IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp17 No. 1 iphe. 5-6
  • Yintoni Enokwenza Ube Nomdla Wokuyifunda?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Enokwenza Ube Nomdla Wokuyifunda?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Izahluko Neevesi—⁠Ngubani Owazifaka EBhayibhileni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Icebiso Lezinto Onokuzifunda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Unokwenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda IBhayibhile?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
wp17 No. 1 iphe. 5-6
Ibhinqa lisebenzisa izixhobo zokuphanda njengoko lifunda iBhayibhile

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUFUMANA OKUNINZI XA UFUNDA IBHAYIBHILE

Yintoni Enokwenza Ube Nomdla Wokuyifunda?

Iyadika? Okanye kumnandi ukuyifunda? Ukufunda iBhayibhile kuza kuba njani kuwe? Kuxhomekeka kwindlela oyifunda ngayo. Makhe sibone ukuba yintoni onokuyenza ukuze ungaphelelwa ngumdla wayo nokuze uyonwabele.

Khetha iBhayibhile yolwimi lwangoku nechanileyo. Akunakuthanda ukufunda incwadi enamagama amaninzi anzima okanye angasasetyenziswayo. Ngoko fumana iBhayibhile oza kuyiqonda lula ukuze ifikelele intliziyo. Kodwa ke kwangaxeshanye, kufuneka ibe yeguqulelwe kakuhle, ngendlela echanileyo.a

Sebenzisa iteknoloji yezi mini. Namhlanje iBhayibhile iyafumaneka nakwizinto ze-elektroniki. Ezinye iiBhayibhile unokuzifundela kwi-intanethi okanye uzikhuphelele kwikhompyutha, kwitablet okanye kwiselfowuni. Ezinye iinguqulelo zinezixhobo ezibangela ukuba ukwazi ukukhangela ezinye iivesi ezithetha ngaloo nto okanye uthelekise nezinye iinguqulelo ezahlukahlukeneyo. Ukuba uthanda ukumamela kunokufunda, unokuyifumana iBhayibhile erekhodiweyo kwezinye iilwimi. Abantu abaninzi bayathanda ukumamela ngoxa behamba ngesithuthi sikawonke-wonke, behlamba iimpahla okanye besenza ezinye izinto. Kutheni ungazami ukuyifunda ngendlela eza kukulungela?

Sebenzisa izixhobo zokufunda iBhayibhile. Izixhobo zokufunda iBhayibhile zinokukunceda ufumane ulwazi oluninzi xa uyifunda. Kukho iimaphu zamazwe ethetha ngawo ezinokukunceda uwazi ukuba aphi ukuze uziqonde iziganeko ekuthethwa ngazo. Amanqaku afana nala akule magazini okanye aku-jw.org/xh, kwindawo ethi “Iimfundiso ZeBhayibhile,” anokukunceda wazi oko kuthethwa ziivesi ezininzi zeBhayibhile.

Yifunde ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ukuba kubonakala kudinisa ukufunda iBhayibhile ukusuka ekuqaleni uye kutsho ekugqibeleni, kutheni ungayiqali kwindawo oyithandayo? Ukuba ufuna ukwazi ngabantu abadumileyo abaseBhayibhileni, khangela izahluko ezithetha ngabo. Abanye abantu abadumileyo unokubafumana kwibhokisi ethi, “Yemba OkuseBhayibhileni Ngokwazi Abantu Ethetha Ngabo.” Okanye unokuyifunda ngokulandelelana kweziganeko. Kutheni ungazami enye yezi ndlela?

a Abaninzi bafumanise ukuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ichanile, banokuyithemba kwaye iyafundeka. Le Bhayibhile, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-130. Unokuzikhuphelela eyakho ku-jw.org/xh okanye uzikhuphelele i-JW Library app. Ukanti amaNgqina KaYehova anokukuphathela le Bhayibhile ukuba ufuna njalo.

YEMBA OKUSEBHAYIBHILENI NGOKWAZI ABANTU ETHETHA NGABO

Amabhinqa athembekileyo

UAbhigali

1 Samuweli isahluko 25

UEstere

Estere isahluko 2-5, 7-9

UHana

1 Samuweli isahluko 1-2

UMariya

(umama kaYesu) Mateyu isahluko 1-2; Luka isahluko 1-2; funda noYohane 2:1-12; IZenzo 1:12-14; 2:1-4

URahabhi

Yoshuwa 2, 6; funda namaHebhere 11:30, 31; Yakobi 2:24-26

URebheka

Genesis isahluko 24-27

USara

Genesis isahluko 17-18, 20-21, 23; funda namaHebhere 11:11; 1 Petros 3:1-6

Amadoda abalaseleyo

UAbraham

Genesis isahluko 11-24; funda nesahluko 25:1-11

UDavide

1 Samuweli isahluko 16-30; 2 Samuweli isahluko 1-24; 1 Kumkani isahluko 1-2

UYesu

Ivangeli kaMateyu, kaMarko, kaLuka nekaYohane

UMoses

Eksodus isahluko 2-20, 24, 32-34; Numeri isahluko 11-17, 20-22, 27, 31; Duteronomi isahluko 34

UNowa

Genesis isahluko 5-9

UPawulos

IZenzo isahluko 7-11, 13-28

UPetros

Mateyu isahluko 4, 10, 14, 16-17, 26; IZenzo isahluko 1-5, 8-12

IZIXHOBO ZOKUFUNDA IBHAYIBHILE EZIPAPASHWE NGAMANGQINA KAYEHOVA

  • JW.ORG/XH​—Le webhsayithi inezixhobo ezininzi, ekukho kuzo nendawo ethi “Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa.” Ikwanemiyalelo yendlela yokukhuphela i-JW Library app

  • “Khawubone Eli Lizwe Lihle”​—Le ncwadana ineemaphu nemifanekiso yeendawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni

  • Insight on the Scriptures​—Incwadi enemiqulu emibini ecacisa ngabantu, iindawo namagama aseBhayibhileni

  • “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”​—Le ncwadi icacisa ixesha, indawo nesizathu sokubhalwa kwencwadi nganye yeBhayibhile ize iyishwankathele

  • IBhayibhile​—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?​—Le ncwadi incinane nephandisiswe kakuhle ihlolisisa ubungqina bokuba iBhayibhile isithi liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo

  • IBhayibhile​—Sithini Isigidimi Sayo?​—Incwadana enamaphepha ayi-32 eshwankathela umxholo weBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share