Ukubuyela Sinosukelo Lokuqalisa Isifundo SeBhayibhile
1 Sakuba ekuqaleni simfumene umntu onomdla, sifanele sisebenze ngokucokisekileyo ukuze sigcine loo mdla uvutha. Ukwenza amabuyelo kusenokusikhokelela ngokungqalileyo kwiingxubusho zeBhayibhile nezifundo zeBhayibhile eziphumela ekusindisweni kobomi. Qwalasela la macebiso okwenza amabuyelo anempumelelo.
Ekuqukumbeleni utyelelo lokuqala, usengabeka isiseko sokubuyela ngokubuza:
◼ “Ngaba ukhe wazibuza ukuba kutheni kukho iinkonzo ezininzi kangaka?” Xa ubuyela unokuthi: “Ukugqibela kwam apha, kwaphakama umbuzo ongesizathu sokuba kukho iinkonzo ezininzi kangaka. Kukho izizathu eziliqela zoku. Ndithanda ukukufundela okuthile okubangel’ umdla endikuphawulileyo xa bendihlolisisa impendulo yalo mbuzo.” Tyhila kwiphepha 249 lencwadi Ukuqiqa uze ufunde icandelo eliphantsi komxholwana othi “Kutheni le nto kukho iinkonzo ezininzi kangaka?”
2 Ngaba uThixo unokufunyanwa kuzo zonke iinkonzo? Ukuze uThixo abe kunqulo oluthile, lumele luvelise iziqhamo ezizizo.
Ukuze uqalise ibuyelo, usenokubuza:
◼ “Unqulo lufanele luyichaphazele njani ihambo yomntu? Oko kwathethwa nguYesu Kristu kuMateyu 7:17-20 kusinika imigaqo ekhokelayo yoko unqulo lokwenyaniso lulindeleke ukuba lukulandele.” Sifunde ngqo esi sibhalo esisekupheleni kwesiqendu 19 kwiphepha 12 lencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo. Yandula ke ubuze umninimzi oko akubonayo kumfanekiso okwiphepha 13. “Ngoxa izigidi zisithi ziyakholelwa kuThixo, abaninzi bayamkhanyela ngemisebenzi yabo.” Ngokulandelayo, funda izivakalisi ezibini zokuqala kwisiqendu 20. “Ezi zenzo zogonyamelo zifanisa iinkonzo ezingalulandeliyo ulwalathiso lukaKristu lokuba sithandane, nkqu neentshaba zethu. Xa ndibuya kwakhona, mhlawumbi singaxubusha oko kumelwe kwenziwe lunqulo ukuba luvelisa isiqhamo esihle.”
3 Ikamva libafumbathele ntoni abo bafuna uThixo wenyaniso? Ingxubusho yalo mbuzo esekelwe kwincwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo isenokukhokelela kwisifundo seBhayibhile.
Ukuqalisa incoko, usenokuthi:
◼ “Ekubeni iimeko zoqoqosho zilolu hlobo ngoku, abantu abaninzi bayazibuza enoba banganayo kusini na imbono eqinisekileyo ngekamva. Ndifumanise ukuba iBhayibhile ithetha ngendlela ekhuthaza gqitha ngekamva. Mandikubonise eli dinga likaThixo elikuIsaya 65:21, 22, 25. [Funda uze ngamafutshane ugqabaze ngesi sibhalo.] Le ncwadi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo iphendula imibuzo ethile ebangel’ umdla ngokuphathelele oku, ukususela apha kwisiqendu 17 kwiphepha 372.” Yandula ke ubonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile, usebenzisa isiqendu 17-20. “Kwiveki elandelayo ndingathanda ukuba siphendule lo mbuzo, Yintoni esisiseko sehlabathi elitsha elithenjiswe eBhayibhileni?”
4 Lisebenzise ngobulumko ixesha elisaseleyo ngokuba nesabelo ekunikeleni ubungqina ngokucokisekileyo ngoku okwenziwa kuzo zonke iintlanga zomhlaba. (Thelekisa IZenzo 20:21.) Ukwenza amabuyelo sinosukelo lokuqalisa isifundo seBhayibhile kunokuthetha ubomi obungunaphakade kwabo sishumayela kubo.