IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp17 No. 5 iphe. 4-5
  • Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngoobani Okanye Ziintoni Iingelosi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Iingelosi—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-Wonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Iingelosi—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Izithunywa Zezulu Ngaba Ziyabuchaphazela Ubo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
wp17 No. 5 iphe. 4-5
Isiphatha-zingelosi kunye namawakawaka ezinye iingelosi

INQAKU ELINGUMXHOLO | IINGELOSI​—NGABA ZIKHO NYHANI? KUTHENI IBALULEKILE LOO NTO

Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?

Ngaba ungathanda ukwazi inyaniso ngeengelosi, ukuba ziingoobani, zivela phi ibe zenza ntoni? Ayikho enye indawo esinokufumana kuyo iimpendulo ezichanileyo ngaphandle kweLizwi likaThixo, iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Ithini ke iBhayibhile?

  • Ekubeni uThixo enguMoya, nazo iingelosi zingumoya ibe ‘azinanyama namathambo.’ Iingelosi ezithembekileyo zihlala ezulwini ibe ziyakwazi ukusondela phambi kukaThixo.​—Luka 24:39; Mateyu 18:10; Yohane 4:24.

  • Ngamanye amaxesha, iingelosi zikhe zibe njengabantu ukuze zenze imisebenzi eziyithunywe nguThixo emhlabeni, zize ziphinde zibuyele kwimizimba yazo xa ziyenzile loo misebenzi.​—ABagwebi 6:11-23; 13:15-20.

  • Nakubeni iingelosi zisoloko zibonakala njengamadoda eBhayibhileni, inyaniso kukuba akukho ngelosi iyindoda okanye umfazi. Azitshati okanye zibe nabantwana. Enye into, iingelosi zona azifani nabantu, zange ziqale zibe ngabantwana zaza zakhula. Zadalwa nguYehova, yiloo nto iBhayibhile isithi ‘ngoonyana boThixo oyinyaniso.’​—Yobhi 1:6; INdumiso 148:2, 5.

  • IBhayibhile ithetha “ngeelwimi zabantu nezeengelosi,” nto leyo ebonisa ukuba neengelosi ziyathetha okanye zinolwimi lwazo. Nakubeni uThixo eye wasebenzisa iingelosi ukuze athethe nabantu, akafuni ukuba sizinqule okanye sithandaze kuzo.​—1 Korinte 13:1; ISityhilelo 22:8, 9.

  • Kukho amashumi amawaka eengelosi ezisenokuba zide zafikelela kwiibhiliyoni.a​—Daniyeli 7:10; ISityhilelo 5:11.

  • Iingelosi ‘zomelele ngamandla,’ zinamandla ngaphezu kwabantu ibe zikrelekrele kunabo. Zinokuhamba ngesantya esiphezulu kakhulu ukogqitha nayiphi na enye into.​—INdumiso 103:20; Daniyeli 9:20-23.

  • Nakubeni zikrelekrele ibe zinamandla, zinezinto ezingakwaziyo ukuzenza nezingazaziyo.​—Mateyu 24:36; 1 Petros 1:12.

  • Iingelosi zadalwa zanobuntu neempawu ezingafaniyo nenkululeko yokuzikhethela. Ngoko, nazo njengabantu, zinokukhetha ukwenza okulungileyo okanye okubi. Okubuhlungu kukuba, ezinye iingelosi zakhetha ukungamthobeli uThixo.​—Yude 6.

a Ishumi lamawaka yi-10 000. I-10 000 ephindwe ngo-10 000 yi-100 miliyoni. Sekunjalo, iSityhilelo sithetha “ngamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka” eengelosi. Loo nto ithetha ukuba kukho amakhulu ezigidi zeengelosi okanye iibhiliyoni!

Iingelosi Ngokwezikhundla Zazo

Isiphatha-zingelosi, uMikayeli, yeyona ngelosi inamandla negunya ngaphezu kwazo zonke ezinye iingelosi. IZibhalo zenza kucace ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu. —1 Tesalonika 4:16; Yude 9.

Iiserafi zinesikhundla esiphakamileyo kunezinye iingelosi ibe zisebenza ngakwitrone kaThixo.—Isaya 6:1-3.

Iikherubhi nazo zinesikhundla esiphakamileyo ibe zenza imisebenzi ekhethekileyo enento yokwenza nokuzukiswa kukaSomandla. EBhayibhileni zidla ngokuvezwa zimsebenzela.—Genesis 3:24; Hezekile 9:3; 11:22.

Ezinye iingelosi ezingamawakawaka zithunywa nguThixo ukuze zenze intando yakhe.b —Hebhere 1:7, 14.

b Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngeengelosi, funda isahluko 10 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kunye nenqaku elikwisihlomelo elithi “Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?” Le ncwadi ipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka naku-www.pr2711.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share