IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 2/1 iphe. 3-7
  • Oyena Nobangela Wemfazwe Nentlupheko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oyena Nobangela Wemfazwe Nentlupheko
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UMQONDISO WEMIHLA YOKUGQIBELA
  • UKUCHITHA IMISEBENZI KAMTYHOLI
  • Abakhweli Bamahashe Abane​—⁠Ngoobani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Imfazwe Eya Kuphelisa Iimfazwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Amadoda Amane Aphalisa Amahashe!
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Isiprofeto SeBhayibhile Osibone Sizaliseka
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 2/1 iphe. 3-7

INQAKU ELINGUMXHOLO | IMFAZWE EYATSHINTSHA IHLABATHI

Oyena Nobangela Wemfazwe Nentlupheko

NgoNovemba 11, 1918, iMfazwe Yehlabathi I yafikelela esiphelweni. Amashishini avala, yaye abantu babedanisa ezitratweni. Kodwa loo mincili zange ihlale xesha lide. Emva nje kwaloo mfazwe, kwalandela omnye ubhubhane—obulala ngaphezu kompu okhupha iimbumbulu ezininzi ngexesh’ elinye.

NgoJuni 1918, amajoni aseFransi aphathwa sisifo esibulalayo ekuthiwa nguMbathalala. Kwathi kungadlulanga naxesha lingako, babe bubonakala ubungozi besi sifo. Ngokomzekelo, kwiinyanga nje ezingephi, esi sifo sasisele sibulele amajoni amaninzi asuka eMerika, ngaphezu kokuba utshaba lwenzayo. Amajoni awayevela emfazweni abuya nesi sifo, ngaloo ndlela sabe sisasazeka emhlabeni wonke.

Iminyaka eyalandela loo mfazwe yazaliswa yintlupheko nokuwohloka kwezoqoqosho. Emva kwemfazwe yehlabathi ngowe-1918, imimandla emininzi yaseYurophu yabethwa linxele likaKhetsekile. Ngo-1923, imali yaseJamani yayingasenaxabiso. Emva kweminyaka emithandathu, imeko yezoqoqosho yawohloka kuwo onke amazwe. Kusenjalo, ngo-1939, kwaqala imfazwe yehlabathi yesibini—iqala apho beziphele khona iingxwaba-ngxwaba zeyokuqala. Yintoni oyena nobangela wezi ntlekele?

UMQONDISO WEMIHLA YOKUGQIBELA

Iziprofeto zeBhayibhile zisichazela oyena nobangela weziganeko eziye zenzeka kwimbali, ibe kunjalo nangeMfazwe Yehlabathi I. UYesu Kristu wachaza kwangaphambili ixesha apho “uhlanga luya kuvukelana nohlanga,” ukunqongophala kokutya neendyikityha zokufa ziya kuzalisa umhlaba. (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:10, 11) Wachazela abalandeli bakhe ukuba ezi ntlekele zaziya kuba ngumqondiso wemihla yokugqibela. Incwadi yeSityhilelo isichazela ukuba iintlekele ezenzeka emhlabeni ziqale ngemfazwe yasemazulwini.—Funda ibhokisi ethi, “Imfazwe Yasemhlabeni Nemfazwe Yasemazulwini.”

Le ncwadi ithetha ngabakhweli-mahashe abane, ngamaxesha athile kudla ngokuthiwa ngabakhweli-mahashe abane beSityhilelo. Abathathu kwaba bakhweli-mahashe bafanekisela iintlekele ezintathu awathetha ngazo uYesu kwangaphambili—imfazwe, indlala nendyikityha yokufa. (Funda ibhokisi ethi, “Ngaba Nyhani Amahashe Amane Ayaphala?”) Lilonke, imfazwe yehlabathi yokuqala yaba sisiqalo seenkxwaleko ezingekapheli. IBhayibhile isichazela ukuba oyena nobangela wazo zonke ezi zinto nguSathana. (1 Yohane 5:19) Ngaba uya kuze ayekiswe?

Incwadi yeSityhilelo iphinda isiqinisekise ukuba uSathana ‘ushiyekelwe lixesha elifutshane.’ (ISityhilelo 12:12) Yiyo loo nto enomsindo omkhulu yaye ebangela izinto ezibuhlungu apha emhlabeni. Phofu ke, kwa ezi ngxaki sizibonayo zingqina ukuba iintsuku zikaSathana zibaliwe.

UKUCHITHA IMISEBENZI KAMTYHOLI

Imfazwe Yehlabathi I yalitshintsha ihlabathi. Yaba sisiqalo sokugquba kweemfazwe, uqhankqalazo kunye nokungathenjwa kwabalawuli. Yaba bubungqina bokuba uSathana ugxothiwe emazulwini. (ISityhilelo 12:9) Lo mlawuli wehlabathi ungenakubonwa wazibonakalisa ukuba unguzwi-lakhe owaziyo ukuba iintsuku zakhe zibaliwe. Xa ezo ntsuku ziphela, zonke iingxaki ezabangelwa yiMfazwe Yehlabathi I ziya kusiphulwa neengcambu.

