IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w18 Julayi iphe. 30-31
  • Unokwenza Njani Ukuze Ukuthande Ukufunda IBhayibhile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokwenza Njani Ukuze Ukuthande Ukufunda IBhayibhile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Ufuna Siphumelele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ufundisiso—lunomvuzo Kwaye Lumnandi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Zuza Ngokupheleleyo Kumalungiselelo KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Unokwenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda IBhayibhile?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
w18 Julayi iphe. 30-31
UYoshuwa ufunda uMthetho phantsi kwesibane

Unokwenza Njani Ukuze Ukuthande Ukufunda IBhayibhile?

UYoshuwa ufunda uMthetho; iindonga zaseYeriko ziyawa kodwa indlu kaRahabhi yona ayiwi; UYoshuwa uphakamise izandla ethandaza

UYOSHUWA kwakufuneka akhokele amaSirayeli awase kwiLizwe Lesithembiso. Yayiza kuba nzima kakhulu le nto. Kodwa uYehova wamenza waqiniseka ukuba uza kukwazi ukuyenza, waza wamkhuthaza esithi: ‘Yiba nesibindi womelele. Wunyamekele umthetho wam. Uwufunde imini nobusuku, ukuze ukwenze ngenyameko konke oko kubhalwe kuwo. Ngoko uya kuyenza iphumelele indlela yakho wandule ke wenze ngobulumko.—Yosh. 1:7, 8.

Kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ nathi sineengxaki ezinzima. (2 Tim. 3:1) NjengoYoshuwa, singazoyisa ngokulandela icebiso uYehova awamnika lona. Simele siyifunde qho iBhayibhile, size sisebenzise imigaqo yayo xa sivavanywa.

Abanye bethu banokungazi ukuba bafunde njani okanye abakuthandi ukufunda. Kodwa kuba kubalulekile ukufunda iBhayibhile, jonga ibhokisi ethi “Khawuzame La Macebiso,” ukuze ufumane amacebiso anokwenza ukuthande ukuyifunda ukuze ikuncede.

Umdumisi wathi: “Ndinyathelise kuwo umendo wemiyalelo yakho, kuba ndiyayoliswa nguwo.” (INdu. 119:35) Nawe ungakuvuyela kakhulu ukufunda iLizwi LikaThixo. Xa uqhubeka ulifunda, zininzi izinto oza kuzazi.

Nangona kungafuneki ukhokele isizwe njengoYoshuwa, nawe uneengxaki ezinzima. NjengoYoshuwa, funda uze wenze izinto ezikwiLizwi LikaThixo ukuze zikuncede. Xa usenjenjalo, uza kuphumelela kwaye wenze ngobulumko.

KHAWUZAME LA MACEBISO

  • Indoda ithandaza isonge izandla

    Thandaza ngaphambi kokuba ufunde. IBhayibhile ibhalwe nguThixo usomandla ukuze incede wena. Ngoko xa ufunda iBhayibhile, mcele akuncede uyiqonde, ungayilibali into oyifundileyo uze uyisebenzise ebomini bakho.—Ezra 7:10.

  • Indoda izibuza umbuzo

    Zibuze imibuzo enjengale xa ufunda iBhayibhile okanye iincwadi ezithetha ngayo: ‘Indixelela ntoni le nto ngoYehova? Idibana njani nomyalezo weLizwi lakhe? Ndingayisebenzisa njani le nto ukuze ndincede abanye?’

  • Indoda iyacingisisa

    Cingisisa ngezinto ozifundayo. Khawume okomzuzwana, ucinge. Indenza ndizive njani le nto ndiyifundayo? Kutheni indenza ndizive ngolu hlobo? Indixelela ntoni ngento eyenzeke kum kwixesha elidlulileyo, eyenzekayo ngoku nenokwenzeka kwixesha elizayo? Ndingayisebenzisa njani le migaqo yeBhayibhile namacebiso ayo ebomini bam? (Yobhi 23:5; INdu. 49:3) Khawubone ukuba ungakwazi na ukusicacisa isizathu sokuba uYehova ekhuthaza abantu ukuba bangazenzi ezinye izinto okanye yintoni enokwenzeka xa umntu ezenza ezo zinto.—Dut. 32:28, 29.

  • Indoda inombono wento ekuthethwa ngayo eBhayibhileni

    Yiba nombono wento ofunda ngayo. Ngokomzekelo, ngaba uyambona uYosefu ethengiswa ngabantakwabo kumaIshmayeli? (Gen. 37:18-28) Yintoni oyibonayo, oyivayo ngeendlebe nangeempumlo? Khawube ngathi ulapho nawe. Yintoni ababeyicinga? Inoba babeziva njani? Xa ucinga ngolu hlobo, izinto ozifundayo zingacaca kutsho kube mnandi ukufunda.

  • Indoda isebenzisa izixhobo zokufunda

    Zisebenzise izixhobo zokuphanda zentlangano. Funda indlela yokusebenzisa izixhobo zokuphanda zolwimi lwakho, ezikwi-intanethi neziprintiweyo. Cela abanye bakuncede ukwazi ukuzisebenzisa kakuhle. Ngokomzekelo, ISikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova singakunceda ufumane iincwadi ezithetha ngaloo mxholo okanye ezicacisa iivesi zeBhayibhile. Sebenzisa Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo esinenkcazelo ngeemaphu, iitshati, imilinganiselo nemali, nezinye izinto.

  • Indoda icinga ngezinto ezibalulekileyo ezifundileyo

    Cinga ngezinto ezibalulekileyo osandul’ ukuzifunda ukuze ukwazi ukuyikhumbula into obufunda ngayo. Zibalisele abanye. Ngaba ikho into onokuyisebenzisa entsimini? Xa usenza ezi zinto, izinto ozifundileyo ziza kuhlala engqondweni yakho, uncede nabanye ngazo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share