IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 1/1 iphe. 16
  • Baqalisa Njani Ubomi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baqalisa Njani Ubomi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Izilwanyana
    Vukani!—2015
  • Ngaba Izilwanyana Ziyaya Ezulwini?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba UThixo Uzikhathalele Izilwanyana?
    Vukani!—2011
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 1/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Yintoni eyenza abantu bacinge ngobukho boMdali?

Umama ubuka usana lwakhe ngamehlo othando

Ngaba ubomi abumangalisi?

Malunga neminyaka eyi-3 000 eyadlulayo enye imbongi yabhala yathi: “Ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.” (INdumiso 139:14) Xa ucinga ukuba usana luye luqale luyiseli enye, ngaba akumangaliswa? Abantu abaninzi bathi nguMdali owenze izinto eziphilayo.—Funda iNdumiso 139:13-17; Hebhere 3:4.

UMdali wendalo wenza nomhlaba ukuze kuphilwe kuwo kubekho nobomi. (INdumiso 36:9) Uye wanxibelelana noluntu waze wasixelela ngaye.—Funda uIsaya 45:18.

Ngaba savela ezilwanyaneni?

Zininzi izinto esifana ngazo nezilwanyana. Isizathu sikukuba abantu nezilwanyana uMdali wayebenzele ukuphila emhlabeni. Umntu wokuqala wamenza ngothuli akazange aphume esilwanyaneni.—Funda iGenesis 1:24; 2:7.

Abantu bohlukile kwizilwanyana ngeendlela ezimbini. Okokuqala, abantu bayakwazi ukumazi uMdali, ukumthanda nokumhlonela. Okwesibini, izilwanyana zazingenzelwanga ukuphila ngonaphakade, bona abantu babenzelwe oko. Kodwa ngoku, bonke abantu bayafa kuba umntu wokuqala walugatya ukhokelo loMdali.—Funda iGenesis 1:27; 2:15-17.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, funda isahluko 1 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share