Iziprofeto zeBhayibhile ziyasithembisa ukuba uYesu Kristu, uKumkani wethu osezulwini, uza ‘kuyichitha imisebenzi kaMtyholi’ kungentsuku zatywala. (1 Yohane 3:8) Izigidi zabantu sele zithandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike. Kuthekani ngawe? Obo Bukumkani buya kunceda abathembekileyo ukuba babone xa ukuthanda kukaThixo—kungekhona okukaSathana—kusenziwa emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) Xa kulawula uBukumkani bukaThixo akusayi kuphinda kubekho mfazwe. (INdumiso 46:9) Funda ngobu Bukumkani ukuze nawe ubone xa uxolo luzalise umhlaba wonke!—Isaya 9:6, 7.

Imfazwe Yasemhlabeni Nemfazwe Yasemazulwini

Kwiminyaka emininzi ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi I, xa uYesu wayesemhlabeni, uSathana wamthembisa ukuba uza kumnika “zonke izikumkani zehlabathi.” (Mateyu 4:8, 9) UYesu akazange avume, ibe kamva wathi uMtyholi ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30) Nompostile uYohane wabhala wathi, “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.”—1 Yohane 5:19.

Ekubeni uSathana uMtyholi engumlawuli wehlabathi, ngaba akukho sengqiqweni ukugqiba kwelokuba ungunobangela wemfazwe yehlabathi yokuqala kunye neentlungu eze nazo? Incwadi yeSityhilelo ithi nguye kanye owabangela iintlekele ezabakho ukususela ngo-1914. Khawuve xa iSityhilelo 12 sichaza ezinye zezi ziganeko:

  • Ivesi 7 Kubakho imfazwe emazulwini ephakathi kukaMikayeli (uYesu Kristu) kunye nenamba (uSathana).

  • Ivesi 9 UMtyholi, ‘olahlekisa umhlaba omiweyo uphela,’ uphoselwa phantsi emhlabeni.

  • Ivesi 12 “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”

Amaxesha achazwe eBhayibhileni kunye neziganeko ezenzeka emhlabeni zibonisa ukuba le mfazwe yasezulwini yenzeka emva kokuba uBukumkani bukaThixo bamiselwayo ngo-1914.a Kuloo nyaka ubalulekileyo kwenzeka imfazwe emhlabeni nasemazulwini.

a Funda isahluko 8 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ngaba Nyhani Amahashe Amane Ayaphala?

Ihashe elimhlophe nomkhweli walo ongukumkani wasezulwini

Ihashe elimhlophe, elikhwelwe ngukumkani wasezulwini. UKumkani uYesu Kristu uphalisa endleleni yobulungisa. (INdumiso 45:4) Into yokuqala ayenzileyo kukukhupha uSathana needemon zakhe emazulwini.—ISityhilelo 6:2; 12:9.

Ihashe elibumlilorha namajoni asedabini

Ihashe elimbala ubumlilorha, elikhwelwe ngumntu onegunya ‘lokususa uxolo emhlabeni.’ (ISityhilelo 6:4) Ukususela ngo-1914 uluntu beluntyumpantyumpeka ezimfazweni imihla nezolo. Emva nje kweminyaka eyi-21 kuphele iMfazwe Yehlabathi I, kwabakho imfazwe yehlabathi yesibini neyabulala abantu abaninzi nangakumbi kuneyokuqala. Olunye uqikelelo lubonisa ukuba kwiMfazwe Yehlabathi II kwafa izigidi eziyi-60 zabantu. Ukususela ngo-1945, bekusoloko kukho iimfazwe zamakhaya, ibe nazo bezisuba imiphefumlo emininzi. Abanye ababhali-mbali baqikelela ukuba kwiimfazwe zeminyaka ye-1900 kuye kwafa abantu abangaphezu kwezigidi ezilikhulu.

Ihashe elimnyama nabantwana abalambileyo

Ihashe elimnyama, elikhwelwe ngumntu ophethe izikali ezibonisa indlala. (ISityhilelo 6:5, 6) Kwimfazwe yehlabathi yokuqala, kwafa abantu abayi-750 000 eJamani yindlala, kuba imikhosi elutshaba yalirhangqa elo ukuze kungangeni kutya. Ngo-1921 kwafa abantu baseRashiya abangaphezu kwezigidi ezibini bebulawa yindlala, ibe oko kwaye kwenzeka nakwamanye amazwe. Kuqikelelwa ukuba bamalunga nezigidi eziyi-70 abantu abaye babulawa yindlala kwiminyaka ye-1900. Nyaka ngamnye, kufa abantwana abazizigidi ezithathu abangaphantsi kweminyaka emihlanu ngenxa yokungondleki.

Ihashe eliluthuthu nezigulana

Ihashe eliluthuthu, elikhwelwe ngumntu ozisa ukufa ngezifo ezibulalayo. (ISityhilelo 6:8) UMbathalala waba sisifo sokuqala esabulala abantu abaninzi kwiminyaka ye-1900. Nangona kungaqinisekwanga ncam, olunye uqikelelo luthi bamalunga nezigidi eziyi-50 abantu ababulawa sesi sifo. Incwadi ethi Man and Microbes ithi: “Esi sesinye sezifo ezazingalawuleki kwezakha zakho kwimbali yoluntu. Nkqu nesifo esasibangela ukudumba nokuqaqanjelwa ngamadlala asizange sibulale abantu abaninzi kangaka ngexesha elingephi.” Ezinye izifo eziye zabulala amakhulu ezigidi zabantu kwiminyaka ye-1900 yingqakaqha, isifo seengcongconi kunye nesifo sephepha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share