IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w16 Septemba iphe. 13
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuyintoni Ukuphumla KukaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • AmaHebhere 4:12—“ILizwi LikaThixo Liyaphila, Liyasebenza”
    Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
w16 Septemba iphe. 13
Umama nentombi yakhe bankcenkceshela iintyantyambo eParadesi

“Ilizwi likaThixo liphilile”

Imibuzo Evela Kubafundi

Liyintoni “ilizwi likaThixo” ekuthiwa “liphilile, linamandla” kumaHebhere 4:12?

Ngamaxesha amaninzi, iincwadi zethu zisebenzisa amaHebhere 4:12 ukubonisa ukuba, iBhayibhile inamandla okutshintsha abantu, kwaye kufanelekile ukusisebenzisa ngale ndlela esi sibhalo. Sekunjalo, kungasinceda ukusijonga ngembono ephangaleleyo. UPawulos wayebongoza amaKristu angamaHebhere ukuba ahambisane neenjongo zikaThixo. Uninzi lwazo lwalufumaneka kwizibhalo ezingcwele. UPawulos wawenzela umzekelo ngamaSirayeli awahlangulwa eYiputa. La maSirayeli ayenethemba lokungena elizweni “eliqukuqela ubisi nobusi,” apho ayeza kuphumla ngokwenene.—Eks. 3:8; Dut. 12:9, 10.

UThixo wayewaxelele ngaloo njongo. Kodwa, ekuhambeni kwexesha amaSirayeli azenza lukhuni iintliziyo zawo aza aphelelwa lukholo, ngenxa yoko, uninzi lwawo lwaphoswa koko kuphumla. (Num. 14:30; Yosh. 14:6-10) Sekunjalo, uPawulos wongezelela wathi, sasisekho “isithembiso sokungena ekuphumleni [kukaThixo].” (Heb. 3:16-19; 4:1) Kucacile ke ukuba, eso “sithembiso” yinxalenye yenjongo kaThixo. Nathi singafunda ngaloo njongo size sihambisane nayo, njengoko enzayo amaKristu angamaHebhere. Ukuze agxininise ukuba esi sithembiso sisekelwe eZibhalweni, uPawulos wacaphula iGenesis 2:2 neNdumiso 95:11.

Ngokuqinisekileyo, imele isivuyise into yokuba sisekho “isithembiso sokungena ekuphumleni [kukaThixo].” Sinethemba lokuba le nto ithenjiswa yiBhayibhile yokuba sinako ukungena ekuphumleni kukaThixo, inokwenzeka ngokwenene, kangangokuba sesithathe amanyathelo okungena. La manyathelo asiwathathanga ngokuzama ukugcina uMthetho kaMoses okanye ngokuvuyisa uYehova ngezinye iindlela. Kunoko, ngokholo siye sakuvuyela ukuhambisana nenjongo kaThixo asityhilele yona, ibe sisaqhubeka sisenjenjalo. Njengoko sele kubonisiwe, bayinkungu nelanga abantu emhlabeni wonke, abaye baqalisa ukufunda iBhayibhile, bafunda nangenjongo kaThixo. Ngenxa yoko, abaninzi baye bayitshintsha indlela abaphila ngayo, baba nokholo baza babhaptizwa. Le nto yenzeka kubo bubungqina obucacileyo bokuba, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” Injongo kaThixo echazwe eBhayibhileni, sele ibutshintshile ubomi bethu ibe akukabi phi, iseza kubutshintsha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share