANTU BEENTLANGA ZONKE
11. Ngawaphi amazwi awathethwa nguSolomon kumthandazo wakhe awayequka abantu abangengomaSirayeli?
11 Xa kwakunikezelwa itempile ngowe-1026 B.C.E., nangokuvisisana nesithembiso uYehova awasenza kuAbraham, uSolomon waqonda ukuba nabantu bazo zonke iintlanga babeza kumzukisa uYehova. Ethandaza ngokusuk’ entliziyweni, wathi: “Kwanowasemzini, ongeyiyo inxalenye yabantu bakho amaSirayeli ovela kwilizwe elikude ngenxa yegama lakho (kuba baya kuva ngegama lakho elikhulu nangesandla sakho esomeleleyo nangengalo yakho eyoluliweyo), aze eze kuthandaza kule ndlu, kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo emisiweyo, uze wenze ngokuvumelana nako konke oko akubizayo owasemzini; ukuze zonke izizwana zomhlaba zilazi igama lakho zize zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli.”—1 Kum. 8:41-43.
12. Kutheni abanye abantu begqala amaNgqina kaYehova njengaphila ngendlela engaqhelekanga okanye ‘njengabolunye uhlanga’?
12 Umntu wolunye uhlanga ngumntu otyeleleyo okanye ohlala kwilizwe elingelolakhe. Nawo amaNgqina kaYehova ahlala kumazwe amaninzi kweli hlabathi namhlanje. Kodwa axhasa kuphela urhulumente wasezulwini, obuBukumkani bukaThixo phantsi kukaKristu. Ngenxa yoko, akathathi cala kwimiba yopolitiko, enoba abanye abantu namhlanje bacinga ukuba enza into engaqhelekanga.
13. (a) Yintoni enokusinceda siyeke ukujonga abantu ngokohlanga abalulo? (b) Ngaba kwinjongo kaYehova babekho abantu bolunye uhlanga? Chaza.
13 Abantu bolunye uhlanga badla ngokubonwa ngeempawu ezithile. Ezo mpawu zisenokuquka ulwimi abaluthethayo, izithethe zabo, inkangeleko kwanesinxibo sabo. Sekunjalo, izinto abafana ngazo nabanye, enoba bangabaluphi na uhlanga zibaluleke gqitha kunezo bahluke ngazo. Ngenxa yoko, umntu wolunye uhlanga ugqalwa ngolo hlobo ngenxa yokuba ahlukile ngeendlela ezithile. Xa sifunda ukungazijongi kwaphela izinto esicinga ukuba abantu bahluke ngazo kuthi, igama elithi “owolunye uhlanga” alisebenzi. Ukuba bonke abantu emhlabeni bebephantsi korhulumente omnye, akakho umntu ebeya kuba ngowolunye uhlanga. Ekuqaleni, uYehova wayenenjongo yokuba bonke abantu bamanyane njengentsapho enye phantsi kolawulo lwakhe. Ngaba kunokwenzeka ukuba abantu bazo zonke iintlanga ehlabathini lonke bamanyane?
14, 15. Yintoni eye yafundwa ngamaNgqina kaYehova njengeqela?
14 Kweli hlabathi linabantu abacinga ngeziqu zabo kuphela nabanobuhlanga, kuyahlaziya ukufumanisa ukuba bakho abantu abathanda abantu beentlanga zonke. Kunzima ukulwa nekhethe. UTed Turner, owaseka ijelo likamabonwakude, iCNN, uthetha ngokusebenza kwakhe nabantu abanobugcisa beentlanga ezahlukahlukeneyo: “Bekumnandi gqitha ukusebenza naba bantu. Ndayeka ukugqala abantu bamanye amazwe njengabahlukileyo, kodwa ndabajonga njengabantu abafana nam. Ndaqala ndajonga igama elithi ‘owolunye uhlanga’ njengesithuko ndaza ndabeka umthetho kwiCNN wokuba eli gama alimele lisetyenziswe ebudeni bosasazo naxa kuncokolwa kwiiofisi zeli jelo. Kodwa kwakuza kusetyenziswa elithi ‘abantu behlabathi lonke.’”
