Ukwakha Ulwalamano Olusondeleyo Lwentsapho
1 Ekubeni kukho izinto ezininzi ezifuna ixesha labo, abazali bajamelene nocelomngeni lokwakha intsapho eyomeleleyo kunqulo oluyinyaniso. Iintsapho zamaKristu kufuneka zibe nolwalamano olusondeleyo lokuzixhasa ebudeni bala maxesha anzima. (INtshu. 4:9-12; 2 Tim. 3:1-5) Njengoko ikhula ngokomoya, intsapho iya imanyana ngokumanyana ibe iya komelela ukuze ixhathise iintlaselo zikaSathana nenkqubo yakhe.
UKUHLAKULELA IIMPAWU ZOKOMOYA
2 Iintlanganiso zebandla nesifundo seBhayibhile sentsapho zizinto eziyimfuneko kucwangciso lwentsapho lweveki ngeveki. (Dut. 6:6, 7; Heb. 10:23-25; wXO86 11/1 iphe. 23-5) Kanti, kukho okungakumbi okufunekayo. Kusekho ikroba elithile ukuba uqeqesho lokomoya olufunyanwa ngabantwana luphelele koku.
3 Ulwalamano oluphilileyo lwentsapho lubakho xa abazali benomdla wokwenene kwimpilo-ntle yokomoya yabantwana babo. KwaSirayeli, abazali babenembopheleleko yokubanika imfundo nokubaqeqesha abantwana babo, bebafundisa ngelizwi nangokuba ngumzekelo. Ucwangciso lwemfundo lwamaSirayeli lwaluquka uqeqesho oluluncedo lokuba ngumntu omkhulu, ukufundiswa ubuchule obusisiseko bokulesa nokubhala, nokufundiswa ukuvelisa iimpawu zokomoya. Xa kufundiswa abantwana, kwakugxininiswa ekubafundiseni ukuba boyike uYehova, befundiswa uMthetho, ukuhlonela abazali nabantu abakhulu nokubaluleka kokuthobela.
4 Zabalazela ukuchitha ixesha elaneleyo nentsapho yakho yonke imihla. Imibandela yokomoya inokuxutyushwa nangendlela engacwangciswanga, njengakwixesha lesidlo. Ngobulumko omnye umzali waphawula oku: “Abazali baya kuchitha ixesha nabantwana babo—ekuveliseni iimpawu zokomoya okanye ekubancedeni baphume ngokuthe ngcembe kwiingxaki abanazo.” Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuhlakulela iimpawu zokomoya ezifunekayo ebantwaneni ukuze bayiphephe imigibe yehlabathi!—1 Kor. 3:10-15.
UKUNANDIPHA UMSEBENZI WENKONZO YASENTSIMINI
5 Uvuyo yimvakalelo evuselelwa kukuzuza okanye ukulindela into entle. Xa umntu eyilungiselele inkonzo yasentsimini, ngokufanelekileyo unokulindela imiphumo emihle. Ngaloo ndlela, ukulungiselela kungundoqo wokunandipha inkonzo yasentsimini evuyisayo. Ukukuqhelisela rhoqo njengentsapho oko kuya kuthethwa ngaphambi kokuya kwinkonzo yasentsimini kwakha intembelo. (Thelekisa uTito 3:1b.) Ngamnye unokuba nosukelo engqondweni yakhe. Intshumayelo elula inokuqheliselwa nabantwana abancinane okanye nabo basandul’ ukuqalisa kwinkonzo yasentsimini.
6 Ngokusebenza nabantwana babo kubulungiseleli bamaKristu, abazali banokubanceda bahlakulele umdla wobuqu ebantwini lowo waboniswa nguYehova noYesu. Kwakhona ubulungiseleli businceda sihlakulele ulwalamano olusondeleyo noYehova. (wXO82 6/15 iphe. 15-22) Ezinye iintsapho zicwangcisa ukuchitha iintsuku ezipheleleyo zikunye, ziceba ukuzihlaziya okwakhayo emva kwenkonzo yasentsimini. Oku kubangela ukuba zibe nethuba lokuncokola ziphumle kuze oko kubenze abazali nabantwana batsaleleke omnye komnye.
7 Zimisele ukuhlakulela ubuchule obufunekayo bokuncokola ukuze ugcine ulwalamano olusondeleyo nabantwana bakho. Musa ukuvumela nantoni na ikuthintele ekuchitheni ixesha eliyimfuneko usomeleza intsapho yakho ngokomoya. Bathandazele uze uthandaze nabo abantwana bakho, usazi ukuba uYehova uya kuyiphumelelisa imigudu yakho yokubakha.—INdu. 127:1; IMize. 24:3.