IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp18 No. 3 iphe. 12
  • Ngubani Unobangela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Unobangela?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngeentlungu
    Vukani!—2015
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
wp18 No. 3 iphe. 12
Abahlanguli kwingozi yemoto

Ngubani Unobangela?

Xa ingengoThixo unobangela wezinto ezimbi, ngubani ke unobangela wale ndlala ingaka, ukuhlupheka kwabantu, iimfazwe, izifo kunye neentlekele ezenzekayo? ILizwi LikaThixo, iBhayibhile lisibonisa ngezinto ezintathu ezibangela ukuba abantu behlelwe zizinto ezimbi:

  1. Ukuzicingela Wedwa, Ukuthanda Imali Nenzondo. “Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.” (INtshumayeli 8:9) Ngamanye amaxesha, abantu batsala nzima ngenxa yokuba belawulwa ngabantu abazicingela bodwa okanye abakhohlakeleyo.

  2. Ixesha Nezinto Ezingenakubonwa Ngaphambili. Abantu badla ngokwehlelwa zizinto ezimbi “ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Loo nto ithetha ukuba umntu uba kwindawo embi ngexesha elibi, kwenzeke iingozi, abantu bangakhathali, okanye kwenzeke iimpazamo.

  3. Umlawuli Okhohlakeleyo Weli Hlabathi. IBhayibhile ithetha ngoyena nobangela wokuba abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu. Ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) “Ongendawo” nguSathana uMtyholi, isidalwa somoya esinamandla esasiyingelosi kaThixo kodwa ‘esingazange sime enyanisweni.’ (Yohane 8:44) Nezinye iingelosi zaye zalandela uSathana zaza azamthobela uThixo ukuze zenze ukuthanda kwazo ngaloo ndlela zaba ziidemon. (Genesis 6:1-5) Emva kokuba bevukele, uSathana needemon zakhe baye baba nefuthe elikhulu kwizinto ezimbi ezenzeka apha emhlabeni. Le nto yenzeka kakhulu kule mihla yethu. UMtyholi ngoku unomsindo omkhulu futhi “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela,” nto leyo ebangele ukuba kubekho ‘uyeha kuwo umhlaba.’ (ISityhilelo 12:9, 12) Nyhani uSathana ungumlawuli okhohlakeleyo. Uyonwaba xa ebona abantu besehlelwa zizinto ezibuhlungu. AyingoThixo, kodwa nguSathana unobangela wezinto ezibuhlungu.

KHAWUZIBUZE: Ayifanelanga ibe kanti ngumntu ongenantliziyo, nokhohlakeleyo, ongunobangela wokuba abanye behlelwe zizinto ezimbi? Yona iBhayibhile ithi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Ngoko ngenxa yokuba elungile “makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!”​—Yobhi 34:10.

Kodwa ke inoba uyazibuza, ‘UThixo onguSomandla uza kumvumela de kube nini uSathana ukuba aqhubeke elawula kakubi kangaka?’ Njengoko sesivile, uThixo uyazicaphukela izinto ezimbi, ibe xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu kuba buhlungu nakuye. Kangangokuba iLizwi lakhe lithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) UThixo uyasithanda kwaye unawo namandla okuziphelisa zonke izinto ezimbi nokuphathwa kakubi kwabantu. Kwiphepha elilandelayo kuthethwa ngaloo nto.a

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuba kutheni uThixo evumele izinto ezimbi zenzeke, funda isahluko 11 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina KaYehova ibe ungayidawunlowuda simahla ku-www.pr2711.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share