IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 11/1 iphe. 5
  • Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ubathathu Emnye Osikelelweyo”—Ngaba Usebh
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Icandelo 1—Ngaba UYesu Nabafundi Bakhe Bayifundisa Imfundiso KaBathathu Emnye?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • UYesu Kristu—UNyana KaThixo Oyintanda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ubathathu Emnye—Ngaba Uyafundiswa EBhayibhileni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 11/1 iphe. 5

INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa

OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI

Iicawa ezintathu zobuKristu ezaziwa kakhulu, “amaRoma Katolika, amaOthodoki aseMpuma kunye namaProtestanti zithi kukho uThixo oneziqu ezithathu: uThixo uYise, uThixo uNyana noThixo Umoya Oyingcwele. Ngokutsho kwemfundiso yobuKristu, apha akuthethwa ngoothixo abathathu, kodwa ngothixo omnye oneziqu ezithathu.”—IThe New Encyclopædia Britannica.

INYANISO ESEBHAYIBHILENI

UYesu, uNyana kaThixo, akazange athi uyalingana okanye ukwimo enye noYise. Kunoko wathi: ‘Ndiyemka ndiya kuBawo, kuba uBawo mkhulu kunam.’ (Yohane 14:28) Wathi komnye wabafundi bakhe: “Ndinyukela kuBawo noYihlo nakuThixo wam noThixo wenu.”—Yohane 20:17.

Umoya oyingcwele asingomntu. AmaKristu okuqala ‘azaliswa ngumoya oyingcwele,’ noYehova wathi: “Ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama.” (IZenzo 2:1-4, 17) Umoya oyingcwele awuyonxalenye yoThixo Oneziqu Ezithathu kodwa ungamandla kaThixo asebenzayo.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Abaphandi abangamaKatolika, uKarl Rahner noHerbert Vorgrimler bathi xa becacisa uThixo Oneziqu Ezithathu: “Akakho umntu onokumazi uThixo engatyhilelwanga, naxa sele etyhilelwe akanakumazi ngokupheleleyo.” Ngaba unokuthanda umntu ongenakwaziwa okanye ongaqondakaliyo? Ngoko ke, imfundiso yoThixo Oneziqu Ezithathu ibangela ukuba uThixo angaziwa okanye angathandeki.

Yimfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu eyabangela ukuba uMarco ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili angamazi uThixo. Uthi: “Ndandicinga ukuba uThixo uyazifihla kum yaye loo nto yamenza wakude nangakumbi, akaqondakala yaye akafikeleleka.” Kodwa ke, “uThixo akangoThixo wezinto ezingaqondakaliyo.” (1 Korinte 14:33, iAmerican Standard Version) UThixo akazifihlanga kuthi, kunoko ufuna simazi. UYesu wathi: “Sinqula esikwaziyo.”—Yohane 4:22.

UMarco uthi: “Xa ndafunda ukuba uThixo akayonxalenye yoThixo Oneziqu Ezithathu, ndatsho ndakwazi ukuba ngumhlobo wakhe.” Ukuba uYehova simbona njengoMntu wokwenene kunomntu nje ongaqondakaliyo, kuya kuba lula ukumthanda. IBhayibhile ithi: “Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share