Bonke Mabazi Ukuba Unqabiseko Lwehlabathi Lonke Lusondele
1 Kungekudala, “uMthetheli woxolo” uza kumisela uxolo nonqabiseko lokwenene emhlabeni wonke. Ukukholelwa kwethu kweli dinga leBhayibhile kufanele kusishukumisele ekubeni sabelane ngalo nabanye. (Isa. 9:6, 7; Mika 4:3, 4) Ebudeni benyanga kaJanuwari nekaFebruwari, siya kube sihambisa nayiphi na kwezi ncwadi zilandelayo zinamaphepha ali-192 ngexabiso elincitshisiweyo le-R1,00 inye: ‘Injongo Kanaphakade’ kaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu, nethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo.
2 Kwiphepha 4 lale nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, sinikele iintshayelelo eziliqela osenokuthanda ukuzisebenzisa kubulungiseleli ebudeni bukaJanuwari. Iindlela ezintathu ezisenokuba luncedo ekwalathiseleni ingqalelo yabaninimzi kwincwadi ethi Iindaba Ezilungileyo zicetyiswe kwiziqendu ezilandelayo.
3 Indlela Yoku-1: Emva kokufunda uIsaya 9:6, 7 tyhila kwiphepha 109 uze ufunde isiqendu 7. Yandula ke ubuze: “Ngaba uyakukholelwa oku? Ngaba ucinga ukuba uThixo uya kuze aliphumeze idinga lakhe lokuphelisa ubungendawo?” Mvumele aphendule, wandule ke uhlabele mgama uthi: “Le ncwadi ixubusha ngeendaba ezonwabisayo yaye ibonisa indlela ‘uMthetheli woxolo’ aya kuluzisa ngayo uxolo lwazwenibanzi emhlabeni ngexesha lethu. Ngaba unomdla wokuyifunda, yaye ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi ngehlabathi elitsha elithenjisiweyo?”
4 Indlela Yesi-2: Emva kokufunda uMika 4:3, 4, tyhila kwiphepha 189 uze ubuze umninimzi oku: “Ziziphi iimeko zoxolo ozibonayo kulo mfanekiso?” Mvumele aphendule, wandule ke uqhubeke uthi: “Kukho uxolo phakathi kwabantu beentlanga zonke. Bambi basenokucinga ukuba oorhulumente babantu baya kuluzisa uxolo olunjalo. Kodwa uxolo nonqabiseko lokwenene njengoko luxelwe kwangaphambili eBhayibhileni lumele luziswe nguThixo, kungekhona abantu. Uthini wena?” Mvumele aphendule, uze ke ufunde isiqendu 9 kwiphepha 187 uze uchaze ukuba le ncwadi iphendula imibuzo emininzi ephathelele uBukumkani noxolo emhlabeni. Mchazele umninimzi ukuba uya kukuvuyela ukumshiyela le ncwadi ngomnikelo we-R1,00.
5 Indlela Yesi-3: Kwimimandla apho abantu benomkhwa wokungenelela usathetha bengakuvumeli ukuba uyigqibe intshumayelo yakho, usenokusebenzisa le ntshumayelo: “Ndingakhe ndikubuze umbuzo?” Ukuba umninimzi uyavuma, hlabela mgama uthi: “UYesu wasifundisa ukuthandazela ukufika koBukumkani bukaThixo kwanokuba ukuthanda kwakhe kwenziwe emhlabeni njengasezulwini. Ngaba ucinga ukuba lo mthandazo uya kuze uphendulwe ukuze ukuthanda kukaThixo kwenziwe ngokwenene apha emhlabeni? Luthini olwakho uluvo?” Mvumele aphendule, wandule ke uthi: “Impendulo yeBhayibhile kuloo mbuzo ifumaneka apha kwiphepha 144.” Yandula ke ufunde isiqendu 8 kwiphepha 144, uze ubonise indlela izibhalo ezibonisiweyo kule ncwadi eziwuphendula ngayo loo mbuzo neminye emininzi ngakumbi ephathelele uxolo nonqabiseko lwehlabathi lonke.
6 Usenokuba ukhethe intshayelelo oyithandayo kwiphepha 4 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Emva kokuhlolisisa iindlela zokunikela uncwadi ezikweli nqaku, usenokufumana enye okunandiphayo ukuyisebenzisa. Zinike ithuba elaneleyo lokuqhelisela intshayelelo yakho naloo ndlela uyikhethileyo yokunikela uncwadi ngaphambi kokuya kwinkonzo yasentsimini. Ukulungiselela kwakho nenkolelo yakho yokuba uxolo nonqabiseko lokwenyaniso luya kuza ‘ngoMthetheli woxolo’ nangoBukumkani bakhe ziya kukwenza ube nenzondelelo nehlombe ngakumbi ekuhambiseni incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo.