Isingxobo Semibuzo
◼ Ukuba umninimzi ukunika umnikelo ongaphezu kwalowo uchaziweyo, ngaba oko kufanele kusishukumisele ekubeni simnike uncwadi olungakumbi?
Akuyomfuneko ukuba kube njalo. Unokusebenzisa ingqiqo yakho kule nkalo, uqwalasela umdla awubonisileyo ekufundeni olo ncwadi. Usenokucebisa ukuba umzisele umninimzi iinkupho ezilandelayo zamaphephancwadi ethu ngaloo mnikelo ungaphezulu uze ngaloo ndlela wenze umzila wamaphephancwadi. Kumatyelelo alandelayo, usenokushiya uncwadi oluxubusha ngengxaki ethile yomninimzi. Ukuba umninimzi ngokuzithandela ukhupha umnikelo ongaphezulu, unokuwamkela ngobubele. Khumbula ukuba iminikelo ixhasa iinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wethu wazwenibanzi, oquka umsebenzi wethu wokwakha, abavangeli basemazweni nomsebenzi wobuvulindlela obukhethekileyo, ukongezelela ekupapasheni kwethu uncwadi. Ngoko ke, usenokuwamkela umnikelo lowo uze, ngaphandle kokunikela uncwadi okanye amaphephancwadi angakumbi, uwufake kwibhokisi yomnikelo yoMbutho kwiHolo yenu yoBukumkani okanye uwuthumele ngokungqalileyo kuMbutho.