Iindaba Ezingokobuthixo
ECongo: Sivuyiswa kukunikela ingxelo yokuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova wamkelwa ngokusemthethweni kwiPeople’s Republic yaseCongo ngoNovemba 1991.
E-Ethiopia: Bekukho incopho entsha yabavakalisi abangama-3185 ngoDisemba. Kwindibano yabo yesithili yokuqala ebiseAddis Ababa bekuze abangaphezu kwama-7000 yaye abangama-328 babhaptizwa.
EHaiti: Kunikelwa ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abangama-7248 ngoDisemba. Abavakalisi bebandla banikele ingxelo yomlinganiselo weeyure ezili-15,2 kwaza kwakho iincopho ezintsha kumabuyelo nakwizifundo.
EMzantsi Afrika: NgoMatshi 28, 1992, iBandla iZone 1 laseSeshego emntla Transvaal livuye gqitha ngokunikezela kwalo iHolo yoBukumkani yalo entsha. Ngempela-veki ekwanye neBandla laseKimberley Central belinikezela iHolo yoBukumkani yalo elungisiweyo neyandisiweyo.
EPeru: Inani labavakalisi abangama-39104 ngoDisemba limela ulwando lwe-12 ekhulwini ngaphezu kwenani lenyanga efanayo nyakenye. Isibakala esibalaseleyo sesokuba oovulindlela abangama-8842 benza ama-23 ekhulwini enani lilonke labavakalisi.