Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngeeholide
1 Nangona imibhiyozo emininzi yeKrismesi neyoNyaka Omtsha inemvelaphi yobuhedeni, ngaphezu kwewaka lesigidi labo bathi bangamaKristu bayazibhiyozela ezi holide nyaka ngamnye. Abantu abaninzi bakholelwa ngokunyanisekileyo kwelokuba ukubhiyozela le mihla kukholekile kuThixo. Sinokuzifikelela njani iintliziyo zabantu abanjalo ngeendaba ezilungileyo ebudeni beeeholide?
YIBA NOLWAZELELELO NENTLONELO
2 Abadala benza amalungiselelo akhethekileyo okunikela ubungqina ngeeholide, ekubeni uninzi lwethu lufumene ikhefu kumsebenzi wempangelo. Ixesha lokuqalisa umsebenzi wendlu ngendlu lifanele lihlengahlengiswe kucingelwa abaninimzi abasenokuba balala kude kube semini ngezi ntsuku.
3 Njengoko siqhubeka nobulungiseleli bethu, sisenokubafumana abantu abaninzi bexakeke ziindwendwe kwaye belungiselela izidlo. Ekubeni siqonda ukuba eli lixesha elikhethekileyo kubo, ngentlonelo sinokubetha koomofu kwaye singagwegwelezi. Intlonelo yobuKristu kwelethu icala isenokuvul’ ithuba lokunikela ubungqina obungakumbi kwixesha elizayo.
4 Asingeneleli kwimibhiyozo yonqulo yehlabathi, yaye asibulisani nabantu ngemibuliso yeeholide ezingokwesithethe. Ngoko ke, kufuneka ubuchule bokusabela kwimibuliso enjalo. Akukho sizathu sakwenza mbambano ngombuliso onjalo, kodwa kwezona meko zininzi sinokusuka nje simbulele umninimzi ngeminqweno yakhe emihle. Ukuba abantu bafuna ukwazi ngenkolelo yethu, sinokubaqinisekisa ukuba siyamzukisa uKristu Yesu, ekubeni oko kufuneka kwabo bazukisa uThixo. (Yoh. 5:23) Noko ke, amasiko amaninzi eeholide awamzukisi uKristu kwanoThixo. Ukuba abantu bafuna inkcazelo engakumbi ngelo xesha okanye kwixesha elizayo, sinokwabelana nabo ngombandela okwincwadi ethi Ukuqiqa kwiphepha 152-4 nele-156.
IINTSHAYELELO
5 Ekubeni iiholide zeKrismesi zizezonqulo, sisenokufumana abantu abaninzi abatyekele ekuthetheni ngoThixo ngeli xesha kunalo naliphi na elinye ixesha enyakeni. Sinokusisebenzisa ngokunengenelo esi sibakala kwintshayelelo yethu. Ngokomzekelo, sisenokuthi: “Izigidi zabantu emhlabeni wonke zibhiyozela iKrismesi nomhla woNyaka Omtsha. Ngaba ucinga ukuba le mibhiyozo ibasondeza abantu kufuphi noThixo?” Enoba umninimzi uvakalelwa kukuba ukwenziwa kwale mibhoyozo kuhle okanye kubi, emva kokuba siwaphulaphule amagqabaza akhe, sisenokuthi: “Abantu abaninzi banqwenela ukuba babe nolwalamano olusondeleyo noThixo, mhlawumbi bevakalelwa kukuba uThixo ukude kubo. Ngaba ucinga ukuba uThixo unenkathalo ngokwenene ngathi nangomhlaba?” Ngoko hlabela mgama uthethe ngoMxholo Wencoko.
6 Ukuba sisebenzisa enye indlela yokungena, sisenokuthi: “Ebudeni beli xesha leKrismesi, ngokufuthi sibeva abantu bevakalisa iminqweno yabo yokuba kuza kubakho uxolo emhlabeni neminqweno emihle abantwini. Ngaba ucinga ukuba uThixo uza kuzisa uxolo emhlabeni kwixesha lethu?” Emva koko sinokuqhubeka sibonisa ukuba uYesu Kristu “nguMthetheli woxolo” owaxelwa kwangaphambili. (Isa. 9:6, 7) NjengoMlawuli onyuliweyo worhulumente kaThixo, kungekudala uKristu uza kuthabatha inyathelo lokuzisa uxolo olusisigxina emhlabeni.—Dan. 2:44; ISityhi. 21:3-5.
7 Nangona inkoliso yabantu ingenankathalo ngesigidimi soBukumkani yaye isonwatyiswa ziiholide zayo zonqulo lobuxoki, ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu yokuzingela abo bafuna inyaniso, kuba yena “ufuna abanjalo ukumnqula,” yaye uya kubakhokelela kwintlangano yakhe.—Yoh. 4:23, 24.