Yintoni Onokuyenza Ukuze Uphile Ubomi Obubhetele Kunobu?
UTHIXO wayengafuni siphile ngolu hlobo? Wayefuna umhlaba ugcwale ngabantu abamhloniphayo kuba ungumlawuli weNdalo yonke, abenza izinto athi mabazenze nabaneempawu ezifana nezakhe. Enye into awayeyifuna kukuba bakhulise kunye abantwana, bafunde izinto ezintsha baze benze wonke umhlaba ube yiparadesi.
UTHIXO UTHI UZA KWENZA SIPHILE NGENDLELA AWAYEFUNA NGAYO
“Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.”—INdumiso 46:9.
“Leza, nexesha elimisiweyo lokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.”—ISityhilelo 11:18.
“Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.
“Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.”—Isaya 65:22.
Ziza kwenzeka njani zonke ezi zinto? UThixo unyule uNyana wakhe, uYesu, ukuba alawule umhlaba esezulwini. Xa iBhayibhile ithetha ngolawulo lwakhe ithi buBukumkani BukaThixo. (Daniyeli 2:44) Ithi ngoYesu: ‘UYehova uThixo uya kumnika itrone kwaye uya kulawula njengokumkani.’—Luka 1:32, 33.
Xa wayelapha emhlabeni uYesu wenza izinto ezininzi ezazibonisa amandla anawo. Ezo zinto zazibonisa ukuba xa enguKumkani siza kuphila ubomi obubhetele.
UYESU WENZA IZINTO AZA KUSENZELA ZONA XA ENGUKUMKANI
Waphilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe, ebonisa ukuba uza kuphelisa konke ukugula.—Mateyu 9:35.
Wabonisa indlela aza kubakhusela ngayo abantu kumandla endalo ngokwenza ulwandle luzole.—Marko 4:36-39.
Wanika abantu abaninzi ukutya, ebonisa ukuba abantu uza kubanika izinto abazidingayo.—Marko 6:41-44.
Komnye umtshato wajika amanzi aba yiwayini. Le nto ibonisa ukuba xa elawula abantu baza kubonwabela ubomi.—Yohane 2:7-11.
Wena unokwenza ntoni ukuze ufumane obu bomi uYehova abulungiselela abantu abamthandayo? IBhayibhile ithi kufuneka uhambe ‘ngendlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.’—Mateyu 7:14.
UNOKUYIFUMANA NJANI LE NDLELA?
Yeyiphi le ndlela iya ebomini? Indlela esa ebomini zizo zonke izinto esizifundiswa nguYehova. UThixo uthi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) Ukuba uyayenza le nto ithethwa sesi Sibhalo, uza kuphila ubomi obubhetele.
UYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi.” (Yohane 14:6) Ukuba siyazikholelwa izinto ezazifundiswa nguYesu size senze izinto awayezenza siza kusondela kuThixo size siphile ubomi obubhetele.
Unokuyifumana njani indlela eya ebomini? Zininzi iicawa ezikhoyo, kodwa uYesu wathi: “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena.” (Mateyu 7:21) Waphinda wathi: “Nobaqonda ngeziqhamo zabo.” (Mateyu 7:16) IBhayibhile inokukunceda uyazi eyona nkonzo ayifunayo uThixo.—Yohane 17:17.
Unokuqala njani ukuhamba kule ndlela? Ngokufunda ngoyena mntu ukunike ubomi. Nazi izinto ekufuneka uqale uzazi ngaye: Ungubani? Ngubani igama lakhe? Ungumntu onjani? Wenza ntoni? Ufuna senze ntoni?a
UThixo wayengasidalelanga nje ukuba sisebenze, sitye, sidlale size sikhulise abantwana. Wayefuna simazi ukuba nguMdali wethu size sibe ngabahlobo bakhe. Sibonise ukuba siyamthanda ngokwenza izinto azifunayo. UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso.”—Yohane 17:3.
EBHAYIBHILENI UTHIXO UKUFUNDISA “OKUYINGENELO KUWE.”—ISAYA 48:17
QALA NGOKU UKUHAMBA NGALE NDLELA
Emva kokuba sifunde izinto uThixo afuna sizenze, kusenokufuneka sitshintshe indlela esiphila ngayo. Isenokuba nzima loo nto. Kodwa yonke into inesiqalo. Ukuze ufumane iimpendulo kwimibuzo onayo ngoThixo, amaNgqina KaYehova anokukufundela iBhayibhile ngexesha olifunayo nakwindawo ofuna kuyo. Unokuwabhalela kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com/xh.
a Jonga IMboniselo, No. 1 2019.