IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 12/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
    Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
  • Ezinye Izinto Ezinganceda Usapho
    Vukani!—2018
  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
    Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 12/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Abantwana bangafunda njani ukuthanda uThixo?

Umzali ufundisa umntwana ngendalo

Sebenzisa indalo ukuze uncede abantwana bakho bamazi baze bamthande uThixo

Abantwana bakho bangafunda ukumthanda uThixo kuphela ukuba banobungqina bokuba ukho, ibe uyabathanda. Ukuze bamthande uThixo, kufuneka bemazile. (1 Yohane 4:8) Ngokomzekelo, kufuneka bazi ukuba: Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu? Kutheni eyeka ukuba abantu batsale nzima? Yintoni aza kuyenzela abantu kwikamva?—Funda abaseFilipi 1:9.

Ukuze uncede abantwana bakho bathande uThixo, umele ubabonise ukuba wena kuqala uyamthanda. Xa beyibona loo nto, nabo baya kuzeka mzekweni.—Funda iDuteronomi 6:5-7; iMizekeliso 22:6.

Ungayifikelela njani intliziyo yomntwana wakho?

ILizwi likaThixo linamandla. (Hebhere 4:12) Ngoko ke bancede abantwana bakho bazi iimfundiso zalo ezisisiseko. Ukuze uYesu afikelele iintliziyo zabantu, wayebabuza imibuzo, abaphulaphule, aze abacacisele ngeZibhalo. Ukwenza oko, kuya kukunceda nawe ufikelele intliziyo yomntwana wakho.—Funda uLuka 24:15-19, 27, 32.

Ukongezelela, amabali aseBhayibhileni athetha ngendlela uThixo awaqhubana ngayo nabantu, angabanceda abantwana bamazi baze bamthande uThixo. Iincwadi ezinala mabali zifumaneka kwi-www.pr2711.com/xh.—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 14 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh, okanye uthumele isicelo sokuyifumana simahla kwiadresi ekwiphepha 2

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share