15 Kumazwe asehlabathini, ngamaNgqina kaYehova kuphela aye asebenzisa indlela yokucinga kaThixo njengeqela. Ngokufunda ukujonga izinto ngendlela kaYehova, aye ayiqhekeza imida yobuhlanga ezingqondweni zawo nakwindlela abaphatha ngayo abanye. Kunokuba angabathembi okanye abathiye ngokukrakra abantu bezinye iintlanga, aye afunda ukuxabisa iimpawu nobuchule bezi ntlanga. Ngaba ukhe wacinga ngendlela ekuye kwakunceda ngayo ukugqala abanye ngolo hlobo?
IHLABATHI ELINGENABO ABOLUNYE UHLANGA
16, 17. Kuya kuba njani xa sele sizalisekile iSityhilelo 16:16 noDaniyeli 2:44?
16 Kungentsuku zatywala, zonke iintlanga namhlanje ziza kugagana noYesu Kristu nemikhosi yakhe yasezulwini kwidabi lokugqibela ekuza kube kusiliwa nolawulo lukaThixo, dabi elo elibizwa “ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.” (ISityhi. 16:14, 16; 19:11-16) Kwiminyaka engaphezu kwama-2 500, umprofeti uDaniyeli waphefumlelwa ukuba aprofete athi ngesiphelo soorhulumente babantu ababesilwa nenjongo kaThixo: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Dan. 2:44.
17 Khawucinge nje ukuba inzaliseko yoko ithetha ntoni kuwe. Imida yobuhlanga ebekwe ngabantu namhlanje, nebangela ukuba wonke umntu abe ngowolunye uhlanga, iya kuphela. Nakuphi ukungafani ngenkangeleko kuya kuba yinxalenye nje yokwahlukahlukana kwezinto ezidalwe nguThixo. Elo themba limangalisayo lifanele lisikhuthaze sonke ukuba siqhubeke sidumisa yaye sizukisa uMdali wethu, uYehova uThixo, kangangoko sinako.
Ngaba ukhangele phambili xa kuya kube kungekho miqobo yobuhlanga ibekwe ngabantu apho kuya kube kungekho mntu ‘wolunye uhlanga’?
18. Yintoni esandul’ ukwenziwa ebonisa ukuba ingcamango ‘yabolunye uhlanga’ inokoyiswa?
18 Ngaba kukuphupha emini ukukholelwa ukuba olo tshintsho lunokwenzeka ehlabathini lonke? Akunjalo. Ngokuqinisekileyo, luza kwenzeka. Igama elithi ‘owolunye uhlanga’ alisasebenzi kumaNgqina kaYehova, kuba akazikhathazi ngento yokuba bangabaluphi na uhlanga abantu abahlala kunye nawo. Ngokomzekelo, kutshanje, iiofisi zawo zamasebe ezincinane ziye zadityaniswa ukuze kube lula ukuvelelwa komsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mat. 24:14) Xa kungekho mthetho welizwe unyanzelisayo, bekungajongwa mida yobuhlanga xa kudityaniswa loo masebe. Obo bobunye ubungqina bokuba uYesu Kristu njengoMlawuli obekwe nguYehova, uqhekeza imida yobuhlanga ebekwe ngabantu yaye kungekudala uza ‘kukuphelelisa ukoyisa kwakhe’!—ISityhi. 6:2.
19. Ulwimi olunyulu lwenyaniso luwancede njani amaNgqina kaYehova?
19 Njengoko evela kwiintlanga ezahlukahlukeneyo yaye ethetha iilwimi ezininzi, amaNgqina kaYehova azama ukuqhubeka ethetha ulwimi olunyulu lwenyaniso. Oku kubangela umanyano olungenakuqhawulwa lula. (Funda uZefaniya 3:9.) Ayintsapho esehlabathini lonke ephakathi kule nkqubo ingendawo kodwa akananto yakwenza nayo. Le ntsapho imanyeneyo isikrobisa kwihlabathi elizayo, eliya kube lingenabo abolunye uhlanga. Wonke umntu oya kube ephila ngelo xesha, uya kukungqina ukuba yinyaniso kwamazwi akwincwadi ecatshulwe ekuqaleni athi: “Kanye njengokuba isitsho iBhayibhile, iintlanga ziyazalana.”—The Races of Mankind.