IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 10/1 iphe. 3
  • Kutheni Abantu Bethandaza?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Abantu Bethandaza?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusondela KuThixo Ngomthandazo
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Sondela KuThixo Ngokuthandaza
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ungathandaza Njani Ukuze Uviwe NguThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 10/1 iphe. 3

INQAKU ELINGUMXHOLO | KUNCEDA NGANTONI UKUTHANDAZA?

Kutheni Abantu Bethandaza?

“Ndandikuthand’ egazini ukubheja. Ndathandazela ukuba ndifumane isityhwentywe semali. Kodwa zange kube njalo.”—USamuel,a waseKenya.

“Ekuphela kwento ekwakulindeleke ukuba siyenze esikolweni kukucengceleza imithandazo ngentloko.”—UTeresa, wakwiiPhilippines.

“Ndithandaza xa ndisengxakini. Ndithandazela ukuxolelwa kwezono nokuba ndibe ngumKristu oqhuba kakuhle.”—UMagdalene, waseGhana.

1. Indoda ekwindawo yokungcakaza iyathandaza; 2. Intwazana ethandaza esikolweni; 3. Umfazi uyathandaza

Amagqabaza kaSamuel, uTeresa, noMagdalene abonisa ukuba abantu bathandazela izinto ezahlukahlukeneyo, ezinye zibhadle ngakumbi kunezinye. Abanye abantu bathandaza ngokunyanisekileyo; ngoxa abanye bedlulisela nje usana kunina. Enoba bathandazela ukuba bapase esikolweni, ukuba iqela lezemidlalo abalithandayo liphumelele, ukuba uThixo abakhokele entsatsheni, okanye ezinye izinto, amakhulu ezigidi ayaqonda ukuba kufuneka athandaze. Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba kwanabantu abangayihambiyo icawa bathandaza rhoqo.

Ngaba uyathandaza? Ukuba kunjalo, yintoni oyithandazelayo? Enoba ukuqhelile ukuthandaza okanye akunjalo, usenokuzibuza: ‘Ngaba kuyanceda ke nyhani ukuthandaza? Omnye umbhali wathi, umthandazo “luhlobo nje oluthile lonyango olupholisa ingqondo.” Nabathile bezonyango banembono efanayo, bathi umthandazo yenye nje “indlela yokunyanga.” Ngaba abantu abathandazayo benza nje uphela sonwabe okanye bayancedakala ngandlela ithile xa bethandaza?

IBhayibhile ithetha okwahlukileyo koko, ibonisa ukuba umthandazo asilohlobo nje luthile lonyango. Isixelela ukuba kukho umntu oyiphulaphula imithandazo eyenziwa ngendlela efanelekileyo, kuthandazelwa izinto ezifanelekileyo. Ngaba yinyani leyo? Makhe sihlole ubungqina.

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share