IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/92 iphe. 8
  • Ukuqalisa Incoko Xa Ubuyela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqalisa Incoko Xa Ubuyela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Lungiselela Intshumayelo Yakho KaFebruwari
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Indlela Yokuphucula Ubuchule Bokuncokola
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Buyela Ukuze Usindise Abathile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Buyela Kubo Bonke Ababonise Umdla Ukuze Bangenelwe
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 2/92 iphe. 8

Ukuqalisa Incoko Xa Ubuyela

1 Ukuze uphumelele ukuqalisa incoko nothile oye wabonakalisa umdla kutyelelo lokuqala, zama ukwakhela koko kwakusekiwe kutyelelo lwangaphambili. Injongo yoku kukunceda loo mntu aqonde ukubaluleka kweengcamango noncwadi awalushiyelwayo ngaphambili.

2 Ziphe ixesha lokulungiselela ukwenza amabuyelo. Khetha amagqabaza abangel’ umdla akwimpapasho oyinikelayo. Sebenzisa ingqiqo ukuze ubone ubungakanani bombandela onokuwugubungela nobude bexesha onokulihlala. Kwiimeko ezininzi okona kuhle kukuxubusha ngokufutshane ingongoma enye okanye ezimbini ngaphandle kokuba kubonakaliswa umdla omkhulu. Qwalasela le mibandela ilandelayo:

3 Ziziphi iimeko esinokulindela ukuba ziziswe kwixesha elizayo kulo mhlaba ukuba uza kuba likhaya lomntu likanaphakade? Le ngxubusho isekelwe kuIsaya 35:1, 2 nakwiSityhilelo 22:1, 2, njengoko kuchazwe kwincwadi Iindaba Ezilungileyo kwiphepha 155 nelama-156.

Incoko inokuqaliswa ngokuthi:

◼ “Ukugqibelana kwethu, saxubusha ngenjongo kaThixo yokuba umhlaba uhlale ngonaphakade. Kodwa ndakushiya nombuzo owawumele ucinge ngawo, othi: Ziziphi ke iimeko ezimele zesamele? Ndiyakuvuyela ukubuyela ndize ngokufutshane ndabelane nawe ngempendulo eseBhayibhileni.”

4 Oko simele sikwenze ukuze sinandiphe ubomi phantsi koBukumkani bukaThixo. Lo mbandela unokuphuhliswa ngokusebenzisa uYohane 17:3, njengoko kuchazwe kwincwadi Iindaba Ezilungileyo kwiphepha 183.

Usenokuqalisa ngokuthi:

◼ “Ndakunandipha ukuncokola nawe ngedinga likaThixo lokuphelisa ubungendawo. [Mcele loo mntu ukuba eze nencwadi yakhe ethi Iindaba Ezilungileyo.] Umbuzo ofanele usixhalabise sonke ngulo, Yintoni esinokuyenza ukuze sikufanelekele ukungenelwa kwezi nguqulelo? Phawula oko uYesu wakuthethayo kuYohane 17:3, njengoko ecatshulwe kule ncwadi yakho kwiphepha 183.”

5 Ziziphi iintswelo eziya kwaneliswa kumhlaba oyiParadisi? Unokusebenzisa ISityhilelo 21:1-4 noIsaya 35:1, 2. Kukho amagqabaza afanelekileyo oku kwincwadi Iindaba Ezilungileyo kwiphepha 155-8.

Intshayelelo yakho isenokuthi:

◼ “Ukugqibela kwam ukuza apha [chaza umhla], sathetha ngedinga likaThixo ngoNyana wakhe lokuvusela abafileyo esibathandayo kumhlaba oyiParadisi. Ziziphi ezinye zeentsikelelo eziya kunanditshwa ngelo xesha? Ngokusekelwe eZibhalweni incwadi yakho iyazichaza ezinye zezi.” Ngokusekelwe kwiimbekiselo ezingasentla, funda indinyana enye okanye ezimbini kwezibonisiweyo zeBhayibhile namagqabaza encwadi, mhlawumbi isiqendu 10 nese-11 kwiphepha 156.

6 Abantu abaninzi baye babonakalisa umdla kwisigidimi soBukumkani esisishumayelayo. Abaninzi baye balwamkela uncwadi lwethu. Kwezinye iimeko, siphawule ukuba bayayixabisa incoko yethu yokuqala yeZibhalo. Ngoko ke, buyela kubo bonke abo baye babonakalisa umdla, uze uzame ukubafundisa inyaniso.—Mat. 10:11; 28:19, 20; Yoh. 21:17; ISityhi. 22:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share