Ukuqalisa Nokuqukumbela Iintlanganiso Ngexesha
1 Zonke iintlanganiso zebandla, kuquka neentlanganiso zenkonzo yasentsimini, zifanele ziqaliswe zize ziqukunjelwe ngexesha. Ngoba? Ukugcina ixesha kubonisa ulungelelwano nokuba nolwazelelelo ngabo bonke abakhoyo nabanenxaxheba kwiintlanganiso. (INtshu. 3:17b; 1 Kor. 14:33) Sinokubonisa inkxalabo yethu ngoku ngokulandela le migaqo ilandelayo ukuqinisekisa ukuba iintlanganiso ziqalisa zize ziqukunjelwe ngexesha.
2 Sifanele sisoloko sizabalazela ukufika kwangethuba ezintlanganisweni ukuze sikwazi ukubulisa abanye, ukunyamekela imicimbi eyimfuneko nokuba nenxaxheba kwingoma nomthandazo wokuvula. Ngokuqhelekileyo, ingoma nomthandazo zithabatha imizuzu emihlanu. Abo bamela ibandla ngomthandazo bafanele bakhumbule injongo yaloo ntlanganiso baze bayivakalise kwimithandazo yabo yokuvula neyokuqukumbela. Akuyomfuneko ukuba loo mithandazo ibe mide.
3 Intlanganiso Yesidlangalala: Iintetho zesidlangalala zisikelwe imizuzu engama-45. Ukudlula kwelo xesha limiselweyo kuya kuchaphazela iSifundo seMboniselo esiya kulandela. Ezi ntlanganiso zimbini, kuquka iingoma nemithandazo, zimele ziqukunjelwe ngeeyure ezimbini. Izithethi ezinikela iintetho zesidlangalala zifanele zinamathele kwixesha eliboniswe kulwandlalo loMbutho yaye zingaquki entethweni imibandela esecaleni, njengemibuliso. Ukuba isithethi asiyazi kakuhle indawo ekuyo iHolo yoBukumkani, sifanele sifune ulwalathiso kwibandla esilityelelayo ngokuphathelele indlela nexesha esiya kulichitha endleleni ukuya apho.
4 ISifundo “SeMboniselo”: ISifundo seMboniselo simele sithabathe iyure enye, kufundwe zonke iziqendu kuze kuqwalaselwe nemibuzo yempinda. Amagqabaza amafutshane nahlab’ emxholweni omqhubi wesifundo afanele avus’ umdla yaye atshayelele isifundo. Amagqabaza akhe ebudeni besifundo afanele abe mafutshane. Ukulahlulahlula ixesha ngokombandela ofundwayo kuya kumnceda umqhubi ukuba aphephe ukuchitha ixesha elininzi kwinxalenye yokuqala yesifundo aze agxabhagxabhise kwinxalenye yokugqibela.
5 Isikolo Sobulungiseleli Sobuthixo: Le yintlanganiso yemizuzu engama-45. Nangona intetho yokuyala neembalasane zofundo lweBhayibhile zinganqunyanyiswa xa ixesha liphelile, abazalwana ababelwe ezi nxalenye bamele bagcine ixesha. Ukuba abenjinjalo, bafanele balulekwe ngasese. Kwakhona, isiluleko namagqabaza omveleli wesikolo afanele angadluli kwixesha elimiselweyo. Ixesha linokongiwa ukuba bonke abafundi bahleli kufutshane neqonga yaye ngamnye wabo uyiqukumbela ngoko nangoko intetho yakhe lisakuphela ixesha.—Bona Ucwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1991.
6 Intlanganiso Yenkonzo: Nayo le yintlanganiso yemizuzu engama-45. Xa idibene neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neengoma nemithandazo, lulonke ucwangciso alufanele ludlule kwiyure enye enemizuzu engamashumi amane anesihlanu. Abazalwana abanenxaxheba kwiNtlanganiso Yenkonzo bafanele banamathele kwixesha abalinikiweyo. Iinxalenye ezifuna ukugutyungelwa ngemibuzo neempendulo zifuna nje kuphela intshayelelo emfutshane. Akuyomfuneko ukufakelela inkcazelo eyongezelelekileyo yentshayelelo. Imiboniso ifanele iqheliselwe kakuhle, yaye abo banenxaxheba kuyo bafanele bahlale belungile kwiindawo zabo ukuze balisebenzise kakuhle ixesha abalinikiweyo kuloo nxalenye.
7 Isifundo Sencwadi Sebandla: Le yintlanganiso yeyure enye, kuquka umthandazo wokuvula nowokuqukumbela. Zonke iziqendu zimele zifundwe. Ukuqinisekisa ukuba intlanganiso iqukunjelwa ngexesha, umqhubi uya kuwahlulahlula umbandela ukuze aphephe ukugxabhagxabhisa kwinxalenye yokugqibela okanye ukugqiba kusekude ngaphambi kwexesha. Umqhubi ufanele aliphaphele ixesha elichithwa kwisiqendu ngasinye. Iingongoma eziziintloko zifanele ziqondwe ngokucacileyo. Ubuchule bomqhubi bokufundisa buya kumenza ayiphumeze le nkalo ngaphandle kwamagingxigingxi.—Tito 1:9.
8 Iintlanganiso Zenkonzo Yasentsimini: Azifanelanga zidlule kwimizuzu eli-15, kuquka nokwaba intsimi nokuqukumbela ngomthandazo. Abo balungele ukuya enkonzweni bafuna ukuqalisa kumsebenzi wenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Umqhubi ufanele ayiqalise le ntlanganiso ngexesha, engalindi ukuba kufike iqela elikhudlwana. Kwakhona, yakuba intsimi yabiwe yaye nentlanganiso ivalwe ngomthandazo, iqela linokuya ngoko nangoko entsimini. Oku kubaluleke ngokukhethekileyo koovulindlela abasenokuba bakho.
9 Sonke sinokungenelwa kwiintlanganiso eziqalisa zize ziqukunjelwe ngexesha. Oku kuxatyiswa ngokukhethekileyo ngabo banamaqabane angakholwayo alindele ukuba babe sekhaya ngexesha elithile. Xa besenza amalungiselelo ezothutho okuya nawokubuya ezintlanganisweni okanye xa bechaza ixesha abaya kubuyela ngalo ekhaya, abo basuka kwiintsapho ezahluleleneyo baya kuba benza kakuhle ukucinga ngexesha ekufuneka belichithile ngaphambi nasemva kweentlanganiso ukuze banandiphe ubudlelane nabanye, bathabathe uncwadi, njalo njalo. Ngokungathandabuzekiyo, ukuqalisa nokuqukumbela iintlanganiso ngexesha kufak’ isandla ekwenzeni izinto “ngokubekekileyo, nangolungelelwano.”—1 Kor. 14:40.