IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 12/1 iphe. 6-7
  • Indlela Onokulufumana Uncedo Lokwazi IBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Onokulufumana Uncedo Lokwazi IBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UNCEDO KWIXA ELIDLULILEYO
  • UNCEDO LUYAFUMANEKA NANAMHLANJE
  • Iwebhsayithi Eyahlukileyo
    Vukani!—2014
  • Iziqulatho
    Vukani!—2014
  • Iziqulatho
    Vukani!—2014
  • Iziqulatho
    Vukani!—2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 12/1 iphe. 6-7

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUYAZI IBHAYIBHILE

Unokulufumana Njani Uncedo Lokwazi IBhayibhile?

Masithi uyafika kweli lizwe, ubona abantu, inkcubeko yabo, ukutya nemali abayisebenzisayo, ibe zonke ezo zinto akuziqhelanga. Mhlawumbi usenokubhideka.

Kusenokuba njalo naxa uqala ukufunda iBhayibhile. Ufika kwilizwe lakudala ongalaziyo. Apho udibana nabantu ekuthiwa ngamaFilisti, inkcubeko ongayiqhelanga efana ‘nokukrazula izambatho,’ okanye ufunda ngokutya ekuthiwa yimana nemali ekuthiwa yidrarhma. (Eksodus 16:31; Yoshuwa 13:2; 2 Samuweli 3:31; Luka 15:9) Yonke le nto inokukubhida. Njengaxa ukwilizwe oqalayo ukuya kulo, akungethandi ukuncedwa ngumntu onokukucacisela ezi zinto?

UNCEDO KWIXA ELIDLULILEYO

Ukususela kwixesha lokubhalwa kwemibhalo engcwele kwiminyaka yoo-1500 ngaphambi kwexesha likaYesu, bekuncedwa abantu bayazi iBhayibhile. Ngokomzekelo, uMoses, inkokeli yokuqala yamaSirayeli, ‘waqala ukucacisa’ oko kwakubhaliwe.—Duteronomi 1:5.

Abafundisi abafanelekayo beZibhalo babesekho nasemva kweminyaka engaphezu kwamakhulu alishumi. Ngo-455 B.C.E., iqela elikhulu lamaYuda, kuquka abantwana abaninzi, lahlanganisana kwindawo kawonke-wonke kwisixeko saseYerusalem. Abafundisi beBhayibhile babelapho ‘befunda ngokuvakalayo encwadini engcwele.’ Benza okungaphezulu koko. Banceda abantu ‘bakuqonda oko kwakufundwa.’—Nehemiya 8:1-8.

Kwiminyaka engamakhulu amahlanu kamva, uYesu Kristu wenza umsebenzi ofanayo wokufundisa. Phofu ke, abantu babemazi engumfundisi. (Yohane 13:13) Wafundisa izihlwele zabantu, kwanomntu ngamnye. Ngesinye isihlandlo, xa wayenikela iNtshumayelo yaseNtabeni, “zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.” (Mateyu 5:1, 2; 7:28) Ngentwasahlobo yango-33 C.E., uYesu wancokola nabafundi bakhe ngoxa babehamba endleleni yelali engaseYerusalem, “ebavulela ngokupheleleyo iZibhalo.”—Luka 24:13-15, 27, 32.

Nabafundi bakaYesu babengabafundisi beLizwi likaThixo. Ngesinye isihlandlo igosa laseTiyopiya lalifunda iSibhalo. Umfundi onguFilipu waya kulo, walibuza: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” Eli gosa lathi: “Ngokwenene, ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” Ngoko uFilipu walicacisela intsingiselo yeso Sibhalo.—IZenzo 8:27-35.

UNCEDO LUYAFUMANEKA NANAMHLANJE

Njengabafundisi beBhayibhile bexesha elidluleyo, nanamhlanje amaNgqina kaYehova axakeke ngumsebenzi wokufundisa iBhayibhile kumazwe ayi-239. (Mateyu 28:19, 20) Veki nganye, anceda abantu abangaphezu kwamawaka alithoba ukuba bayazi iBhayibhile. Uninzi lwabo bantu lukhulele kwintsapho engengomaKristu. AmaNgqina abafundela mahala kumakhaya abo okanye kwenye indawo ekhethwe ngabo. Abanye bafundelwa ngefowuni okanye ngevidiyo kusetyenziswa ikhompyutha okanye iselfowuni.

Nceda udibane neNgqina likaYehova ukuze likuncede ufumane iinkcukacha ngendlela onokuyifundiswa ngayo iBhayibhile. Uya kufumanisa ukuba kunokuba ibe yincwadi ekunzima ukuyazi, iyincwadi ‘eyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni,’ ukuze ‘uwufanelekele uze uwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Timoti 3:16, 17.

Bona ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde iBhayibhile? kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com/xh

Bona ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile? kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com/xh

Uncedo Kwi-intanethi

Ibhinqa elihleli ngaphandle evenkileni yokutya livule iwebhsayithi ijw.org/xh

Uyafuna ukuzifundela iBhayibhile? Qalisa ngokuya kwiwebhsayithi ethi jw.org/xh. Yona inenkcazelo yeBhayibhile oyifumana mahala ngeelwimi ezingaphezu kwe-700. Unokukuvuyela ukufunda ngezi zinto zilandelayo:

Imibuzo esoloko ibuzwa ngabantu

  • Yintoni injongo yobomi?

  • Kutheni abantu besifa?

  • Kwenzeka ntoni xa sisifa?

(Funda phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA)

Iingxaki zakho

  • Into onokuyenza xa uxinezeleke engqondweni

  • Ukuphila nesifo esinganyangekiyo

  • Iingxaki zemali namatyala

(Funda phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA)

Ukunceda Iintsapho

  • Indlela yokuyeka ukuxambulisana

  • Indlela yokuqeqesha abantwana

  • Bafundise imilinganiselo yokuziphatha abantwana bakho

(Funda phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > IZIBINI EZITSHATILEYO NABAZALI)

Amacebiso kwabafikisayo

  • Ndenze ntoni xa umntu esenza izimbo zokufuna ukulala nam

  • Ndiza kwenza ntoni xa ndihlutshwa ngabanye

  • Ndithini xa ndinesithukuthezi

(Funda phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > ABAFIKISAYO)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share